Sebenzisa i-jw.org Kubulungiseleli Bakho—“Yiba Ngumhlobo KaYehova”
Icandelo elithi “Iimfundiso ZeBhayibhile” kwi-jw.org linendawo yabantwana enomxholo othi “Yiba Ngumhlobo KaYehova” eneengoma, iividiyo nezinto ezinokwenziwa. Ngaba ukhe wayisebenzisa kubulungiseleli bakho? Ukuba uqhubela isifundo umntu onabantwana abancinci, kutheni ungakhe umbonise yona? Oku kunokumenza ajonge nezinye izinto ezikwiWebhsayithi yethu.
Xa wayehambisa iKingdom News No. 38, omnye umzalwana wadibana nebhinqa elaqalisa ukulifunda ngoko nangoko eli phecana. Lalinabantwana abaselula ababenomdla. Lo mzalwana walixubusha ngokufutshane eli phecana waza wabonisa le ntsapho igama leWebhsayithi yethu ngasemva. Ngokubona umdla wabo, wabadlalela enye yeevidiyo zikaSihle esebenzisa isixhobo esine-intanethi awayesiphethe.
Omnye udade wachazela ibhinqa asebenza nalo elinabantwana abancinci ngeWebhsayithi yethu nezinto ezikuyo zeentsapho. Eli bhinqa langena kwi-jw.org kunye nabantwana balo. Kamva, lachazela lo dade ukuba abantwana balo bajikeleza indlu yonke becula ingoma ethi “Shumayela ILizwi,” enye yeengoma ezikwindawo ethi “Yiba Ngumhlobo KaYehova.”
Ziqhelanise nale ndawo ikwi-jw.org uze udawunlowude ividiyo, ingoma okanye enye into enokwenziwa kwisixhobo sakho esine-intanethi. Ngaloo ndlela uya kukwazi ukusebenzisa eli candelo likwi-jw.org kubulungiseleli. Esi, sisixhobo esiluncedo njengoko singamakhoboka eNkosi!—IZe. 20:19.