AmaNgqina KaYehova—Ukholo Olunemisebenzi, Inxalenye 2: Ukukhanya Makukhanye
Emva kokuba uMzalwan’ uRutherford nezinxulumani zakhe bekhululwe entolongweni ngowe-1919, aBafundi BeBhayibhile babenomsebenzi omkhulu ekwakufuneka bawenze. Njengoko kuboniswa kwividiyo ethi AmaNgqina KaYehova—Ukholo Olunemisebenzi, Inxalenye 2: Ukukhanya Makukhanye, aBafundi BeBhayibhile babeza kuba nabachasi abaninzi, baziqonde bhetele iZibhalo luze nokholo lwabo lusulungekiswe. (IMize. 4:18; Mal. 3:1-3; Yoh. 15:20) Emva kokubukela le vidiyo, ngaba ungakwazi ukuphendula le mibuzo?
(1) Ziziphi iindlela ezasetyenziswa ngaBafundi BeBhayibhile ukuze basasaze iindaba ezilungileyo? (2) Kwenzeka ntoni kwiindibano ezikhethekileyo zowe-1931 nangowe-1935? (3) Yintoni eyayibalulekile ngenkupho yeMboniselo kaNovemba 1, 1939? (4) Chaza oko kwenzeka eMadison Square Garden xa uMzalwana uRutherford wayenikela intetho enomxholo othi “Urhulumente Noxolo.”(5) Yintoni eyayibalulekile ngentetho kaMzalwan’ uKnorr eyayinomxholo othi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Luhleli?” (6) Ngowe-1942, amaNgqina kaYehova enza waphi amalungiselelo okwandisa umsebenzi wokushumayela? (7) Chaza amanye wamatyala ezomthetho aliwa eUnited States, eKhanada naseGrisi.(8) IGiliyadi yaba naliphi igalelo ekukhuleni komsebenzi wokushumayela? (9) Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo owaqalisa ngowe-1946 ibe kwakutheni?(10) Enza ntoni amaNgqina kaYehova ukuze aqiniseke ukuba ihambo yawo iyavisisana noko kubhalwe eBhayibhileni? (11) Chaza olunye lotshintsho olwenziwayo ngeminyaka yee-1970 ukuze intlangano ilandele ngokusondeleyo oko kubhalwe eBhayibhileni. (12) Ukubukela le vidiyo kukuncede njani waqonda nangakumbi ukuba uYehova ulawula yonke into eyenzeka kwintlangano yakhe? (13) Ukubukela le vidiyo kukuncede njani wazimisela nangakumbi ukuqhubeka ushumayela, enoba kukho imiqobo? (14) Singayisebenzisa njani le vidiyo ukuze sincede izalamane, izifundo zeBhayibhile kunye nabanye?
Suku ngalunye, kukho into eyenziwa ngamaNgqina kaYehova. Yintoni eza kubaliswa ngathi ngokuphathelele imigudu esiyenzayo ukuze sishumayele? Njengoko abazalwana bethu bamandulo benzayo, ngamana nathi singaqhubeka ‘sikhanyisa ukukhanya’ ngenzondelelo!—2 Kor. 4:6.