UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | IMIZEKELISO 27-31
IBhayibhile Ichaza Umfazi Olungileyo
Isahluko 31 seMizekeliso sinomyalezo obalulekileyo oya kuKumkani uLemuweli usuka kunina. Icebiso lakhe lamnceda wazi ukuba ngonjani umfazi olungileyo.
Umfazi olungileyo uthembekile
Xa kusenziwa izigqibo zentsapho uyacebisa ngoxa ezithoba endodeni yakhe
Indoda yakhe iyamthemba ukuba uyakwazi ukwenza izigqibo zobulumko, ibe ayithi makagqithe kuyo qho esenza izigqibo
Umfazi olungileyo ukhuthele
Uthobekile yaye uyisebenzisa kakuhle imali ukuze intsapho yakhe indiliseke futhi yondleke
Usebenza nzima enyamekela indlu yakhe ubusuku nemini
Umfazi olungileyo uthanda uThixo
Uyamoyika uThixo kwaye wakha ubuhlobo kunye naye