Nikela Ingqalelo Ekwenzeni Abafundi
1. Yintoni efunekayo ukuze abantu basindiswe?
1 Ingxelo yonyaka wenkonzo ka-2014 ibonisa indlela abantu bakaThixo abanenzondelelo nabazimisele ngayo ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mat. 24:14) Kunanini na ngaphambili sifikelela abantu abangakumbi ngomyalezo weBhayibhile ngokushumayela kwindlu ngendlu, ngamaphulo akhethekileyo okuhambisa amaphecana nezimemo nangokushumayela esidlangalaleni. Noko ke, ukuze abantu basindiswe kufuneka sibancede babe ngabafundi bakaYesu ngokufunda nabo iBhayibhile.—1 Tim. 2:4.
2. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona ukuze silungele ukucela isifundo seBhayibhile?
2 Kulungele Ukucela Isifundo SeBhayibhile: Xa umntu enomdla, ngaba uye uzicele iinkcukacha zakhe uze ubuyele kuye ngokukhawuleza ukuze uqalise isifundo seBhayibhile? Ugqibele nini ukubonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile kutyelelo lokuqala? Ugqibele nini ukucela isifundo kumntu okumzila wakho weemagazini? Ngaba ubabukelisile abantu osebenza nabo, ofunda nabo, abamelwane, izalamane okanye abanye abantu obaziyo ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? nethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile? Xa usebenzisa itroli yoncwadi, ngaba uyabachazela abo bathatha uncwadi ukuba banokufumana nesifundo seBhayibhile sasimahla?
3. Yintoni efunekayo ukuze sifundise inyaniso ngokuphumelelayo?
3 Uncedo Oluvela KuYehova NoYesu: Ngokuqala umyalelo wakhe ‘wokwenza abafundi’ ngokuthi “hambani,” uYesu wayebonisa ukuba kufuneka umgudu. Sekunjalo, akazange asiyekele kunoko wathembisa ukuba uya kuba nathi. (Mat. 28:19, 20) Ngaphezu koko, uYehova usinike umoya wakhe oyingcwele, izixhobo noqeqesho esiludingayo ukuze sifundise abantu inyaniso. (Zek. 4:6; 2 Kor. 4:7) Sinokuthandazela ‘umnqweno namandla’ okwenza lo msebenzi ubalulekileyo.—Fil. 2:13.
4. Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekwenzeni abafundi?
4 Ukushumayela iindaba ezilungileyo kusivuyisa kakhulu. Noko ke, sivuya ngakumbi xa sifundisa umntu inyaniso size simncede asithelele ‘kwindlela esa ebomini.’ (Mat. 7:14; 1 Tes. 2:19, 20) Okubaluleke nangakumbi, ngokuqhubeka sinikela ingqalelo ekwenzeni abafundi, sivuyisa uYehova ‘onganqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa onqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.’—2 Pet. 3:9.