Khusela Ingqondo Yakho
1. Uthini umxholo wendibano yesithili yonyaka wenkonzo wowama-2013, yaye iyintoni injongo yale ndibano?
1 UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bathande uYehova ngentliziyo, umphefumlo nengqondo yabo iphela. (Mat. 22:37, 38) Iindibano zalo nyaka zenzelwe ukusinceda ukuba someleze umntu esinguye ngaphakathi. Njengoko nisazi, umxholo wendibano yethu yesithili yowama-2012 uthi ubusithi “Londoloza Intliziyo Yakho!” Indibano ekhethekileyo yonyaka wenkonzo wowama-2013 inomxholo othi “Khusela Isazela Sakho.” Iindibano zesiphaluka eziza kuqalisa kwinyanga ezayo ziza kuba nomxholo othi “Khusela Ingqondo Yakho,” yaye usekelwe kuMateyu 22:37. Le ndibano yenzelwe ukunceda ngamnye wethu ahlolisise izinto azicingayo ukuze aqiniseke ukuba ziyamkholisa uYehova.
2. Ziimpendulo zeyiphi imibuzo esifanele sizikhangele njengoko siphulaphule le ndibano?
2 Oko Siza Kukufundiswa: Njengoko siya kube siphulaphule, sifanele sikhangele iimpendulo zale mibuzo ilandelayo, echaza iingongoma eziphambili:
• Singakuphepha njani ukucinga iingcinga ‘zomntu’?
• Singabanceda njani abangakholwayo ukuze bayeke ukumfanyekiswa nguMtyholi?
• Sisipho isimo sengqondo esifuna ukuba naso?
• Ziziphi iingenelo zokucamngca ngezinto ezakhayo?
• Singamvumela njani uYehova asifundise indlela yokucinga?
• Yintoni enokwenziwa ngamadoda, abafazi, abazali kunye nabantwana ukuze intsapho yonwabe?
• Singayilungela njani imini kaYehova?
• Kuthetha ukuthini ukuqeqesha iingqondo zethu ukuze zilungele umsebenzi?
• Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngabo bakusebenzisayo oko bakufundayo?
3. Kutheni kubalulekile ukubakho kuzo zombini iintsuku zendibano, size siphulaphule ngenyameko yaye sikusebenzise oko sikufundileyo?
3 USathana ufuna ukonakalisa iingqondo zethu. (2 Kor. 11:3) Ngoko ke, kufuneka sikhusele iingqondo zethu size silawule iingcinga zethu. Kufuneka siqhubeke sinengqondo kaKristu size silwe nxamnye nempembelelo yeli hlabathi lingendawo. (1 Kor. 2:16) Ngoko yenza amalungiselelo okubakho kuzo zombini iintsuku zale ndibano. Phulaphula ngenyameko. Ukusebenzisa izinto esiza kuzifunda kule ndibano kuza kusinceda siqeqeshe iingqondo zethu ukuze zilungele umsebenzi woBukumkani.—1 Pet. 1:13.