UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ESTERE 6-10
UEstere Wazincama Ngenxa KaYehova Nabantu Bakhe
UEstere wayenenkalipho ibe ezincama ukuze amele uYehova nabantu bakhe
UEstere noMordekayi babesindile. Kodwa isindululo sikaHaman sokuba kubulawe onke amaYuda sasisasazeke mbombo zonke zobukhosi
UEstere waphinda wabeka ubomi bakhe esichengeni, ngokuvela phambi kokumkani engabizwanga. Wabalilela abantu bakhe waza wacela ukumkani ukuba atshintshe isigwebo esoyikekayo
Imithetho edluliselwa egameni likakumkani ayinakutshintshwa. Ukumkani wagunyazisa uEstere noMordekayi ukuba benze imithetho emitsha
UYehova wabanika uloyiso olukhulu abantu bakhe
Kwaphuma isindululo sesibini esigunyazisa amaYuda ukuba azikhusele
Abakhweli bamahashe bathi bhazalala kubo bonke obo bukhosi ibe amaYuda alungiselela idabi
Abantu abaninzi babubona ubungqina benceba kaThixo ibe baguqukela ebuYudeni