Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala Ka-Aprili
“Sikhuthaza abamelwane bethu ukuba bafunde iBhayibhile. Kodwa abantu abaninzi bacinga ukuba kunzima ukuyiqonda. Ngaba kunjalo nakuwe? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba lithini eli phephancwadi.” Mbonise iphepha lokugqibela leMboniselo ka-Aprili 1 nize nixubushe kunye umbandela ophendula umbuzo wokuqala, nize okungenani nifunde isibhalo sibe sinye. Mshiyele amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Aprili 1
“Phantse wonke umntu esiye sathetha naye unengxaki zakhe. Ezi ngxaki zenza abantu bazibuze ngenjongo yobomi. Ubunokuthi yintoni eyona nto ibenza bangakwazi ukonwaba abantu namhlanje? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ithembisa ukuba kungekudala uThixo uza kuziphelisa zonke iingxaki esijamelene nazo. [Funda ISityhilelo 21:4.] Eli phephancwadi lixubusha ithemba lethu ngekamva nendlela esinokuyifumana ngayo injongo yobomi.”
Vukani! Aprili
“Ugonyamelo lwasekhaya yingxaki yehlabathi lonke. Abanye abantu bathi ezinye zezinto ezinegalelo yinkcubeko yaloo mntu, imvelaphi yentsapho yakhe nokuzonwabisa okunogonyamelo. Ucinga ukuba yintoni unobangela wogonyamelo lwasekhaya? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile ibonisa ulwalamano olufanelekileyo olufanele lubekho phakathi kwendoda nomfazi. [Funda amaEfese 5:33.] Eli phephancwadi ixubusha ngendlela eye yahlangulwa ngayo imitshato emininzi ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.”