UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EKSODUS 8-9
UFaro Onekratshi Wayengazi Ukuba Uphumeza Intando KaThixo
Ookumkani baseYiputa babezijonga njengoothixo. Le nto isinceda siqonde ukuba kwakutheni ukuze uFaro abe nekratshi kangaka, de angafuni ukumamela uMoses noAron kwakunye nababingeleli bakhe abenza imilingo.
Ngaba uyawamamela amacebiso abanye? Ngaba uye umbulele umntu xa ekulungisa? Okanye ngaba usoloko ucinga ukuba eyakho indlela yokwenza izinto yeyona ichanileyo? “Ikratshi liphambi kwentlekele.” (IMi 16:18) Kubalulekile ukuba uzigade ungabi nakratshi!