Ngaba Unokungenelwa Kuhlelo LweMboniselo YesiNgesi Esenziwe Lula?
Uhlelo lokufundisa lweMboniselo ngoku lufumaneka nangesiNgesi esenziwe lula. Olu hlelo lulungiselelwe (1) abavakalisi abathetha isiNgesi abaya kungenelwa gqitha kukufunda ulwimi olwenziwe lula, kuba mhlawumbi bengenamfundo ibheke phi; (2) abavakalisi isiNgesi esingelulo ulwimi lwabo lweenkobe;(3) abaselula kuquka abo basesesikolweni; (4) izifundo zeBhayibhile eziya kuncedakala xa zifunda izinto zokomoya ngolwimi olulula nolungqalileyo.
Amanani eziqendu, imibuzo kwakunye nemixholo iyafana naleyo yenkupho eqhelekileyo. Oko kufundiswayo kuyafana kodwa isigama senziwe lula. Nangona umqhubi weSifundo seMboniselo nalowo ufunda iziqendu beya kusebenzisa uhlelo oluqhelekileyo, ngaphandle kokuba inkoliso yabaphulaphuli isebenzisa olu hlelo lwenziwe lula, izibhalo kunye nemizekelo ekolu hlelo lwenziwe lula iyafana naleyo ikuhlelo oluqhelekileyo yaye abo balusebenzisayo baya kukwazi ukulandela njengoko kufundwa iziqendu baze bakwazi nokugqabaza.
Nabani na ocinga ukuba luza kumnceda olu hlelo, umele athethe nesicaka samaphephancwadi aze afake ioda yakhe.