Imfundiso Yobuthixo Nxamnye Neemfundiso Zeedemon
“Inxenye iya kumka elukholweni . . . inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.”—1 TIMOTI 4:1.
1. Liliphi idabi amaKristu asembindini walo?
KHAWUZITHELEKELELE uphila ubomi bakho bonke kummandla wemfazwe. Bekuya kuba njani ukulala ngezithonga zemipu uze uvuke ngezithonga zoombayimbayi? Kulusizi ukuba, kwiinxalenye ezithile zehlabathi, abantu baphila kanye kwimeko elolo hlobo. Noko ke, ngengqiqo yokomoya, onke amaKristu aphila ngale ndlela. Asembindini wedabi elikhulu ebeligquba kangangeminyaka emalunga nama-6 000 nelishushu ngakumbi kule mihla yethu. Yiyiphi le mfazwe eqhube ixesha elide kangaka? Lidabi phakathi kwenyaniso nobuxoki, kungquzulana imfundiso yobuthixo kunye neemfundiso zeedemon. Asikokubaxa ukuthi olu lolona ngquzulwano lungenatarhu nolona luye lwaqengq’ ugodo kanobom embalini yoluntu—phofu ke ezi ntlaselo zivela cala-nye.
2. (a) Ngokutsho kukaPawulos, ngawaphi amacala amabini achaseneyo? (b) Wayethetha ukuthini uPawulos ngokuthi ‘ukholo’?
2 Umpostile uPawulos wawakhankanya la macala mabini olu ngquzulwano xa wabhalela uTimoti esithi: “UMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.” (1 Timoti 4:1) Phawula ukuba iimfundiso zeedemon zaziya kuba nempembelelo ekhethekileyo “ngamaxesha asemva.” Siphila kuloo maxesha, wayebhekisela kuwo uPawulos ngomhla wakhe. Kwakhona, phawula oko kuchasene neemfundiso zeedemon, oko kukuthi ‘ukholo.’ Apha, ‘ukholo’ lufanekisela imfundiso yobuthixo, esekelwe kumazwi kaThixo aphefumlelweyo aseBhayibhileni. Olu kholo lunik’ ubomi. Lumfundisa umKristu ukwenza ukuthanda kukaThixo. Luyinyaniso ekhokelela kubomi obungunaphakade.—Yohane 3:16; 6:40.
3. (a) Kwenzeka ntoni kwiingxwelerha zedabi eliphakathi kwenyaniso nobuxoki? (b) Ngubani ophembelela iimfundiso zeedemon?
3 Nabaphi na abatyekayo kolu kholo baphulukana nobomi obungunaphakade. Baziingxwelerha zemfazwe. Hayi indlela olusizi ngayo umphumo wokuzivumela ulahlekiswe ziimfundiso zeedemon! (Mateyu 24:24) Thina ngokwabantu ngabanye singakuphepha njani ukuba ziingxwelerha? Ngokuthi sizigatye ngokupheleleyo ezi mfundiso zobuxoki, eziphumeza kuphela injongo ‘yomphathi weedemon,’ uSathana uMtyholi. (Mateyu 12:24) Lizicacele elokuba, iimfundiso zikaSathana zibubuxoki, ekubeni kwaSathana lowo ‘enguyise wamaxoki.’ (Yohane 8:44) Phawula indlela awabusebenzisa ngokuchulwe ngayo ubuxoki ekulahlekiseni abazali bethu bokuqala.
Ukutyhilwa Kweemfundiso Zeedemon
4, 5. Bubuphi ubuxoki uSathana awabuxelela uEva, yaye kutheni oko kwakukukungcola nje?
4 Iziganeko zibhalwe eBhayibhileni kwiGenesis 3:1-5. Esebenzisa inyoka, uSathana waya kumfazi uEva waza wambuza esithi: “Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” Lo mbuzo ubonakala ungenabungozi, kodwa khawukhe uwuhlole kwakhona. “Utshilo na okunene?” USathana uvakala ekhwankqisiwe, ngokungathi uthi, ‘Angathini uThixo ukuthetha into elolo hlobo?’
5 Ngokunyanisekileyo, uEva wavuma ukuba kwakunjalo. Wayeyazi imfundiso yobuthixo kulo mba, okokuba uThixo wayemxelele uAdam ukuthi babeya kufa ukuba babethe badla kumthi wokwazi okulungileyo nokubi. (Genesis 2:16, 17) Ngokucacileyo umbuzo kaSathana wavusa umdla wakhe, ngoko wabaz’ indlebe njengoko wayefikelela kwingongoma awayesiya kuyo kakade: “Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa.” Okunjani kona ukungcola awakuthethayo! USathana watyhola uYehova, uThixo wenyaniso, uThixo oluthando, uMdali, ngelithi uyabaxokisela abantwana Bakhe abangabantu!—INdumiso 31:5; 1 Yohane 4:16; ISityhilelo 4:11.
6. USathana wakucel’ umngeni njani ukulunga nokongama kukaYehova?
6 Kodwa uSathana wathetha nokungakumbi. Wahlabela mgama esithi: “Kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” NgokukaSathana, uYehova uThixo—owabalungiselela ngokuyintabalala abazali bethu bokuqala—wayefuna ukubavimba into emangalisayo. Wayefuna ukubathintela bangabi njengoothixo. Ngaloo ndlela, uSathana wayekucel’ umngeni ukulunga kukaThixo. Kwakhona wayekhuthaza ukuzanelisa ngokobuqu nokutyeshelwa ngabom kwemithetho kaThixo, esithi ukwenjenjalo kwakuya kuba yingenelo. Eneneni, uSathana walucel’ umngeni ulongamo lukaThixo kwindalo Yakhe, ebanga ukuba uThixo wayengenalungelo lakubeka miqathango koko umntu wayekwenza.
7. Zaqala nini ukuvakala iimfundiso zeedemon, yaye zifana njani namhlanje?
7 Loo mazwi kaSathana aba kukuqala kokuvakala kweemfundiso zeedemon. Ezi mfundiso zingendawo zisakhuthaza imilinganiselo efanayo engeyoyabuthixo. Kanye njengoko wenzayo kumyezo wase-Eden, uSathana, ngoku othelelwa ngabanye oomoya abanemvukelo, usalicel’ umngeni ilungelo likaThixo lokumisela imilinganiselo ngendlela emakwenziwe ngayo izinto. Usaluchasa ulongamo lukaYehova yaye uzama ukuphembelela abantu ukuba bangamthobeli uBawo wabo osemazulwini.—1 Yohane 3:8, 10.
8. Yintoni uAdam noEva abaphulukana nayo e-Eden, kodwa uYehova wangqineka njani enyanisile?
8 Koko kungquzulana kokuqala kwidabi eliphakathi kwemfundiso yobuthixo kunye neemfundiso zeedemon, uAdam noEva benza isigqibo esiphosakeleyo baza baphulukana nethemba labo lobomi obungunaphakade. (Genesis 3:19) Ekuhambeni kweminyaka, njengoko imizimba yabo yayiqalisa ukudodobala, lalibacacele mhlophe elokuba ngubani owayexoka ingubani nowayebaxelele inyaniso emva e-Eden. Noko ke, kangangamakhulu eminyaka ngaphambi kokufa kwabo enyameni, baba ziingxwelerha zokuqala kwidabi eliphakathi kwenyaniso nobuxoki xa uMdali wabo onguMthombo wobomi, wabagweba njengabangafanelanga kuphila. Oko kwakuxa bafayo ngokomoya.—INdumiso 36:9; thelekisa amaEfese 2:1.
Iimfundiso Zeedemon Namhlanje
9. Zande kangakanani iimfundiso zeedemon ukutyhubela iinkulungwane?
9 Njengoko kubhaliwe kwincwadi yeSityhilelo, umpostile uYohane ngokuphefumlelwa wasiwa ‘kwimini yeNkosi,’ yona eyaqalisa ngowe-1914. (ISityhilelo 1:10) Ngelo xesha uSathana needemon zakhe baphoselwa ngaphandle kwezulu kummandla womhlaba—nto leyo eyamethisa amandla kakhulu lo mchasi woMdali wethu Ozukileyo. Alizange libe saviwa kwakhona ilizwi lakhe ezulwini emangalela rhoqo abakhonzi bakaYehova. (ISityhilelo 12:10) Kodwa ke, zanda kangakanani iimfundiso zeedemon emhlabeni ukususela e-Eden? Ingxelo ithi: “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela.” (ISityhilelo 12:9) Lonke ihlabathi laba sisisulu sobuxoki bukaSathana! Akafane nje uSathana ebizwa ngokuba ‘ngumphathi weli hlabathi’!—Yohane 12:31; 16:11.
10, 11. Basebenza ngaziphi iindlela namhlanje uSathana needemon zakhe?
10 Ngaba uSathana wavuma ukuba woyisiwe emva kokuba ekhutshiwe ezulwini? Hayi khona! Wazimisela ukuthi gqolo ehlasela imfundiso yobuthixo nabo banamathele kuyo. Akuba nje elahlelwe ngaphandle kwezulu, uSathana waqhubeka nemfazwe yakhe: “Yamqumbela umfazi inamba [enguSathana], yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu.”—ISityhilelo 12:17.
11 Ukongezelela ekulweni nabakhonzi bakaThixo, uSathana ukwakhukulisa ihlabathi ngeengcamango zakhe, ezabalazela ukuzifaka zitshone iinzipho zakhe eluntwini. Komnye wemibono yakhe yeSityhilelo engemini yeNkosi, umpostile uYohane wabona izilwanyana zasendle ezithathu ezazifuzisela uSathana, intlangano yakhe yasemhlabeni yezobupolitika, negunya lehlabathi elilawulayo ngexesha lethu. Kwimilomo yazo zozithathu, kwakuphuma amasele. Wona ayefuzisela ntoni? UYohane ubhala esithi: “Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.” (ISityhilelo 16:14) Ngokucacileyo, iimfundiso zeedemon zisebenza ngamandla emhlabeni. USathana needemon zakhe basalwa nxamnye nemfundiso yobuthixo, yaye baya kuqhubeka besenjenjalo de banyanzeliswe ukuba bayeke nguYesu Kristu, uKumkani onguMesiya.—ISityhilelo 20:2.
Ukufanisa Iimfundiso Zeedemon
12. (a) Kutheni kuyinto enokwenzeka ukuxhathisa iimfundiso zeedemon? (b) USathana uzame njani ukuphumeza iinjongo zakhe kubakhonzi bakaThixo?
12 Abantu aboyik’ uThixo banganako kusini na ukuzixhathisa iimfundiso zeedemon? Ngokwenene banganako, ngezizathu ezibini. Okokuqala, ngenxa yokuba imfundiso yobuthixo inamandla ngakumbi; yaye okwesibini, ngenxa yokuba uYehova uye wawabhenca amacebo kaSathana ukuze sibe nokuwaxhathisa. Njengoko umpostile uPawulos watshoyo, “amaqhinga akhe siyawazi.” (2 Korinte 2:11) Siyazi ukuba uSathana usebenzisa intshutshiso njengenye indlela yokuphumeza injongo yakhe. (2 Timoti 3:12) Noko ke, ngokuchulwe ngakumbi, uzama ukuphembelela iingqondo neentliziyo zabo bakhonza uThixo. Wamlahlekisa uEva waza wafaka iminqweno ephosakeleyo entliziyweni yakhe. Uzama kwainto efanayo nanamhlanje. UPawulos wababhalela oku abaseKorinte: “Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.” (2 Korinte 11:3) Khawuphawule nje indlela aye wakonakalisa ngayo ukucinga koluntu ngokubanzi.
13. Bubuphi ubuxoki uSathana aye wabuxelela uluntu ukususela e-Eden?
13 KuEva, uSathana watyhola uYehova ngokuxoka waza wathi abantu babenokuba njengoothixo ukuba babengamthobeli uMdali wabo. Imeko yokuba nesono koluntu namhlanje ingqina ukuba nguSathana, kungekhona uYehova, owayelixoki. Abantu namhlanje abangabo oothixo! Phofu ke, uSathana wabusekela obo buxoki ngobunye ubuxoki. Wavelisa ingcamango yokuba umphefumlo womntu awufi. Ngoko warhalisela uluntu ngenyhweba yokuba kwakunokwenzeka lube njengoothixo ngenye indlela. Ngoko, ngokusekelwe kuloo ngcamango yobuxoki, wavelisa imfundiso yesihogo somlilo, yentlambululo-miphefumlo, yokusebenzelana nemimoya, neyokunqulwa kweminyanya. Obu buxoki busakhobokisa amakhulu ezigidi.—Duteronomi 18:9-13.
14, 15. Iyintoni inyaniso ngokufa nangethemba lomntu ngekamva?
14 Kambe ke, oko uYehova wakuxelela uAdam kwakuyinyaniso. Eneneni uAdam wafa xa wamonayo uThixo. (Genesis 5:5) Xa uAdam nenzala yakhe bafayo, baba yimiphefumlo efileyo, bengenangqiqo kwaye bengenakwenza nto. (Genesis 2:7; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4) Ngenxa yokusizuz’ ilifa isono kuAdam, yonke imiphefumlo engabantu iyafa. (Roma 5:12) Phofu ke, emva e-Eden, uYehova wathembisa ukuza kwembewu eyayiza kutshitshisa imisebenzi kaMtyholi. (Genesis 3:15) Loo Mbewu yayinguYesu Kristu, uNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo. UYesu wafa engenasono, yaye ubomi bakhe obabulidini baba yintlawulelo yokukhulula ngentengo uluntu kwimeko yalo yokufa. Abo bathi ngentobelo baqhelisele ukholo kuYesu banethuba lokuzuza ubomi obungunaphakade awaphulukana nabo uAdam.—Yohane 3:36; Roma 6:23; 1 Timoti 2:5, 6.
15 Intlawulelo, yiyo elithemba lokwenene loluntu, kungekhona ingcamango emfiliba yokuba umphefumlo awufi. Le yimfundiso yobuthixo. Iyinyaniso. Ikwayimbonakaliso emangalisayo yothando nobulumko bukaYehova. (Yohane 3:16) Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo kuba siye safunda le nyaniso saza sakhululwa kwiimfundiso zeedemon kwezi nkalo!—Yohane 8:32.
16. Yiyiphi imiphumo ehlala ihleli xa abantu bekholose ngobulumko babo?
16 Ngobuxoki bakhe kumyezo wase-Eden, uSathana wakhuthaza uAdam noEva ukuba balangazelele ukuzimela geqe kuThixo baze bakholose ngobulumko babo. Namhlanje, sibona imiphumo ehlala ihleli yoko kulwaphulo-mthetho, ukudodobala kwezoqoqosho, iimfazwe, nomkhethe omkhulu okhoyo ehlabathini namhlanje. Akufane ke ngoko iBhayibhile isithi: “Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo”! (1 Korinte 3:19) Sekunjalo, inkoliso yabantu ithi ngobudenge ikhethe ukubandezeleka kunokunikela ingqalelo kwiimfundiso zikaYehova. (INdumiso 14:1-3; 107:17) AmaKristu, amkele imfundiso yobuthixo, ayakuphepha ukuwela kuloo mgibe.
17. Kukuphi ‘oko kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa’ aye uSathana wakukhuthaza, yaye ziyintoni iziqhamo zako?
17 UPawulos wambhalela oku uTimoti: “Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa; abasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo.” (1 Timoti 6:20, 21) Oko “kwazi” kukwafanekisela iimfundiso zeedemon. Ngomhla kaPawulos, kusenokuba kwakubhekisela kwiingcamango zowexuko ezazikhuthazwa ngabathile ebandleni. (2 Timoti 2:16-18) Kamva, oko kwakubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa, njengobuGnostiki nentanda-bulumko yamaGrike, kwalonakalisa ibandla. Ehlabathini namhlanje, ukungakholelwa kuThixo, inkolelo yokuba uThixo akanakwaziwa, iingcamango zendaleko, nohlalutyo oluqatha lweBhayibhile ziyimizekelo yoko kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa, njengoko kunjalo nangeengcamango ezingezozazibhalo ezikhuthazwa ngabawexuki banamhlanje. Iziqhamo zako konke oku kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa ziyabonakala ekuwohlokeni kokuziphatha, ekwandeni ngokubanzi kokungahlonelwa kwegunya, ekunganyanisekini, nasekuzingceni okuphawulekayo kwinkqubo yezinto kaSathana.
Ukunamathela Kwimfundiso Yobuthixo
18. Ngoobani namhlanje abafuna imfundiso yobuthixo?
18 Nakubeni uSathana ebekhukulisa ihlabathi ngeemfundiso zeedemon ukususela ngexesha lase-Eden, bekusoloko kukho abathile ababefuna imfundiso yobuthixo. Bona abo bazizigidi namhlanje. Baquka amaKristu athanjisiweyo aseleyo anethemba eliqinisekileyo lokulawula noYesu kuBukumkani bakhe basezulwini kunye nesihlwele esikhulu esandayo ‘sezinye izimvu’ esinethemba lokuwudla ilifa ummandla wasemhlabeni wobo Bukumkani. (Mateyu 25:34; Yohane 10:16; ISityhilelo 7:3, 9) Namhlanje, aba baye bahlanganiselwa ndawonye kwintlangano enye yazwenibanzi ekusebenza kuyo amazwi kaIsaya athi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.”—Isaya 54:13.
19. Ukufundiswa nguYehova kuquka ntoni?
19 Ukufundiswa nguYehova kuthetha okungakumbi kunokwazi nje imfundiso yokwenyaniso—nakuba nako oko kubalulekile. UYehova usifundisa indlela yokuphila, indlela yokusebenzisa imfundiso yobuthixo kubomi bethu bobuqu. Ngokomzekelo, siyakuxhathisa ukuzingca, ukuziphatha okubi, nomoya wokuzimela geqe oxhaphakileyo kwihlabathi elisingqongileyo. Sikugqala ukunyolukela ubutyebi kweli hlabathi njengokubulalayo—njengoko kunjalo ngenene. (Yakobi 5:1-3) Asize siyilibale imfundiso yobuthixo evakaliswe kumazwi ompostile uYohane athi: “Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye.”—1 Yohane 2:15.
20, 21. (a) Ziintoni uSathana azisebenzisayo kwimigudu yakhe yokumfamekisa abantu? (b) Ziziphi iintsikelelo ezifunyanwa ngabo banamathela kwimfundiso yobuthixo?
20 Umphumo iimfundiso zeedemon eziba nawo kumaxhoba azo ubonwa kumazwi uPawulos awawabhekisa kwabaseKorinte esithi: “[USathana uye] wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.” (2 Korinte 4:4) USathana ebengathanda ukuwamfamekisa ngale ndlela namaKristu okwenyaniso. Emva e-Eden, wasebenzisa inyoka ukulahlekisa omnye wabakhonzi bakaThixo. Namhlanje, usebenzisa imifanekiso eshukumayo neenkqubo zikamabonwakude ezinobundlobongela okanye ukuziphatha okubi. Usebenzisa kakubi oonomathotholo, uncwadi nomculo. Esona sixhobo asisebenzisa ngamandla lunxulumano olubi. (IMizekeliso 4:14; 28:7; 29:3) Ngalo lonke ixesha zigqale ezi zinto ngobunjalo bazo bokwenene—njengamacebo neemfundiso zeedemon.
21 Khumbula ukuba, amazwi kaSathana e-Eden ayebubuxoki; amazwi kaYehova angqineka eyinyaniso. Ukususela kuloo mihla yamandulo, kuye kwaqhubeka kunjalo. USathana uye wasoloko engqineka elixoki, kwaye yona imfundiso yobuthixo iye yahlala iyinyaniso. (Roma 3:4) Ukuba sinamathela kwiLizwi likaThixo, siya kusoloko sikwicala eloyisayo kwidabi eliphakathi kwenyaniso nobuxoki. (2 Korinte 10:4, 5) Ngoko, masizimisele ukuzikhaba ngawo omane zonke iimfundiso zeedemon. Ngaloo ndlela siza kunyamezela de kube lixesha laxa imfazwe ephakathi kwenyaniso nobuxoki iya kube idlule. Inyaniso iya kube yoyisile. USathana uya kube engasekho, ibe kuya kuviwa imfundiso yobuthixo kuphela emhlabeni.—Isaya 11:9.
Ngaba Unokucacisa?
◻ Zaviwa nini okokuqala iimfundiso zobudemon?
◻ Bubuphi obunye bobuxoki obukhuthazwa nguSathana needemon zakhe?
◻ Ziziphi iindlela asebenza ngokubalaseleyo ngazo namhlanje uSathana?
◻ Usebenzisa ntoni uSathana ekukhuthazeni iimfundiso zeedemon?
◻ Ziziphi iintsikelelo ezifunyanwa ngabo banamathela kwimfundiso yobuthixo?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Imfundiso yobudemon yaviwa okokuqala kumyezo wase-Eden
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Imfundiso yobuthixo engentlawulelo noBukumkani inikela ekuphela kwethemba loluntu