INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Dumisa UYehova Ngokuba Nguvulindlela
AmaSirayeli ayenezizathu ezicace gca zokudumisa uYehova. Wawakhupha eYiputa waza wawasindisa kumkhosi kaFaro! (Eks 15:1, 2) UYehova uqhubeka ebenzela izinto ezintle abantu bakhe. Singabonisa njani ukuba siyambulela?—Nd 116:12.
Enye yeendlela esinokumbulela ngazo kukuba nguvulindlela othe ngxi okanye ongumncedani. Ungathandaza ukuze ube nomnqweno namandla okuba nguvulindlela. (Fil 2:13) Abantu abaninzi baqale babe ngoovulindlela abangabancedani. Usenokukhetha ukushumayela iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50 ngoMatshi nangoAprili nangenyanga yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Xa ubona indlela okonwabisa ngayo ukuba nguvulindlela ongumncedani, mhlawumbi ungaba nguvulindlela othe ngxi. Nabantu abasebenza iveki yonke kunye nabanengxaki yempilo baye bakwazi ukuba ngoovulindlela abathe ngxi. (mwb16.07 8) Siqinisekile ukuba uYehova ufanelwe kukudunyiswa ngazo zonke iindlela esizama ukumdumisa ngazo!—1 Kro 16:25.
BUKELA IVIDIYO ETHI OODADE ABATHATHU BASEMONGOLIA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Bobuphi ubunzima ekwafuneka aba dade bathathu bamelane nabo ukuze babe ngoovulindlela?
Baye basikelelwa njani?
Ukuba ngoovulindlela kubavulele awaphi amathuba okukhonza uYehova?
Umzekelo wabo ubancede njani abanye?