IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/12 iphe. 3
  • IWebhsayithi Yethu Eyenzelwe Ukunceda Thina Nabanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IWebhsayithi Yethu Eyenzelwe Ukunceda Thina Nabanye
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Sebenzisa i-jw.org Kubulungiseleli Bakho—“Yiba Ngumhlobo KaYehova”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • I-JW.ORG—“Bubungqina Kuzo Zonke Iintlanga”
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2014
  • Luyafumaneka Uncedo
    Vukani!—2020
  • Sebenzisa IWebhsayithi Yethu Entsimini—“Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
km 12/12 iphe. 3

IWebhsayithi Yethu Eyenzelwe Ukunceda Thina Nabanye

UYesu wasiyalela ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani “kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Ukuze sincedwe ‘sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu’ kuye kwadityaniswa i-www.watchtower.org, i-www.jw-media.org, ne-www.jw.org ukuze zenze iWebhsayithi ethi-jw.org.—2 Tim. 4:5.

“Wonke Umhlaba Omiweyo”: Malunga nomntu omnye kwabathathu kubemi bomhlaba basebenzisa i-Intanethi. Sele iyeyona nto isetyenziswa ngabantu abaninzi xa befuna ukwazi okuthile, ngokukodwa ulutsha. Ijelo lethu linceda abantu abaninzi abasebenzisa i-Intanethi bafumane iimpendulo ezichanileyo kwimibuzo yeBhayibhile. Ibanceda bazi intlangano kaYehova ize yenze kube lula ukuba bazicelele ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Loo iya kwenza ukuba iindaba ezilungileyo zikwazi ukufikelela kwiindawo apho abantu kunzima ukuba beve isigidimi soBukumkani.

“Kuzo Zonke Iintlanga”: Ukuze kushunyayelwe “kuzo zonke iintlanga,” inyaniso yeBhayibhile kufuneka siyishumayele ngeelwimi ezahlukeneyo. Abo bangena kwi-jw.org baya kukwazi ukufumana inkcazelo ebhalwe ngeelwimi ezimalunga nama-400, kunayo nayiphina enye iWebhsayithi.

Qiniseka Ukuba Uyayisebenzisa: IWebhsayithi i-jw.org ayenzelwanga ukunceda abangakholwayo kuphela. Yenzelwe ukuba isetyenziswe nangamaNgqina kaYehova. Ukuba unayo i-Intanethi, siyakukhuthaza ukuba uqhelane neWebhsayithi ethi i-jw.org. Nanga amacebiso endlela okuyisebenzisa.

[Umzobo okwiphepha 3]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Khawuyizame

1 Bhala u-www.jw.org kwikhompyutha yakho

2 Unokwazi okungakumbi ngale Webhsayithi ngokucofa kwinxalenye ethi menu options, and links.

3 Zama ukungena kwi-jw.org kuso nasiphi na isixhobo esisebenzisa i-Intanethi. Yenzelwe ukuba ukwazi ukuyisebenzisa enoba unesixhobo esincinane kodwa inkcazelo yona iyafana.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share