INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Iindlela Zokusebenzisa I-JW Library
XA UFUNDISISA:
Funda iBhayibhile netekisi yosuku.
Funda Incwadi Yonyaka, iimagazini nolunye uncwadi. Cofa olu phawu lusekhohlo
Lungiselela iintlanganiso zebandla uze ukrwelele iimpendulo
Bukela iividiyo
XA UKWIINTLANGANISO:
Jonga izibhalo ezibizwa sisithethi. Cofa olu phawu lusekhohlo ukuze ubuyele esibhalweni
Kunokuba uphathe amaphepha amaninzi aprintiweyo kwiintlanganiso, sebenzisa isixhobo sakho se-elektroniki kwinto yonke eyenziwayo uze ucule neengoma. I-JW Library ineengoma ezintsha ezingekabikho kwiculo eliprintiweyo
XA USENTSIMINI:
Bonisa umntu onomdla into ekwiJW Library, uze umncede adawunlowude iJW Library kunye noncwadi kwisixhobo sakhe se-elektroniki
Cofa olu phawu lusekhohlo ukuze ufumane ivesi yeBhayibhile
Babukelise ividiyo. Ukuba umnini-mzi unabantwana, ungadlala enye kwiividiyo ezithi Yiba Ngumhlobo KaYehova. Okanye unokumbonisa ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ukuze uvuselele umdla wesifundo seBhayibhile. Ukuba omnye umntu uthetha olunye ulwimi, unokumbonisa ividiyo ngolwimi lwakhe
Bonisa umnini-mzi isibhalo ngolunye ulwimi usebenzisa inguqulelo osandul’ ukuyidawunlowuda. Yiya esibhalweni, ucofe inombolo yevesi uze ucofe olu phawu lusekhohlo lweenguqulelo ezifanayo