AmaNgqina KaYehova—Ukholo Olunemisebenzi, Icandelo 1: Ukuphuma Ebumnyameni
EBhayibhileni, ukukhanya kunxulunyaniswa nenyaniso ngoxa bona ubumnyama bunxulunyaniswa nobuxoki. (INdu. 43:3; Isa. 5:20) USathana wafaka ubumnyama ehlabathini xa walukuhla uEva yaye ekugqibeleni wafaka uluntu ngokubanzi kobo bumnyama. (ISityhi. 12:9) Ividiyo ethi AmaNgqina kaYehova—Ukholo Olunemisebenzi, Icandelo 1: Ukuphuma Ebumnyameni ibonisa indlela ukukhanya okwaqalisa ngayo ukuphuma kobo bumnyama. (Isa. 60:1, 2) Emva kokubukela le vidiyo, ngaba ungayiphendula le mibuzo?
(1) Emva kokufa kwabapostile, isithokothoko sobumnyama saqalisa njani ukubonakala? (2) Ukususela kwiminyaka yee-1100, yintoni eyanceda abantu babona ukuba iicawa azifundisi nyaniso? (3) Babengoobani uHenry Grew noGeorge Storrs? (4) Ziziphi iziganeko ezenzeka kubomi bukaCharles Russell nezaba nefuthe kuye? (5) UMzalwan’ uRussell, utata wakhe kunye nabanye abahlobo bakhe babeyifunda njani iBhayibhile yaye bafikelela kwiziphi izigqibo ezingokweZibhalo? (6) Kwenzeka njani ukuba eli qela labafundi beBhayibhile badibane neqela likaNelson Barbour, kodwa yintoni eyabangela ukuba uMzalwan’ uRussell ahlukane noBarbour? (7) Yintoni eyenzeka ngoJulayi 1879 neyaqalisa ukukhanya okutsha kokomoya? (8) Emva koko, aBafundi beBhayibhile ababesiya besanda benza ntoni ukuze basasaze iindaba ezilungileyo? (9) Kwiminyaka emininzi ngaphambili, yintoni ababelindele ukuba yenzeke ngowe-1914 aBafundi beBhayibhile? (10) Ziziphi iingxaki ababa nazo aBafundi beBhayibhile emva kokufa kukaMzalwan’ uRussell? (11) Benza ntoni aBafundi beBhayibhile emva kokuba uMzalwan’ uRutherford nezinxulumani zakhe bekhululwe entolongweni? (12) Ukubukela le vidiyo kukuncede njani wayazi waza wayixabisa nangakumbi intlangano kaYehova? (13) Le vidiyo ikuncede njani wazimisela nangakumbi ukushumayela ngenkuthalo naxa sele kukho iingxaki? (14) Sinokuyisebenzisa njani le vidiyo ukuze sincede izalamane, izifundo zeBhayibhile kunye nabanye?
ABafundi beBhayibhile bamandulo basishiyela ilifa lokomoya elixabisekileyo! Bakhanyisa ukukhanya ngesibindi nangenkuthalo nangona babephila kwihlabathi elisebumnyameni bokomoya. Ngamana nathi singaxelisa umzekelo wabo size ‘siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya.’—Efe. 5:8.