Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Umzekeliso Weemina
MHLAWUMBI uYesu usekwikhaya likaZakeyu, apho ebephambukele khona kwindlela yakhe eya eYerusalem. Abafundi bakhe bakholelwa ukuba xa befika eYerusalem, uya kuvakalisa ukuba yena unguMesiya aze amise uBukumkani bakhe. Ukulungisa le ngcamango nokubonisa ukuba uBukumkani busekude ukuba bufike, uYesu wenza umzekeliso.
Ubalisa athi: “Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.” UYesu ‘ungumntu othile olinene,’ yaye izulu ‘lilizwe elikude.’ Xa efika apho, uYise uya kumnika igunya elifanele ukumkani.
Noko ke, ngaphambi kokuba ihambe, indoda elinene ibiza abakhonzi abalishumi ize ibanike ngamnye wabo imina yesilivere, isithi: “Rhwebani, ndide ndifike.” Abakhonzi abalishumi kwinzaliseko yokuqala bamela abafundi bokuqala bakaYesu. Kwinzaliseko ebanzi, bafanekisela bonke abo baza kuba ziindlalifa kunye naye kuBukumkani basezulwini.
Iimina zesilivere ziziingqekembe ezixabisekileyo zemali, nganye ilingana nomvuzo weenyanga ezintathu womsebenzi ongumlimi. Kodwa zimela ntoni iimina? Yaye kukurhweba okunjani abakhonzi abaza kukwenza ngazo?
Iimina zimela ubuncwane obunokusetyenziswa ngabafundi abazelwe ngomoya ekuveliseni iindlalifa ezingakumbi zoBukumkani basezulwini ukusa kwixesha lokufika kukaYesu njengoKumkani kuBukumkani obuthenjisiweyo. Emva kokuvuka kukaYesu nokubonakala kwakhe kubafundi bakhe, wabanika iimina zokomfuziselo zokwenza abafundi abangakumbi ibe ngaloo ndlela bebongeza kudidi loBukumkani basezulwini.
UYesu uyaqhubeka, “Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile [lo mntu uthile ulinene], bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.” Abemi bomzi ngamaSirayeli, okanye amaYuda, bengaqukwanga abafundi bakhe. Emva kokumka kukaYesu esiya ezulwini, la maYuda ngokutshutshisa abafundi bakhe akwenza kwazeka ukuba ayengafuni ukuba abe ngukumkani wabo. Ngale ndlela babesenza ngokufana nabemi bomzi abathi bathumela igqiza lezigidimi.
Abakhonzi abalishumi bazisebenzisa njani iimina zabo? UYesu uyacacisa: “Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi. Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu.”
Umkhonzi oneemina ezilishumi ufanekisela udidi, okanye iqela labafundi ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. kude kube ngoku eliquka abapostile. Abo bazuza iimina ezintlanu nabo bamela iqela ebudeni besihlandlo sexesha esikwasinye elithe, ngokwamathuba namandla alo, landisa impahla yokumkani walo phezu komhlaba. Omabini la maqela azishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo, ibe ngokomphumo, abaninzi abaneentliziyo ezilungileyo baba ngamaKristu. Abasithoba kubakhonzi barhweba ngokunempumelelo baza bandisa impahla yabo.
UYesu uhlabela mgama esithi: “Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza ndaba mna ekufikeni ndiyibize inenzala? Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.”
Ukulahlekelwa yimina yokomfuziselo kuthetha ukulahlekelwa yindawo kuBukumkani basezulwini kuloo mkhonzi ungendawo. Ewe, ulahlekwa lilungelo lokulawula, ngokungathi kunjalo, phezu kwemizi elishumi okanye imizi emihlanu. Kwakhona, phawula, ukuba lo mkhonzi akagwetywa njengongendawo ngenxa yabo nabuphi na ububi abenzayo kodwa, kunoko, ngenxa yokusilela ukusebenzela ukwandisa ubutyebi bobukumkani benkosi yakhe.
Xa imina yomkhonzi ongendawo inikwa umkhonzi wokuqala, kuphakama inkcaso: “Nkosi uneemina ezilishumi.” Phofu ke, uYesu uphendula athi: “Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.” Luka 19:11-27; Mateyu 28:19, 20.
◆ Yintoni eshukumisa uYesu ukuba enze umzekeliso weemina?
◆ Ngubani umntu othile olinene, ibe liliphi ilizwe ahambela kulo?
◆ Ngoobani abemi bomzi, yaye bayibonakalisa njani intiyo yabo?
◆ Bangoobani abakhonzi, yaye yintoni emelwa ziimina?
◆ Kutheni omnye umkhonzi kusithiwa ungongendawo, ibe kuthetha ntoni ukulahlekwa kwakhe yimina?