“Ndifike Engekho Kwakhona!”
Wakhe wawathetha loo mazwi ngomntu obe nomdla? Nangona uye wamtyelela izihlandlo eziliqela emva koko, awukwazi ukunkcenkceshela imbewu yenyaniso owayityalayo. (1 Kor. 3:6) Ngamanye amaxesha, abavakalisi abanamava baye bambhalele ileta okanye bamshiyele umyalezo emnyango umntu ababuyela kuye kodwa bangamfumani. Abanye abavakalisi baye bayilungiselele kwangaphambili le meko ngokucela inombolo yefowuni yakhe, mhlawumbi bathi, “Ndingayithatha inombolo yakho?” Sinokulibala ibuyelo xa siye samtyelela lo mntu, sashumayela kuye ngeleta, nge-email, samthumelela umyalezo ngeselfowuni, sashiya umyalezo kumnyango wakhe okanye samfowunela. Enoba ufumaneka manqaphanqapha, sinako ukumenza abe nomdla ngakumbi.