INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukushumayela Ngefowuni
ISIZATHU SOKUBA IBALULEKILE LE NTO: Ukushumayela ngefowuni yindlela ebalulekileyo yokudlulisela “ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo.” (IZe 20:24)a Kusinceda sikwazi ukushumayela kubantu esingakwaziyo ukuya emakhayeni abo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
Lungiselela. Khetha into oza kuthetha ngayo. Uze ubhale izinto ofuna ukuzithetha. Enye into eza kukunceda kukuhlala etafileni nephepha elinezinto oceba ukuzithetha, kunye nezinto oza kuzidinga, njengefowuni okanye ikhompyutha enoJW Library okanye ujw.org.
Khululeka. Thetha ngendlela oqhele ukuthetha ngayo. Ncuma, uze usebenzise izandla ngendlela obuza kwenza ngayo xa ubuthetha nomntu okubonayo. Kuphephe ukuthula ixesha elide. Kungakunceda nokusebenza nabanye abantu. Ukuba umntu othetha naye ubuza umbuzo, wuphinde ngokuvakalayo loo mbuzo ukuze umvakalisi osebenza naye akwazi ukukunceda ufumane impendulo
Yenza ibuyelo. Ukuba loo mntu unomdla, ungamshiya nombuzo oza kuwuphendula xa uphinda ufowuna. Cela ukumnika enye yeencwadi okanye iphecana esilisebenzisa entsimini, ungayokumnika ngokwakho okanye umthumelele ngeimeyile. Okanye ucele ukumthumelela enye yeevidiyo zethu okanye inqaku. Ungamxelela ngezifundo zeBhayibhile eziqhutywa kwiwebhsayithi yethu nezinye iincwadi xa ubona ukuba angakwazi ukuzijonga.
a Ukuba ukushumayela ngefowuni kuvumelekile kwindawo yakho, thobela yonke imithetho ehambisana nalo mba.