INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
UYehova Uyabakhusela Abantu Bakhe
IPasika yokuqala yayibaluleke kakhulu. Ngobo busuku, emva kokuba uFaro ebone ukuba izibulo lakhe liswelekile, wathi kuMoses: “Vukani, phumani phakathi kwabantu bam, wena namaSirayeli. Hambani niyokukhonza uYehova, ngokutsho kwenu.” (Eks 12:31) UYehova wayenza yacaca into yokuba uyabakhusela abantu bakhe.
Xa sijonga izinto ebezisenzeka kubantu bakaYehova kule minyaka iyi-100 idlulileyo, sibona kakuhle ukuba uYehova uqhubeka ebakhokela ibe uyabakhusela. Le nto siyibona kwimyuziyam ekwikomkhulu lehlabathi enegama elithi, “Indawo Ebizwa Ngegama LikaYehova.”
BUKELA IVIDIYO ETHI UKUBUKA IMYUZIYAM YASEWARWICK: “INDAWO EBIZWA NGEGAMA LIKAYEHOVA,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Yintoni eyasetyenziswa ngaBafundi BeBhayibhile xa kwakuqala u-1914 eyenza banokholo kwiBhayibhile, ibe yabanceda njani?
Baba naziphi iingxaki ngo-1916 nango-1918, ibe yintoni eyayibonisa ukuba uYehova uyayikhokela intlangano yakhe?
Abantu bakaYehova baye balumela njani ukholo lwabo nangona bechaswa?
Yintoni abaqalisa ukuyazi abantu bakaYehova ngo-1935, ibe yabachaphazela njani loo nto?
Ukuba wakhe waya kule myuziyam, yintoni owayibonayo ebonisa ukuba uYehova uyabakhokela abantu bakhe ibe uyabakhusela?