UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | INDUMISO 135-141
Senziwe Ngokungummangaliso
UDavide wacingisisa kakhulu ngeempawu zikaThixo ezibonakala kwindalo Yakhe. Zange oyike ukuphila ubomi bakhe bonke ekhonza uYehova.
UDavide wacingisisa kakhulu ngendalo, waza wagqiba ekubeni amdumise uYehova:
“Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo”
“Amathambo am ayengafihlakalanga kuwe ukwenziwa kwam emfihlekweni, xa ndalukwayo kwezona nxalenye zisezantsi zomhlaba”
“Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho”