IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb23 Meyi iphe. 3
  • Zijonge Ngendlela Akujonga Ngayo UYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Zijonge Ngendlela Akujonga Ngayo UYehova
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Amanqaku Afanayo
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Thobeka Xa Kukho Izinto Ongazaziyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Qiniseka Ukuba UYehova Uyakuthanda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • UYehova ‘Uyazipholisa Iintliziyo Ezibuhlungu’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
mwb23 Meyi iphe. 3

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Zijonge Ngendlela Akujonga Ngayo UYehova

“Kuba uYehova uyabathanda abantu bakhe.” (Nd 149:4) Nangona singafezekanga uyazibona iimpawu ezintle esinazo nezinto esinokukwazi ukuzenza kwixesha elizayo. Ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuba sizibone ezo zinto kuthi. Sisenokuvakalelwa kukuba akukho yethu ngenxa yendlela abanye abasiphatha ngayo. Okanye ukuba sisoloko sicinga ngeempazamo esakhe sazenza sisenokungaqiniseki ukuba uYehova usithanda nyhani. Yintoni enokusinceda xa siziva ngolohlobo?

Khumbula ukuba uYehova ubona oko abantu bangenakukwazi ukubona. (1Sa 16:7) Loo nto ithetha ukuba ubona izinto kuthi esingakwaziyo thina ukuzibona. Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile inefestile esincedayo sibone indlela uYehova asijonga ngayo. Sinokukroba kuloo festile ngokufunda iivesi zeBhayibhile neengxelo ezichaza indlela uYehova abathanda ngayo abakhonzi bakhe.

BUKELA IVIDIYO ETHI YEYISELA INTLIZIYO YAKHO PHAMBI KUKAYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Usifundisa ntoni umzekelo wembaleki notata wayo ngendlela uYehova asijonga ngayo?

  • Ukuba umntu wenza isono esinzulu aze alungise ubuhlobo bakhe noYehova, unokuyiqinisekisa njani intliziyo yakhe phambi koYehova?—1Yo 3:19, 20

  • Ukufunda nokucingisisa ngebali likaDavide noYehoshafati kumncede njani lo mzalwana?

Amabali eBhayibhile asiqinisekisayo ukuba . . .

UYehova uyasithanda nokuba abanye basijonga njani

  • UEnoki (Gen 5:24; Heb 11:5; Yude 14, 15)

  • UHana (1Sa 1:1–2:11, 18-21, 26)

UYehova uyabaxolela aboni abaguqukileyo

  • UManase (2Kr 33:1-7, 12, 13)

  • UPawulos (1Ti 1:12-16)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share