IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb20 Agasti iphe. 5
  • Dumisa UYehova Ngokuba Nguvulindlela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Dumisa UYehova Ngokuba Nguvulindlela
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amathuba OngezelelekileyoOkumbonga UYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Usukelo Olubalulekileyo Lonyaka Omtsha Wenkonzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Ngaba Ungakwazi Ukuba Nguvulindlela Ongumncedani?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
mwb20 Agasti iphe. 5
Umzalwana ufundela umntu oselwandle isibhalo.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Dumisa UYehova Ngokuba Nguvulindlela

AmaSirayeli ayenezizathu ezicace gca zokudumisa uYehova. Wawakhupha eYiputa waza wawasindisa kumkhosi kaFaro! (Eks 15:1, 2) UYehova uqhubeka ebenzela izinto ezintle abantu bakhe. Singabonisa njani ukuba siyambulela?​—Nd 116:12.

Enye yeendlela esinokumbulela ngazo kukuba nguvulindlela othe ngxi okanye ongumncedani. Ungathandaza ukuze ube nomnqweno namandla okuba nguvulindlela. (Fil 2:13) Abantu abaninzi baqale babe ngoovulindlela abangabancedani. Usenokukhetha ukushumayela iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50 ngoMatshi nangoAprili nangenyanga yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Xa ubona indlela okonwabisa ngayo ukuba nguvulindlela ongumncedani, mhlawumbi ungaba nguvulindlela othe ngxi. Nabantu abasebenza iveki yonke kunye nabanengxaki yempilo baye bakwazi ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. (mwb16.07 8) Siqinisekile ukuba uYehova ufanelwe kukudunyiswa ngazo zonke iindlela esizama ukumdumisa ngazo!​—1 Kro 16:25.

BUKELA IVIDIYO ETHI OODADE ABATHATHU BASEMONGOLIA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Umfanekiso okwividiyo ethi, ‘Oodade Abathathu BaseMongolia.’ U-Undraa, omnye woovulindlela ulungiselela ukuhamba ngebhasi.

    Bobuphi ubunzima ekwafuneka aba dade bathathu bamelane nabo ukuze babe ngoovulindlela?

  • Umfanekiso okwividiyo ethi, ‘Oodade Abathathu BaseMongolia.’ UOyun, omnye woovulindlela usebenza eBheteli.

    Baye basikelelwa njani?

  • Umfanekiso okwividiyo ethi, ‘Oodade Abathathu BaseMongolia.’ UDorjkhand, omnye woovulindlela usentsimini.

    Ukuba ngoovulindlela kubavulele awaphi amathuba okukhonza uYehova?

  • Umfanekiso okwividiyo ethi, ‘Oodade Abathathu BaseMongolia.’ Oodade abathathu abangoovulindlela nomawma wabo.

    Umzekelo wabo ubancede njani abanye?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share