INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Yintoni Onokuyifunda Kwaba Bazalwana?
Ngaba usandul’ ukuba sisicaka solungiselelo okanye umdala? Mhlawumbi unobuchule abangenabo abadala okanye izicaka zolungiselelo ezisebandleni lakho okanye ufundile kunabo. Ungalibali ukuba ininzi into onokuyifunda kwaba bazalwana. Kanti unokufunda nakubazalwana abangasengabo abadala okanye izicaka zolungiselelo kuba benezinto abangakwaziyo ukuzenza ngenxa yeminyaka, impilo okanye iingxaki zentsapho.
BUKELA IVIDIYO ETHI WAHLONELE AMADODA ANAMAVA, EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO:
1. Yintoni eyenziwa nguMzalwan’ uRichards ebonisa ukuba uyamhlonipha uMzalwan’ uBello?
2. UBen wenza yiphi impazamo? Yintoni eyabangela ukuba enze le mpazamo?
3. UBen wafunda ntoni kuElisha?
4. Yintoni enokwenziwa ngumzalwana okanye udade ebonisa ukuba uyawahlonipha amanye amaKristu ekudala esenkonzweni kwaye uyafunda kuwo?