IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb19 Agasti iphe. 5
  • Lutsha​—Khuthalelani Ukwenza “Imisebenzi Emihle”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lutsha​—Khuthalelani Ukwenza “Imisebenzi Emihle”
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubonakalisa Inkxaso Koovulindlela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Iintsikelelo Zobulungiseleli Bobuvulindlela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Dumisa UYehova Ngokuba Nguvulindlela
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Uhlengahlengiso Kwisisikelo Seeyure Zoovulindlela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
mwb19 Agasti iphe. 5

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Lutsha​—Khuthalelani Ukwenza “Imisebenzi Emihle”

Kwileta ephefumlelweyo awayibhalela uTito, uPawulos wakhuthaza amadoda asematsha, kuquka noTito, ukuba enze konke anokukwenza ukuze ‘kwizinto zonke abe ngumzekelo wemisebenzi emihle.’ (Tit 2:6, 7) Kwakwisahluko esinye, wachaza ukuba uYesu wayeza kubacoca abantu bakaYehova ukuze bakhuthalele ukwenza “imisebenzi emihle.” (Tit 2:14) Enye yezo zinto zintle kukushumayela nokufundisa ngoBukumkani bukaThixo. Ukuba usemtsha, ngaba ungawasebenzisa amandla onawo ngokuba nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi?​—IMi 20:29.

Xa ufuna ukuba nguvulindlela, qala ucinge ukuba uza kwenza njani ukuze ube nguye. (Luk 14:28-30) Cinga ngezi zinto: Uza kuyifumana phi imali yokuziphilisa xa ukwinkonzo yexesha elizeleyo? Uza kuzifikelela njani iiyure ezilindeleke kuvulindlela? Cela uYehova akuncede. (Nd 37:5) Thetha nabazali bakho kunye noovulindlela ngale nto ofuna ukuyenza, nangendlela ocinga ukuyenza ngayo. Emva koko, yenza izinto eziza kukunceda ube nguvulindlela. Ungathandabuzi ukuba uYehova uza kukusikelela njengoko ukukhuthalele ukwenza izinto ezintle enkonzweni yakhe!

BUKELA IVIDIYO ETHI ULUTSHA OLUZUKISA UYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iingxaki abanye ababenazo ngaphambi kokuba ngoovulindlela, ibe bancedwa yintoni?

  • Abazali bangabanceda njani abantwana babo babe ngoovulindlela abathe ngxi?

  • Kutheni kubalulekile ukubhala phantsi amaxesha oza kushumayela ngawo?

  • Abantu abasebandleni bangamkhuthaza baze bamncede njani uvulindlela?

  • Zeziphi iintsikelelo abazifumanayo oovulindlela?

Udade oselula uthetha notata wakhe ngokuba ufuna ukuba nguvulindlela; umzalwana oselula onguvulindlela ubhala phantsi iintsuku nexesha azoshumayela ngalo; udade onguvulindlela oselula usentsimini nomnye udade; udade onguvulindlela oselula uqhuba isifundo seBhayibhile

Ndingenza njani ukuze ndibe nguvulindlela?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share