UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 87-91
Hlala Kwindawo Efihlakeleyo Yoyena Uphakamileyo
‘Indawo efihlakeleyo’ kaYehova iyabukhusela ubuhlobo bethu noYehova
Namhlanje, ukuze sihlale kwindawo efihlakeleyo kaYehova kufuneka sizahlulele size sibhaptizwe
Le ndawo ayaziwa ngabantu abangakholosanga ngoYehova
Abo bakwindawo efihlakeleyo kaYehova abaphenjelelwa ngabantu okanye yiyo nantoni na enokulwenza buthathaka ukholo lwabo okanye ibenze bangamthandi uThixo
“Umbambisi weentaka” uzama ukusibambisa
Iintaka ziqavile, kunzima ukuzibambisa
Ababambisi beentaka baqaphela imikhwa yazo baze benze iqhinga lokuzibambisa
USathana, “umbambisi weentaka,” uyabaqaphela abantu bakaYehova aze abeke imigibe ukuze abenze bamlahle uThixo
Imigibe emine ebekwa nguSathana:
Ukoyika Abantu
Ukuthanda Ubutyebi
Ukuzonwabisa Ngendlela Engafanelekanga
Iingxabano