IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/12 iphe. 7
  • Iindlela Ezintlanu Zokufumana ISifundo SeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindlela Ezintlanu Zokufumana ISifundo SeBhayibhile
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukhe Ubuzise Ngezihlobo Zesifundo Sakho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Ngaba Uyazinikela Ukuqhubela Abanye Izifundo ZeBhayibhile?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Icandelo 7: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
km 10/12 iphe. 7

Iindlela Ezintlanu Zokufumana ISifundo SeBhayibhile

1. Ukuba kunzima ukufumana isifundo seBhayibhile kwintsimi yethu, yintoni esifanele siyenze, yaye ngoba?

1 Ngaba kunzima kuwe ukufumana umntu onokufunda naye iBhayibhile? Ungancami. UYehova uyabasikelela abo bangayekiyo ukwenza ukuthanda kwakhe. (Gal. 6:9) Apha ngezantsi kukho amacebiso amahlanu anokukunceda.

2. Sinokusicela njani ngokungqalileyo isifundo?

2 Sicele Ngokungqalileyo: Abantu abaninzi bayazi ukuba sihambisa iMboniselo noVukani! kodwa kusenokwenzeka ukuba abazi ukuba sikwaqhuba nezifundo zeBhayibhile. Kungakuhle ukuba ukhe uzame ukumcela ngokungqalileyo umninimzi. Usenokubuza abo banomdla enoba bangathanda kusini na ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ukuba bayala, unokuqhubeka ubanika uncwadi ukuze baqhubeke benomdla. Omnye umzalwana wayedla ngokunika enye indoda kunye nomfazi wayo amaphephancwadi rhoqo. Ngenye imini, emva kokuba ebanike amaphephancwadi amatsha, wajika waza wathi kubo: “Ndicel’ ukuniqhubela isifundo seBhayibhile.” Wamangaliswa kukubeva besithi kulungile. Ngoku babhaptiziwe.

3. Kutheni singamele sigqibe kwelokuba abo beza kwiintlanganiso sele beqhutyelwa isifundo seBhayibhile? Cacisa.

3 Abo Beze Kwiintlanganiso: Musa ukucinga ukuba sele beqhutyelwa isifundo seBhayibhile bonke abantu obabona kwiintlanganiso. Omnye umzalwana uthi: “Izifundo zam ezingaphezu kwesiqingatha ngabantu endadibana nabo kwiintlanganiso.” Omnye udade wathetha nenye inkosikazi eyayineentloni, neyayineentombi ezibhaptiziweyo ezazikwibandla elinye naye. Kwakusele kuyiminyaka eli-15 le nkosikazi isiza kwiintlanganiso, ibe yayifika kwiHolo yoBukumkani ngaphambi nje kokuba kuqalise iintlanganiso ize ihambe ngoko nangoko emva kokuphela kwazo. Yavuma ukufunda iBhayibhile ibe ekugqibeleni yabhaptizwa. Lo dade uthi: “Ndibuhlungu kuba ndaye ndalinda iminyaka eli-15 ngaphambi kokuba ndicele ukufunda naye!”

4. Abanye banokusinceda njani sifumane isifundo seBhayibhile?

4 Buza Isifundo Ukuba Abakho Na Abanye Abanomdla: Omnye udade usoloko ekhapha abanye xa besiya kwizifundo zabo. Ekupheleni kwesifundo, uye abuze eso sifundo ukuba bakho kusini na abantu esibaziyo ekusenokwenzeka ukuba bangathanda ukuqhutyelwa isifundo. Xa unika ibuyelo lakho incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile usenokubuza: “Ngaba ukho omnye umntu omaziyo ongathanda ukufunda le ncwadi?” Ngamanye amaxesha, abanye abavakalisi okanye oovulindlela basenokungakwazi ukuqhuba isifundo nomntu onomdla. Ngoko ke, xelela abanye ukuba ukulungele ukuqhuba isifundo seBhayibhile.

5. Kutheni sifanele sibuze amaqabane angakholwayo amalungu ebandla ukuba angathanda na ukuqhutyelwa isifundo?

5 Amaqabane Angakholwayo: Ngaba ebandleni lakho kukho abavakalisi abatshate nabantu abangakholwayo? Abanye abantu abangakholwayo baye bangathandi ukuncokola ngeBhayibhile kunye nabantu abatshate nabo, kodwa basenokuvuma ukufundelwa ngomnye umntu. Kudla ngokuba bubulumko ukuqala uthethe neqabane elikholwayo.

6. Uluncedo kangakanani umthandazo xa uzama ukufumana isifundo seBhayibhile?

6 Umthandazo: Ungaze uwadelele amandla omthandazo. (Yak. 5:16) UYehova uthembisa ukuba uya kuziphulaphula izicelo zethu xa zivisisana nokuthanda kwakhe. (1 Yoh. 5:14) Omnye umzalwana owayexakeke kakhulu wathandazela ukuba nesifundo seBhayibhile. Inkosikazi yakhe yayicinga ukuba akanakukwazi ukusinyamekela, ingakumbi ukuba eso sifundo sineengxaki ezininzi. Ngoko wazikhankanya ezi zinto xa wayethandaza kuYehova ecelela umyeni wakhe isifundo. Imithandazo yabo yaphendulwa kwiiveki ezimbini kamva, xa omnye uvulindlela osebandleni labo wadibana nendoda eyayifuna ukufunda iBhayibhile waza wayidlulisela kulo mzalwana. Inkosikazi ithi: “Ukuba ucinga ukuba uxakeke gqitha yaye akunakukwazi kuqhuba isifundo seBhayibhile, sithandazele rhoqo ngokungqalileyo. Andizange ndicinge ukuba singonwaba kangaka.” Ukuba uyanyamezela, nawe uya kusifumana isifundo seBhayibhile, uze ufumane uvuyo lokunceda umntu angene ‘kwindlela esa ebomini.’—Mat. 7:13, 14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share