INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU | YIBA NEZINTO OZIMISELE UKUZENZA KULO NYAKA WENKONZO UZAYO
Faka Isicelo Sokuya KwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani
Xa ufuna ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani (SKE) akufuneki ude ulinde ukuba zonke izinto zikuhambele kakuhle ebomini. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ube ngumhlobo osondeleyo kaYehova uze ube ngumntu okulungeleyo ukwenza noba ngowuphi umsebenzi owunikwayo kwintlangano kaYehova.—Isa 6:8.
BUKELA IVIDIYO ETHI NGOKHOLO, NGENA KUMNYANGO OVULIWEYO UKUZE WENZE UMSEBENZI—FAKA ISICELO SOKUYA KWISIKOLO SABAVANGELI BOBUKUMKANI, UZE UPHENDULE LO MBUZO:
Bekutheni ukuze uGabriel acinge kaninzi ngokufaka isicelo sokuya kwiSikolo Sabavangeli Bobukumkani, ibe ukucingisisa ngamaFilipi 4:13 kumncede njani?