IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/13 iphe. 2
  • Sebenzisa IWebhsayithi Yethu Ukuze Ufundise Abantwana Bakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sebenzisa IWebhsayithi Yethu Ukuze Ufundise Abantwana Bakho
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Sebenzisa i-jw.org Kubulungiseleli Bakho—“Yiba Ngumhlobo KaYehova”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Esesibini
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Iwebhsayithi Eyahlukileyo
    Vukani!—2014
  • Icebiso Lezinto Onokuzifunda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 10/13 iphe. 2

Sebenzisa IWebhsayithi Yethu Ukuze Ufundise Abantwana Bakho

1. KwiWebhsayithi yethu, yintoni injongo yecandelo elithi “Abantwana”?

1 IWebhsayithi yethu i-jw.org, yenziwe ngohlobo lokuba ibe nomtsalane kubo bonke abantu. Icandelo leWebhsayithi elinomxholo othi “Abantwana” (kwindawo ethi Iimfundiso ZeBhayibhile > Abantwana) linceda abantwana nabazali basondelelane baze basondele nakuYehova. (Dut. 6:6, 7) Abazali bangalisebenzisa njani eli candelo ukuze bafundise abantwana babo?

2. Ungenza njani ukuze ukhethe inkcazelo eza kunceda umntwana ngamnye?

2 Yiba Bhetyebhetye: Abantwana abafani. (1 Kor. 13:11) Ungenza njani ukuze ukhethe inkcazelo eza kunceda umntwana ngamnye? Zibuze: ‘Yintoni abaza kuyithanda abantwana bam? Ingakanani inkcazelo abaza kuyiqonda? Bakwazi ukumamela ixesha elide kangakanani?’ Ukuba unabantwana abaneminyaka emithathu okanye ngaphantsi, unokufunda amabali afumaneka kwindawo ethi “Izifundo Endizifunda EBhayibhileni.” Ezinye iintsapho zithanda amabali eBhayibhile akwicandelo elithi “Fundisa Abantwana Bakho.” Nazi, ezinye izinto onokuzenza.

3. Abazali banokuwasebenzisa njani amabali nenye inkcazelo efumaneka kwindawo ethi “Izinto Ezenziwa Kunqulo Lwentsapho”?

3 Izinto Ezinokwenziwa Kunqulo Lwentsapho: Le nkcazelo yenzelwe ukunceda iintloko ntsapho zifunde nabantwana bazo. Cofa kwindawo ebhalwe “zikhuphelele,” uze ufunde kwindawo ethi “Inkcazelo Eya Kubazali” ukuze ufunde indlela onokuwasebenzisa ngayo la mabali nenye inkcazelo elapho. Sebenzisa imifanekiso enjengaleyo ifakwa imibala ukuze ufundise abantwana. Nceda abantwana abadadlana bafunde baze babhale iimpendulo kwindawo ethi izinto ezenziwa xa kufundwa. Zonke izinto ezenziwa xa kufundwa zithetha ngebali okanye isifundo esifanayo, ukwenzela ukuba bonke abantwana abaneminyaka eyahlukahlukeneyo babe nenxaxheba kwizinto ezenziwa kunqulo lwentsapho.

4. Yiyiphi inkcazelo efumaneka phantsi kwendawo ethi “Yiba Ngumhlobo KaYehova”?

4 Yiba Ngumhlobo KaYehova: Iividiyo, iingoma nenye inkcazelo ekweli candelo leWebhsayithi yethu linceda abazali babethelele iLizwi likaThixo ezingqondweni zabantwana abancinane. (Dut. 31:12) Ividiyo nganye emfutshane yoopopayi inesifundo esibalulekileyo. Imidlalo apho abantwana kufuneka bakhangele inkcazelo ethile isibethelela ngakumbi ezingqondweni zabo eso sifundo. Ekubeni abantwana bekuthanda ukucula yaye iingoma zibanceda bazikhumbule izinto abazifundileyo—iingoma zoBukumkani nezo zibhalelwe ngokukhethekileyo abantwana zifakwa rhoqo kwiWebhsayithi.

5. Kutheni abazali befanele bacele uYehova abancede bafundise abantwana babo inyaniso?

5 Bazali, uYehova ufuna ukuba nibe ngoomama nootata abaphumelelayo. Ngoko ke, mceleni anincede nikwazi ukufundisa abantwana inyaniso. (ABagwe. 13:8) Ngoncedo oluvela kuYehova, ninako ukuqeqesha abantwana babe ‘nobulumko obusa elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.’—2 Tim. 3:15; IMize. 4:1-4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share