IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb23 Septemba iphe. 11
  • UYehova Uyabasindisa Abo Batyumkileyo Emoyeni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uyabasindisa Abo Batyumkileyo Emoyeni
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndinokuyeka Njani Ukukhathazeka Kangaka?
    Vukani!—2010
  • Izigqibo Ezibonisa Ukuba Siyamthemba UYehova
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
  • UYehova ‘Uyazipholisa Iintliziyo Ezibuhlungu’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Ndinokuyeka Njani Ukukhathazeka Kangaka?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
mwb23 Septemba iphe. 11

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Uyabasindisa Abo Batyumkileyo Emoyeni

Wonke umntu ukhe angonwabi ngamanye amaxesha. Ukungonwabi akuthethi ukuba asinalukholo kuYehova. NoYehova wabonisa ukuba ukhe angonwabi ngamanye amaxesha. (Gen 6:5, 6) Kodwa yintoni esinokuyenza xa sibona ukuba amaxesha amaninzi sisoloko singonwabanga?

Thandaza kuYehova ukuze ufumane uncedo. UYehova unomdla kwindlela esivakalelwa ngayo. Uyasazi xa sonwabile naxa singonwabanga. Uyaziqonda izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. (Nd 7:9b) Okona kubalulekileyo kukuba uYehova usikhathalele ibe uyakwazi ukusinceda xa singonwabanga naxa sikhathazeke kakhulu.​—Nd 34:18.

Zigade izinto ozicingayo. Xa sicinga ngezinto ezityhafisayo asipheleli nje ekubeni singonwabi, kodwa loo nto iye ichaphazele nobuhlobo bethu noYehova. Ngenxa yesi sizathu, senza konke esinako ukuze sikhusele intliziyo yethu—umntu esinguye ngaphakathi.​—IMi 4:23.

BUKELA IVIDIYO ETHI: INDLELA ABAZALWANA BETHU ABAHLALA BESELUXOLWENI NGAYO NANGONA BENEDEPRESSION, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi izinto awazenzayo uNikki ukuze akwazi ukumelana nedepression yakhe?

  • Kwakutheni ukuze uNikki azive ngathi udinga uncedo lukagqirha?​—Mat 9:12

  • Zeziphi iindlela uNikki awaye wathembela ngazo kuYehova?

“IMboniselo” No. 1 2023, enomxholo othi “Izigulo Eziphazamisa Iimvakalelo—Ingakunceda Njani IBhayibhile.”

Ukhona umntu omaziyo onokuncedwa yiMboniselo No. 1 ka-2023?

Zintoni esinokuzenza ukuze sikhusele indlela esicinga ngayo?

(Faka uphawu kwibhokisi enento ofuna ukuphucula kuyo)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share