“Hambisa Iphephancwadi Elidala Okanye Nayiphi Na Incwadana Enemifanekiso Anomdla Kuyo Umntu”
Kwiinyanga esihambisa ngazo incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile naxa sizama ukuqalisa isifundo kutyelelo lokuqala, sikhuthazwa ukuba sihambise ‘iphephancwadi elidala okanye nayiphi na incwadana enemifanekiso anomdla kuyo umntu’ ukuba umninimzi sele enayo le ncwadi yaye akafuni kuqhutyelwa isifundo. Ngoba?
Iincwadana ezinemifanekiso kunye namaphephancwadi amadala anemixholo eyahlukahlukeneyo ethetha ngezinto ezenzekayo. Mhlawumbi kukho nto ithile ikwezi mpapasho enokuchukumisa intliziyo yomninimzi. Ngoko, xa ulungisa ibhegi yakho yasentsimini, faka neencwadana ezinemifanekiso ezahlukahlukeneyo kunye nezindala. Ukuba akunawo amaphephancwadi amadala, mhlawumbi unokuwafumana kwitafile yamaphephancwadi. Ngoko, ukuba umninimzi sele enayo incwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile abe engafuni kuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, unokumbonisa amanye amaphephancwadi okanye iincwadana ezinemifanekiso onazo uze umcele athabathe ezo anomdla kuzo. Lungiselela ukubuyela ukuze uhlakulele loo mdla anawo. Mhlawumbi uya kude avume ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.