UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EKSODUS 17-18
Amadoda Athobekileyo Ayabaqeqesha Aze Abanike Imisebenzi Abanye
Abazalwana abanamava xa beqeqesha abanye abaselula, babonisa ukuthobeka nothando, baze bacinge ngezinto ezibalulekileyo. Emva koko babanike imisebenzi. Bangayenza njani loo nto?
Ngokukhetha abo banokukwazi ukwenza imisebenzi emininzi enkonzweni kaYehova
Ngokubaxelela ngokucacileyo eyona nto ifunekayo ukuze bakwazi ukugqiba imisebenzi yabo
Ngokubanika imali, nezinto abazidingayo ukuze bakwazi ukuwugqiba umsebenzi
Ngokujonga ukuba umzalwana abamqeqeshayo uqhuba njani baze bamxelele ukuba bayamthemba ukuba uza kuwugqiba umsebenzi awunikiweyo
KHAWUZIBUZE, ‘Yeyiphi imisebenzi endingayinika abanye?’