UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LUKA 19-20
Funda Kumzekeliso Weemina Ezilishumi
Abantu kunye nezinto ezikulo mzekeliso zimela ntoni?
Inkosi imela uYesu
Amakhoboka amela abafundi bakaYesu abathanjisiweyo
Imali inkosi eyiphathisa amakhoboka imela inyhweba yokwenza abafundi
Lo mzekeliso ulumkisa ngento enokwenzeka xa abathanjiswa bakaKristu benokufana nekhoboka elingendawo. UYesu ulindele abafundi bakhe ukuba basebenzise izinto zabo ukuze benze abafundi.
Ndingawaxelisa njani amaKristu athanjisiweyo ekwenzeni abafundi?