INQAKU ELIFUNDWAYO 13
Thandanani Kakhulu
“Thandanani kakhulu ngokusuka entliziyweni.”—1 PET. 1:22.
INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
Ngobusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, uYesu wathetha kakhulu ngothando kubapostile bakhe (Jonga isiqendu 1-2)
1. Wathini uYesu kubafundi bakhe? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)
NGOBUSUKU obungaphambi kokuba afe, uYesu waxelela abafundi bakhe into ebalulekileyo. Wathi: “Nimele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”—Yoh. 13:34, 35.
2. Kutheni kubalulekile ukuba sibathande abazalwana noodadewethu?
2 UYesu wathi abantu baza kubazi abafundi bakhe xa bethanda abantu ngendlela yena awabathanda ngayo. Babebonakala njalo nyhani ngexesha labapostile, ibe basabonakala njalo nanamhlanje. Kubaluleke nyhani ukuba sibathande abazalwana noodadewethu naxa kunzima.
3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Ngenxa yokungafezeki, kusenokuba nzima ukubathanda kakhulu abazalwana noodadewethu. Kodwa simele sizame ukulinganisa uKristu. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela ukuthanda abanye okunokusinceda ngayo senze kubekho uxolo, singakhethi size sibe nobubele. Njengoko ulifunda, zibuze lo mbuzo: ‘Yintoni endinokuyifunda kubazalwana noodade abangakhange bayeke ukubathanda abanye naxa kunzima?’
YENZA KUBEKHO UXOLO
4. KuMateyu 5:23, 24, uYesu wabonisa ukuba kutheni simele senze uxolo nomzalwana esimkhathazileyo?
4 UYesu wasichaza isizathu sokuba kubalulekile ukuba senze uxolo xa kukho umzalwana esimkhathazileyo. (Funda uMateyu 5:23, 24.) Wabonisa ukuba, ukuze sivuyise uThixo, simele sihlale ngoxolo nabantu. UYehova uyavuya xa sisenza konke esinako ukuze kubekho uxolo phakathi kwethu nabazalwana bethu. Akazukuyamkela inkonzo yethu ukuba sihlala siqumbile size singafuni nokulungisa izinto xa sikhathazwe ngomnye umntu.—1 Yoh. 4:20.
5. Wenza ntoni omnye umzalwana xa uMark wacela uxolo kuye?
5 Kusenokuba nzima ukwenza uxolo. Ngoba? Khawuve into eyenzeka kuMark.b Wakhathazwa ngumzalwana owamgxekayo waza wathetha izinto ezimbi ngaye ebandleni. Wathini uMark? Uthi: “Zange ndikwazi ukuzibamba ndaza ndathetha kakubi naye.” Emva koko, uMark wazisola waza waxolisa kulo mzalwana. Kodwa lo mzalwana, akazange afune nokuva. Ekuqaleni uMark wathi, ‘Kutheni ndingavele ndimyeke xa engafuni ukundixolela?’ Kodwa umveleli wesiphaluka wathi makangamncami. Wenza ntoni ke uMark?
6. (a) UMark wenza ntoni kumzalwana owayengafuni ukumxolela? (b) UMark wayenza njani into ekuthethwa ngayo kumaKolose 3:13, 14?
6 Wathi uMark akucinga ngale nto, wabona ukuba akathobekanga ncam ibe ukhe azicingele ukuba ubhetele kunabanye abantu. Wabona ukuba umele ayilungise loo nto. (Kol. 3:8, 9, 12) Waphinda wayokuxolisa kula mzalwana. Emva koko, wambhalela iileta, exolisa, esithi ufuna baphinde babe ngabahlobo. Wade wamthengela nezinto acinga ukuba angazithanda. Kodwa lo mzalwana zange amxolele tu. UMark waqhubeka emthanda umzalwana wakhe waza wamxolela kanye njengokuba uYesu watshoyo. (Funda amaKolose 3:13, 14.) Ukuba sithanda abantu njengoYesu, siza kubaxolela size sibathandazele nokuba bona abafuni kusixolela.—Mat. 18:21, 22; Gal. 6:9.
Xa kukho umntu esimkhathazileyo, simele sizame iindlela ezahlukahlukeneyo ukuze sixolelane naye (Jonga isiqendu 7-8)c
7. (a) UYesu wathi masenze ntoni? (b) Yeyiphi ingxaki awayenayo uLara?
7 UYesu wathi masiphathe abanye abantu ngendlela nathi esifuna ukuphathwa ngayo. Waphinda wathi masingathandi abantu abasithandayo nje qha. (Luka 6:31-33) Kodwa umele wenze ntoni xa umzalwana okanye udade ekuphepha, engafuni nokukubulisa? Nangona inqabile le nto, yakha yenzeka kuLara. Uthi: “Kwakukho udade owayengandibulisi, ndingazi nokuba ndimenze ntoni. Yayindikhathaza le nto, kangangokuba ndandingonwabi xa kufuneka ndiye ezintlanganisweni.” Ekuqaleni uLara wayesithi: ‘Andimenzanga nto. Phofu nabanye abantu apha ebandleni bayamazi ukuba unje.’
8. ULara wenza ntoni ukuze aqiniseke ukuba kukho uxolo phakathi kwakhe nomnye udade, ibe sifunda ntoni thina?
8 ULara wazama ukuyilungisa le ngxaki ukuze kubekho uxolo. Wathandaza kuYehova waza wagqiba ekubeni makathethe nalo dade. Bathetha, bangana, baza baxolelana. Kwaba ngathi yonke into ilungile. ULara uthi: “Kodwa lo dade waphinda wenza kanye le nto bendicinga ukuba siyilungisile. Ndandiphoxeke nyhani.” Ekuqaleni uLara wayesithi eyona nto iza kumonwabisa kukuba lo dade ayiyeke le nto ayenzayo. Kodwa ekugqibeleni wabona ukuba makangayeki ukumthanda, avele amxolele. (Efe. 4:32–5:2) Wakhumbula ukuba uthando lwethu thina maKristu “alunanzondo. Luthwala yonke into, lukholelwa yonke into, luthemba yonke into, lunyamezela yonke into.” (1 Kor. 13:5, 7) Zange aphinde azikhathaze ngale nto. Ekuhambeni kwexesha, la dade wayeka ukumphepha nokungambulisi. Xa usenza uxolo nabazalwana noodadewenu, qiniseka ukuba ‘uThixo onothando nonika uxolo uza kuba nawe.’—2 Kor. 13:11.
UNGAKHETHI
9. Ucinga ngeZenzo 10:34, 35, kutheni singamele sikhethe?
9 UYehova akakhethi. (Funda iZenzo 10:34, 35.) Xa singakhethi, sibonisa ukuba singabakhe. Sithobela umyalelo wokuthanda abanye abantu ngendlela esizithanda ngayo size siqiniseke ukuba kuhlala kukho uxolo phakathi kwabazalwana noodade.—Roma 12:9, 10; Yak. 2:8, 9.
10-11. URuth wenza ntoni ukuze ayeke ukucaphukela abantu belinye ilizwe?
10 Kwabanye abantu akululanga ukungakhethi. Ngokomzekelo, khawucinge ngento eyenzeka kuRuth. Esemncinci, wakhathazwa ngumntu osuka kwelinye ilizwe. Kwenzeka ntoni emva koko? Uthi: “Ndayithiy’ egazini yonke into yela lizwe. Ndandisithi bonke abantu abasuka kulo bayafana, nditsho nabazalwana noodade bakhona.” Wancedwa yintoni?
11 URuth wabona ukuba umele azame ngamandla ukuthanda abantu bela lizwe. Wafunda ngezinto ezenziwe ngabantu bakhona kwiNcwadi Yonyaka. Uthi: “Ndazama ukucinga ngezinto ezintle ezenziwa ngabantu bela lizwe. Ndaqaphela ukuba abazalwana noodade bakhona bazimisele ukukhonza uYehova. Ndatsho ndabona ukuba nabo ngabazalwana bam.” URuth wabona ukuba kuza kufuneka abathande abazalwana bakhe. Uthi: “Qho xa ndidibana nomzalwana okanye udade wela lizwe, ndandiqiniseka ukuba ndiyancokola naye ukuze ndimazi.” Kwenzeka ntoni emva koko? Uthi: “Ekugqibeleni, ndade ndabathanda.”
Asizukukhetha ukuba sibathanda kakhulu “bonke abazalwana” (Jonga isiqendu 12-13)d
12. Yeyiphi ingxaki awayenayo uSarah?
12 Abanye abantu basenokungaziboni ukuba bayakhetha. Ngokomzekelo, uSarah wayecinga ukuba akakhethi kuba wayengazikhathazi ngokuba umntu ngowoluphi uhlanga, unemali engakanani nokuba wenza owuphi umsebenzi entlanganweni. Kodwa uthi: “Ndazibona ukuba ndiyakhetha.” Njani? Abantu bakokwabo babefundile ibe naye wayethanda ukuhlala nabantu abafundileyo. Wakhe wathi kumhlobo wakhe: “Mna ndithanda ukuhlala namaNgqina afundileyo. Ndihambela kude kwangafundanga.” USarah kwakufuneka atshintshe nyhani. Wayeza kutshintsha njani?
13. Yintoni esiyifundayo kuSarah?
13 USarah wancedwa ngumveleli wesiphaluka. Uthi: “Wandincoma esithi ndithembekile kuYehova, ndiphendula kamnandi ezintlanganisweni ibe ndiyazazi neZibhalo. Emva koko wathi, xa zisiya ziba ninzi izinto esizaziyo, simele sizame ngamandla ukuthobeka, ukululama nokuba nenceba.” USarah wazixelela ukuba uza kuyenza le nto ayixelelwe ngulo mveleli. Uthi: “Ndabona ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba nobubele nokuthanda abantu.” Ngenxa yaloo nto, yatshintsha indlela abajonga ngayo abazalwana noodade. Uthi: “Ndazama ukukhangela iimpawu ezibenza bathandwe nguYehova.” Yintoni esiyifundayo? Asifuni ukucinga ukuba sibhetele kunabanye abantu kuba thina sifundile. Ukuba ‘sibathanda kakhulu bonke abazalwana’ asizukukhetha.—1 Pet. 2:17.
YIBA NOBUBELE
14. AmaHebhere 13:16 abonisa ukuba uYehova ubajonga njani abantu abanobubele?
14 UYehova uyabathanda abantu abanobubele. (Funda amaHebhere 13:16.) Ukuba nobubele yenye yeendlela esimkhonza ngazo, ingakumbi xa sinceda abantu abadinga ukuncedwa. (Yak. 1:27; 2:14-17) Yiyo loo nto iZibhalo zisikhuthaza ukuba ‘sihlale sibenzela ububele abanye abantu.’ (Roma 12:13) Xa sinobubele sibonisa ukuba sibakhathalele, siyabathanda ibe sifuna ukuba ngabahlobo babo. UYehova uyavuya xa sisipha abanye abantu into etyiwayo okanye eselwayo, naxa sichitha ixesha kunye nabo. (1 Pet. 4:8-10) Kodwa ke, zikhona izinto ezinokwenza kube nzima ukuba nobubele.
“Ndandikade ndingakuthandi ukwenzela abantu ububele, kodwa ndathi ndakuyenza loo nto ndonwaba kakhulu” (Jonga isiqendu 16)e
15-16. (a) Zeziphi izinto ezinokwenza abanye bangabi nobubele? (b) Yintoni eyanceda uEdit wazithanda iindwendwe?
15 Zininzi izinto ezinokusenza singabi nobubele. Ngokomzekelo, khawucinge ngoEdit, owaswelekelwa ngumyeni wakhe. Ngaphambi kokuba abe liNgqina, wayengakuthandi ukuhlala nabanye abantu. Wayesithi yena akanakukwazi ukuzenzela ububele iindwendwe.
16 Emva kokuba uEdit ebhaptiziwe, wayitshintsha indlela acinga ngayo. Wazama ukuba nobubele. Uthi: “Xa kwakusakhiwa iholo yethu, omnye umdala wandicela ukuba ndihlale nomzalwana nenkosikazi yakhe ababezokuncedisa kangangeeveki ezimbini. Ndakhumbula indlela uYehova awamsikelela ngayo umhlolokazi waseTsarefathi.” (1 Kum. 17:12-16) UEdit wavuma ukuhlala nabo. Ngaba wasikelelwa ke yena? Uthi: “Abazange bahlale iiveki ezimbini, kodwa bahlala iinyanga ezimbini. Ngezo nyanga, saba ngabahlobo kakhulu.” UYehova wamsikelela nangokumnika abahlobo ebandleni. Ngoku unguvulindlela ibe qho emva kwentsimi umema abantu ebeshumayela nabo emzini wakhe. Le nto imvuyisa kakhulu. Uthi: “Ndiyonwaba xa ndisipha abantu. UYehova undisikelela kakhulu ngaloo nto.”—Heb. 13:1, 2.
17. Waqaphela ntoni uLuke nenkosikazi yakhe?
17 Mhlawumbi sinabo ububele, kodwa ngaba kukho apho sifanele silungise khona? Ngokomzekelo, uLuke nenkosikazi yakhe banobubele. Babethanda ukumema abazali babo, abantu abazalana nabo, abahlobo babo, nomveleli wesiphaluka nomkakhe. Kodwa ke, uLuke uthi: “Saqaphela ukuba sasimema abantu esibaqhelileyo bodwa.” Bayilungisa njani loo nto?
18. ULuke nenkosikazi yakhe bayilungisa njani ingxaki ababenayo?
18 ULuke nenkosikazi yakhe babona ukuba bamele bayilungise le ngxaki babenayo emva kokucinga ngamazwi kaYesu athi: “Ukuba nithanda abo banithandayo, inceda ngantoni loo nto?” (Mat. 5:45-47) Babona ukuba bamele babe nobubele ebantwini bonke njengoYehova. Ngoko baqiniseka ukuba bamema abazalwana noodade ababengazange babamema. ULuke uthi: “Kuba mnandi nyhani xa sisonke. Wonke umntu uye agoduke ekhuthazekile.”
19. Sibonisa njani ukuba singabafundi bakaYesu, ibe uzimisele ukwenza ntoni wena?
19 Sibonile ukuba ukuthanda abazalwana noodadewethu kungasinceda senze kubekho uxolo, singakhethi size sibe nobubele. Simele sizame ukukhupha nantoni na enokusenza singabathandi ngokusuka entliziyweni. Ukuba siyayenza loo nto, siza konwaba baze nabantu babone ukuba singabo nyhani abafundi bakaYesu.—Yoh. 13:17, 35.
INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho
a UYesu wathi abantu abangamaKristu nyhani baza kubonakala ngokuthandana. Kuba sibathanda abazalwana noodadewethu, sifuna ukwenza uxolo nabo, singabakhethi size sibe nobubele kubo. Le nto ayisoloko ilula. Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela esinokubonisa ngazo ukuba sibathanda kakhulu abazalwana noodadewethu.
b Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.
c IMIFANEKISO: Lo dade uzama ukulungisa ingxaki anayo nomnye udade, kodwa ayilungi. Sekunjalo, akancami. Kuba engayeki ukumthanda lo dade, bade bayilungise ingxaki yabo.
d IMIFANEKISO: Umzalwana osel’ ekhulile uzibona engahoywanga ebandleni.
e IMIFANEKISO: Udade obekade engakuthandi ukwenzela abantu ububele utshintsha indlela acinga ngayo, ibe loo nto imvuyisa kakhulu.