INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ngaba Uyafuna Ukuya KwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?
Ngaba uphakathi kweminyaka eyi-23 ukuya kwi-65, ibe ukwinkonzo yexesha elizeleyo? Ngaba usempilweni kwaye ungakwazi nokuya kunceda apho kukho indingeko? Ukuba impendulo yakho nguewe kule mibuzo, ngaba wakhe wacinga ngokuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani? Ukususela kwiklasi yokuqala, baninzi abazalwana noodade abatshatileyo nabangatshatanga abaye bafaka izicelo zokuya. Kodwa kusafuneka abazalwana abaninzi abangatshatanga. Cela uYehova ukuba akwenze ube nomnqweno wokumvuyisa nangakumbi uze ulinganise uNyana wakhe. (Nd 40:8; Mat 20:28; Heb 10:7) Cinga nangeendlela zokucutha izinto ozenzayo ukuze wamkelwe esikolweni.
Abantu abaye kwesi sikolo baye banethuba lokukhonza phi, ibe bakhonza ngeziphi iindlela? Abanye baye bakhonza apho kuthethwa olunye ulwimi nakwiphulo elikhethekileyo lokushumayela kwiidolophu ezinkulu. Abanye baba ngabaveleli, abaveleli abancedisayo nabavangeli. Xa ucinga ngezinto onozenzela uYehova, ungalinganisa umprofeti uIsaya owathi, “Ndikhona! Thuma mna!”—Isa 6:8.
BUKELA IVIDIYO ETHI ABAVANGELI—ABASEBENZI BENTSIMI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Bakhethwa njani abavangeli?
Ngowuphi umsebenzi omhle owenziwa ngabavangeli?
Zeziphi izinto ezintle abazonwabelayo abavangeli?