UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 14-15
Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa
Ngaphambi nje kwePasika yango-32 C.E., uYesu wenza ummangaliso ibe loo mmangaliso nguwo wodwa obhalwe ngabo bobane ababhali beencwadi zeVangeli.
Ngokwenza lo mmangaliso, uYesu wabonisa indlela yokwenza izinto asaqhubeka eyenza nakwimihla yethu.
UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bondle abantu abaninzi, nangona babenezonka ezintlanu neentlanzi ezimbini kuphela
UYesu wathatha izonka neentlanzi waza emva kokuthandaza wazinika abafundi bakhe baza bona bazinika abantu
Okumangalisayo kukuba bonke abantu batya bonela. UYesu wondla abantu abaninzi ngezandla zabambalwa—abafundi bakhe
UYesu wachaza kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela, wayeza kulungiselela indlela yokuba abantu bafumane ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’—Mat 24:45
Ngo-1919, uYesu wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqela elincinane labazalwana abathanjisiweyo, ‘phezu kwempahla yendlu yakhe,’ abo bondliwayo.
Ngokulungiselela eli qela lincinane labazalwana abathanjisiweyo, uYesu wenza into awayeyenze ngenkulungwane yokuqala
Ndingabonisa njani ukuba ndiyayiqonda ibe ndiyayihlonela indlela uYesu ayisebenzisayo yokondla abantu ngokubafundisa ngoThixo?