Ngaba Uyazinikela Ukuqhubela Abanye Izifundo ZeBhayibhile?
1 Abaninzi baphumelela kakuhle gqitha ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile ngokubacela ngokungqalileyo abantu ukuba bafundisise iBhayibhile. Indoda eyayingalwamkelanga uncwadi izihlandlo eziliqela yavuma ngokukhawuleza xa uthile wacela ukuyiqhubela isifundo seBhayibhile. Yaphendula: “Bendisoloko ndifuna ukuyifundisisa iBhayibhile.” Isifundo seBhayibhile saqaliswa, yaye intsapho iphela yenza inkqubela ngokukhawuleza.
2 Sonke sifanele sikuphaphele ukuqalisa izifundo. Ukuba abantu baza kwenza inkqubela ekubeni ngabafundi bakaKristu, bamele bafundiswe. (Mat. 28:19, 20) Ukuze bafundiswe, kufuneka baqhutyelwe isifundo seBhayibhile. Ngokufuthi izifundo zinokuqaliswa ngokumbonisa umninimzi indlela anokufunda okungakumbi ngayo ngeBhayibhile namadinga kaThixo. Omnye umzalwana wakwazi ukuqalisa izifundo ezihlanu ngephecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Ekubeni wayengakwazi ukuziqhuba rhoqo izifundo zeBhayibhile ezininzi kangako, waqalisa ukuzidlulisela kwabanye abavakalisi.
3 Ukuba sikufumanisa kulula ukuqalisa izifundo, sinokuhamba nabanye abavakalisi size nabo sibancede bafumane izifundo. Okanye ezinye izifundo esiziqalisayo sinokuzidlulisela kwabanye ebandleni. Ukuba ungathanda ukuqhuba isifundo seBhayibhile, kutheni ungazami ukuzinikela ukuba ubaqhubele isifundo seBhayibhile abo udibana nabo kubulungiseleli bendlu ngendlu? Kwenye imeko umvakalisi wabuyela kwintombazana ekwishumi elivisayo eyayingabonakalisanga mdla kangako. Sekunjalo, lo mvakalisi wazinikela ukuba ayiqhubele isifundo seBhayibhile, yaza yavuma. Ngoku ibhaptiziwe, yaye udade wayo nomyeni wodade wayo nabo bayeza ezintlanganisweni.—Gal. 6:6.
4 Asingabo bonke esiqalisa ukufundisisa nabo abaya kuqhubeka befundisisa. Asingabo bonke abafundisisayo abaya kungena enyanisweni. Kodwa bambi baya kwenjenjalo. Okukhona siqalisa izifundo ezingakumbi, kokukhona sisenokukwazi ukunceda abanye babe ngabadumisi bakaYehova.