Ukuhlakulela Umdla Kwisigidimi SoBukumkani
1 Sekudlule ithuba elithile—mhlawumbi usuku okanye ezimbini, mhlawumbi iveki—oko wawugqibele ukuthetha nomntu owayebonise umdla kwisigidimi soBukumkani. Enokuba walamkela uncwadi lweBhayibhile okanye akazange enjenjalo, kubalulekile ukuhlakulela nawuphi na umdla ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
2 Hlolisisa oko wakubhala ngenyameko emva kotyelelo lokuqala. Uze ke, xa ufaka izinto kwingxowa yakho yokushumayela, uqinisekise ukuba uyayifaka ikopi yoncwadi owalushiyayo ukuze ubhekisele kulo ebudeni botyelelo lokubuyela.
Ukuba wawushiye incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” usenokuthi:
◼ “Ndiyavuya ukukubona kwakhona. Ukugqibelisa kwethu ukuncokola, ndakubonisa iphepha elingaphandle lale ncwadana inemifanekiso, ibe safunda isibhalo eBhayibhileni ukubonisa ukuba, ngoBukumkani bakhe, uThixo uya kulungiselela izindlu nomsebenzi ukwenzela abantu bonke. Kodwa uThixo ukwathembise nokuphelisa ukugula, ukwaluphala kwanokufa. Ngaba ukufumanisa kunzima ukukukholelwa oko? [Mvumele umninimzi aphendule.] Phawula le ngongoma ekwisiqendu 4 sale ncwadana inemifanekiso endakushiyela yona.” Sifunde esi siqendu, uze uqwalasele isibhalo okanye ezibini kwezidweliswe emazantsi ephepha. Kuqaliswa isifundo seBhayibhile!
3 Ukuze uhlahlel’ indlela utyelelo lwexesha elizayo, unokuyiqukumbela incoko ngokuthi:
◼ “Kambe ke, konke esithethe ngako kuseBhayibhileni, kodwa abantu abaninzi bayazibuza enoba banokukukholelwa ngokwenene na oko iBhayibhile ikutshoyo. Xa ndiphinda ndisiza, ndingathanda ukuchitha imizuzu embalwa ndiqwalasela lo mbandela nawe.” Xa ubuyela ukuze uhlakulele umdla, qalisa incoko ukususela kumxholwana othi “Incwadi Ecacisa IParadisi,” oqalisa kwisiqendu 5 sale ncwadana inemifanekiso.
4 Kwimimandla Uncwadi Olungahambi Kakhulu Kuyo: Kunokusetyenziswa intshumayelo ekwanye eqhelekileyo xa kutyelelwa abantu ababonisa umdla kodwa abalwamkela uncwadi. Usenokubhekisela kwincwadana enemifanekiso owababonisa yona kwincoko yangaphambili. Kusenokufuneka ubuyele izihlandlo eziliqela usebenzisa iBhayibhile neyakho incwadana enemifanekiso ngaphambi kokuba umninimzi amkele incwadana enemifanekiso. Ukuba washiya inkupho kaJulayi 1 okanye kaJulayi 15 yeMboniselo, bhekisela kwimibandela ehlobeneyo ekwincwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” xa ubuyela ngenjongo yokuhlakulela umdla.
5 Amatyelelo okubuyela akhokelela kwisifundo seBhayibhile ngencwadana enemifanekiso ethi Urhulumente anokulungiselelwa ngombandela okwiphepha 307-9 lencwadi Ukuqiqa. Okanye isifundo seBhayibhile sinokuqaliswa ngokubuza lo mbuzo: “Ngaba ubusazi ukuba eBhayibhileni kukho amathemba amabini? Elinye lelokuphila ngonaphakade emhlabeni. Le ncwadana inemifanekiso icacisa indlela okuya kwenzeka ngayo oko.” Wandule ke utyhile kwiphepha 15 lale ncwadana inemifanekiso, uze ufunde izibhalo ezithathu ezicatshuliweyo.
6 Ukuba ubuhambise amaphephancwadi amabini, incwadi enkulu, okanye incwadana enemifanekiso okanye ube nengxubusho nje yeBhayibhile enomdla nomntu othile, kuyimbopheleleko yakho ukuhlakulela loo mdla. Siyanikhuthaza nonke ukuba nizibekele ixesha elithile kuJulayi ukuze nibe nesabelo kulo msebenzi wokusindis’ ubomi.—1 Tim. 4:16.