UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | GENESIS 3–5
Izinto Ezibuhlungu Ezenzekayo Ngenxa Yobuxoki Obathethwa E-Eden
Emva kokuba uSathana eqhathe uEva, akazange aphinde ayeke ukubalahlekisa abantu. (ISi 12:9) Zibabhekelisa njani abantu kuYehova izinto uSathana axoka ngazo? Zibenza bacinge ukuba:
Akukho Thixo
UThixo nguBathathu emnye
UThixo akanalo igama
UThixo utshisa abantu esihogweni
Yonke into eyenzekayo kukuthanda kukaThixo
UThixo akanaxesha labantu
Azikucaphukisi ezi zinto zithethwa nguSathana ngoThixo?
Wena, ungenza ntoni ukuze umthethelele uYehova?