IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb19 Februwari iphe. 3
  • Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Amanqaku Afanayo
  • The Wonders of Creation Reveal God’s Glory
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Fundisa Abantwana Bakho NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Izinto Ezidaliweyo Zibonisa Ukuba UThixo Uyasithanda
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
mwb19 Februwari iphe. 3

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ngaba Uyazibona Iimpawu ZikaThixo Ezingenakubonwa?

Ngaba uyawubona umsebenzi omhle owenziwe nguMdali xa ujonge intyatyambo entle, iinkwenkwezi okanye iingxangxasi? Indalo isibonisa kakuhle iimpawu zikaYehova ezingenakubonwa. (Rom 1:20) Xa sizinika ithuba lokucinga ngezinto esizibonayo, siye sikwazi ukubona amandla kaThixo, uthando, ubulumko nobulungisa bakhe. Sitsho sibone nokuba unobubele.​—Nd 104:24.

Ziintoni ezidalwe nguYehova oye uzibone yonke imihla? Zikhona izinto onokuzibona njengeentaka nemithi nokuba uhlala edolophini. Ukubuka nokucinga ngezinto uYehova azidalileyo kusinceda sihlise ixhala, sizibone kakuhle izinto size siyithembe into yokuba uYehova uza kukwazi ukusikhathalela ngonaphakade. (Mat 6:25-32) Ukuba unabantwana, bancede bazibone iimpawu zikaYehova ezintle. Njengoko sisiya sizixabisa izinto ezidaliweyo esizibonayo, siza kuya sisondela kuMdali.​—Nd 8:3, 4.

BUKELA IVIDIYO ETHI THE WONDERS OF CREATION REVEAL GOD’S GLORY​—LIGHT AND COLOR UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Iikhemikali zisinceda njani ukuze sibone imibala?

  • Yintoni eyenza sibone imibala emenyezelayo?

  • Kutheni sibona imibala eyahlukahlukeneyo esibhakabhakeni?

  • Yeyiphi imibala emihle okhe oyibone apho uhlala khona?

  • Kusinceda njani ukubuka nokucinga ngendalo?

intyatyambo, Ibhabhathane, iziqhamo ezinemibala eyahlukahlukeneyo nelanga elitshonayo

Ukukhanya nemibala kusifundisa ntoni ngeempawu zikaYehova?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share