INQAKU ELIFUNDWAYO 6
Ngaba Uyamthemba UYehova Ukuba Uzenza Kakuhle Izinto?
“LiLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, kuba zonke indlela zakhe zezobulungisa. NguThixo othembekileyo, ongaze awugqwethe umgwebo; lilungisa yaye zonke izinto uzenza kakuhle.”—DUT. 32:4.
INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1-2. (a) Kutheni kungekho lula kubantu abaninzi ukuthemba umntu onegunya? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo?
KUBANTU abaninzi namhlanje akukho lula ukumthemba umntu onegunya. Baye babona ukuba abantu bomthetho nabeepolitiki bathanda kakhulu abantu abazizityebi nabanegunya, ababahoyi kakhulu abasokolayo. Inyanisile iBhayibhile xa isithi: ‘Umntu olawulwa ngomnye, uyenzakala.’ (INtshu. 8:9) Kukho nabanye abefundisi beecawe abenza izinto ezithandabuzekayo. Loo nto yenze abanye abantu abamthemba uThixo. Ngoko xa umntu evumile ukuba simfundise iBhayibhile, kuye kufuneke simncede amthembe uYehova nabantu abasebenzisayo.
2 Ayingobantu esibafundisa iBhayibhile qha ekufuneka bafunde ukumthemba uYehova nentlangano yakhe. Nabantu ekudala bemkhonza bamele bangaze bayeke ukumthemba ukuba uhlala ezenza kakuhle zonke izinto. Ngamany’ amaxesha kwenzeka izinto ezinokufuna sibonise ukuba simthembe kangakanani uYehova. Ngoku makhe sithethe ngezintathu: (1) xa sifunda ezinye iivesi zeBhayibhile, (2) xa kukho into intlangano kaYehova ethi masiyenze, naxa (3) kunzima kwixesha elizayo.
MTHEMBE XA UFUNDA IBHAYIBHILE
3. Kutheni ezinye iivesi zeBhayibhile zisenokufuna sibonise ukuba simthembe kangakanani uYehova?
3 Xa sifunda iLizwi LikaThixo, sisenokuyithandabuza indlela uYehova awabaphatha ngayo abanye abantu nezigqibo awazenzayo. Ngokomzekelo, kwiNumeri sifunda ukuba wathi makabulawe umSirayeli owayetheza ngeSabatha. KuSamuweli wesibini sifunda ukuba kwiminyaka emininzi emva koko, uKumkani uDavide wakrexeza waza wabulala, kodwa uYehova wamxolela. (Num. 15:32, 35; 2 Sam. 12:9, 13) Sisenokuzibuza, ‘Kwakutheni ukuze axolele uDavide owakrexezayo waza wabulala, kodwa athi mayibulawe indoda eyayenze isono esasibonakala singekho sibi kangako?’ Ukuze uphenduleke lo mbuzo, kukho izinto ezintathu ekufuneka singazilibali xa sifunda iBhayibhile.
4. IGenesis 18:20, 21 neDuteronomi 10:17 zisinceda njani siqiniseke ngezigqibo zikaYehova?
4 IBhayibhile ayisoloko ichaza yonke into eyenzekayo. Ngokomzekelo, siyazi ukuba uDavide waguquka nyhani kwizinto awayezenza. (INdu. 51:2-4) Kodwa yona indoda engazange iwuthobele umthetho weSabatha yayingumntu onjani? Yazisola ngento eyayiyenzile? Yayiqala ukungawuthobeli umthetho kaYehova? Ngaba yayikhe ayazihoya izinto eyayilumkiswa kuzo? IBhayibhile ayisixeleli. Kodwa, nantsi into esimele siqiniseke ngayo: UYehova ‘akasoze awugqwethe umgwebo.’ (Dut. 32:4) Wazi yonke into, ngoko akagwebi ngenxa yento ayivileyo, kuba enomkhethe, okanye ngenxa yayo nantoni edla ngokwenza abantu bangakwazi ukugweba kakuhle. (Funda iGenesis 18:20, 21; iDuteronomi 10:17.) Ngokuya sifunda ngoYehova nendlela azenza ngayo izinto, siya sizithemba izigqibo azenzayo. Nokuba xa sifunda iBhayibhile siba nemibuzo esingenakukwazi ukuyiphendula, indlela esimazi ngayo uThixo isenza siqiniseke ukuba ‘zonke iindlela zakhe zezobulungisa.’—INdu. 145:17.
5. Ukuba nesono kunokusenza sigwebe njani? (Jonga ibhokisi ethi “Ngenxa Yesono, Ngamanye Amaxesha Sisenokungaziqondi Kakuhle Izinto.”)
5 Ngenxa yokuba asifezekanga, asisoloko sigweba kakuhle. UThixo usenze saneempawu ezifana nezakhe, yiloo nto sifuna abantu baphathwe ngobulungisa. (Gen. 1:26) Nokuba sicinga ukuba sazi yonke into, kodwa ngenxa yokuba sinesono sisenokungagwebi kakuhle. Ngokomzekelo, usayikhumbula indlela uYona angazange asithande ngayo isigqibo sikaYehova sokuba nenceba kubantu baseNineve? (Yona 3:10–4:1) Kodwa cinga ngento eyenzekayo. Kwasindiswa abantu baseNineve abaguqukayo abangaphezu kwe-120 000. Loo nto yabonisa ukuba oyena mntu wayefuna ukulungiswa yayingengoYehova, yayinguYona.
6. Kutheni kunganyanzelekanga ukuba uYehova asixelele izizathu zezigqibo zakhe?
6 Akunyanzelekanga ukuba uYehova asixelele izizathu zezigqibo azenzayo. Yinyaniso kona ukuba kudala uYehova wayebavumela abakhonzi bakhe ukuba bamxelele indlela abaziva ngayo ngezigqibo azenzileyo okanye awayeza kuzenza. (Gen. 18:25; Yona 4:2, 3) Ngamany’ amaxesha wayebaxelela izizathu. (Yona 4:10, 11) Sekunjalo, akukho nto imnyanzelayo ukuba asixelele izizathu zezigqibo zakhe. Ngenxa yokuba enguMdali, akunyanzelekanga ukuba afune ukuqonda ukuba siyayithanda na into aza kuyenza okanye ayenzileyo.—Isa. 40:13, 14; 55:9.
MTHEMBE NAXA UFUMANA ULWALATHISO
7. Yeyiphi ingxaki esisenokuba nayo? Yintoni enokusenza sibe nale ngxaki?
7 Asiyithandabuzi nakancinci into yokuba uYehova usoloko esenza izinto ezilungileyo. Kodwa ingxaki esisenokuba nayo kukuthemba abantu abasebenzisayo. Sisenokuzibuza enoba abantu abasebenzisayo kwintlangano yakhe benza izinto abaziyalelwe nguye okanye ezifunwa ngabo na. Mhlawumbi babenaloo ngxaki nabantu ababephila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Khawucinge ngabantu ekuthethwe ngabo kwisiqendu 3. Kusenokwenzeka ukuba omnye wabantu abazalana nendoda engazange ithobele umthetho weSabatha wayezibuza enoba uMoses uqale wathetha noYehova na ngaphambi kokuba athi mayibulawe. Mhlawumbi nomhlobo kaUriya umHiti, indoda yomfazi owalala noDavide, wayecinga ukuba engabulawanga nje uDavide ngento ayenzileyo, kungenxa yokuba enguKumkani. UYehova uyabathemba abantu abasebenzisa kwintlangano yakhe nasemabandleni. Ukuba asiwathembi la madoda, asinakuthi siyamthemba uYehova.
8. Indlela elisebenza ngayo ibandla lamaKristu namhlanje ifana njani naleyo ichazwe kwiZenzo 16:4, 5?
8 Namhlanje, uYehova ukhokela inxalenye yentlangano yakhe esemhlabeni esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mat. 24:45) Njengequmrhu elilawulayo ngexesha labapostile, eli khoboka lalathisa indlela ezimele zenziwe ngayo izinto ngabantu bakaThixo emhlabeni wonke nangabadala emabandleni. (Funda iZenzo 16:4, 5.) Nabadala emabandleni bayaqiniseka ukuba benza izinto elibaxelele zona. Sibonisa ukuba siyayithemba indlela uYehova azenza ngayo izinto ngokuthobela ulwalathiso esilufumana kwintlangano yakhe nakubadala.
9. Sinokuba nengxaki yokuhambisana nezigqibo zabadala xa kutheni? Yintoni enokusenza sibe nale ngxaki?
9 Ngamany’ amaxesha kusenokuba nzima ukuba sihambisane nezigqibo zabadala. Ngokomzekelo, kule minyaka idlulileyo kuye kwenziwa utshintsho kumabandla amaninzi neziphaluka. Abadala baye bacela abanye abavakalisi ukuba baye kukhonza kwamanye amabandla ukuze bagcwalise iHolo YoBukumkani. Xa ucelwa ukuba uye kukhonza kwelinye ibandla, kusenokuba nzima ukushiya abahlobo nabantu bakowenu. Ngaba uThixo uxelela abadala ukuba ngubani omele aye kweliphi ibandla? Hayi. Le nto inokwenza kube nzima ukwenza into esiyixelelwa ngabadala. UYehova uyabathemba aba badala nezigqibo abazenzayo, nathi simele sibathembe.b
10. Kutheni simele sisebenzisane nabadala? (AmaHebhere 13:17)
10 Kutheni simele sihambisane nezigqibo zabadala enoba asizithandisisi ncam? Loo nto inceda abantu bakaThixo bahlale bemanyene. (Efe. 4:2, 3) Amabandla ayakhula xa bonke abantu abakuwo behambisana nezigqibo zabadala. (Funda amaHebhere 13:17.) Eyona nto ibalulekileyo kukuba, xa sisebenzisana nabantu uYehova abathembileyo ukuba baza kusikhathalela, sibonisa ukuba siyamthemba.—IZe. 20:28.
11. Yintoni enokusenza sibathembe kakhulu abadala?
11 Sinokubathemba kakhulu abadala xa sikhumbula ukuba ngaphambi kokuba bathethe ngezinto zebandla, baye bacele umoya oyingcwele kaThixo. Baye bacingisise ngemigaqo yeBhayibhile baze bajonge nolwalathiso lwentlangano kaYehova. Eyona nto bayifunayo kukwenza into ethandwa nguYehova nokukhathalela abantu bakhe kangangoko kunokwenzeka. La madoda athembekileyo ayazi ukuba aza kuba netyala kuThixo ukuba awabakhathalelanga abantu bakhe. (1 Pet. 5:2, 3) Khawucinge ngale nto: Kweli hlabathi lingavaniyo ngenxa yobuhlanga, iicawe neepolitiki, abantu bakaThixo bamanyene bekhonza oyena Thixo wokwenene. Le nto ibingasoze yenzeke ukuba uYehova ebengayisikeleli intlangano yakhe.
12. Ziintoni ekufuneka baqiniseke ngazo abadala xa befuna ukuqonda ukuba umntu uguquke nyhani na?
12 UYehova unike abadala umsebenzi obalulekileyo wokuqiniseka ukuba akukho nto ingcolisa ibandla. Ukuba umKristu wenza isono esinzulu, uYehova ulindele ukuba abadala babone enoba kufuneka aqhubeke engomnye wabavakalisi bebandla na. Enye yezinto ekufuneka baqiniseke ngazo kukuba loo mntu uyiyeke nyhani na into ebeyenza. Usenokuthi uyiyekile, kodwa ngaba uyicaphukela nyhani? Ngaba uzimisele ukungaphindi ayenze? Ukuba enye yezinto ezibangele ukuba ayenze kukuvana nabantu abangalunganga, ngaba uyafuna ukohlukana nabo? Abadala bayathandaza, becinga ngeempendulo zale mibuzo nento ethethwa yiBhayibhile, baze bazame ukuqonda ukuba lo mntu uziva njani ngento ayenzileyo. Emva koko banokugqiba enoba lo mvakalisi umele aqhubeke engomnye wabavakalisi bebandla na. Ngamany’ amaxesha basenokugqiba ukuba akhutshelwe ngaphandle.—1 Kor. 5:11-13.
13. Yintoni esinokuzibuza yona xa umhlobo okanye umntu esizalana naye ekhutshelwe ngaphandle?
13 Yintoni esenokufuna sibonise ukuba sibathemba nyhani na abadala? Ukuba umntu okhutshelwe ngaphandle akangomhlobo okanye umntu esizalana naye, kunokuba lula ukusamkela isigqibo sabadala. Kodwa masithi ngumhlobo wethu, sisenokuzibuza enoba abadala bazi yonke into na, okanye bagwebe ngendlela ebenokugweba ngayo uYehova. Yintoni enokusinceda siyamkele indlela abagwebe ngayo?
14. Yintoni enokusinceda xa abadala begqiba ekubeni umhlobo okanye umntu esizalana naye akhutshelwe ngaphandle?
14 Masingalibali ukuba nguYehova othi umntu ongaguqukiyo makakhutshelwe ngaphandle. Loo nto inceda ibandla, isenokumnceda naloo mntu. Ukuba uyayekwa aqhubeke engumvakalisi, unokulonakalisa ibandla. (Gal. 5:9) Enye into usenokungabuboni ubunzulu besono asenzileyo, aze angaboni sizathu sokutshintsha indlela acinga ngayo nazenza ngayo izinto ukuze aphinde athandwe nguYehova. (INtshu. 8:11) Masiqiniseke ukuba xa abadala besenza isigqibo sokumkhuphela ngaphandle umntu, abasenzi njee bengacingisisanga kakuhle. Bayazi ukuba, njengabagwebi bakwaSirayeli, ‘abagwebeli mntu, kodwa bagwebela uYehova.’—2 Kron. 19:6, 7.
XA SIMTHEMBA NGOKU, SIZA KUMTHEMBA NAKWIXESHA ELIZAYO
Yintoni eza kusinceda siluthembe size siluthobele ulwalathiso esiza kulufumana ngexesha lentlungu engathethekiyo? (Jonga isiqendu 15)
15. Kutheni kufuneka siluthembe ngaphezu kokuba besiluthemba ulwalathiso lukaYehova?
15 Eli hlabathi lisondela ekupheleni, ngoko simele siyithembe ngaphezu kokuba besiyithemba indlela uYehova azenza ngayo izinto. Ngoba? Ngentlungu engathethekiyo sisenokufumana imiyalelo ekubonakala kunzima ukuyiqonda nokuyithobela. UYehova akazukwehla ezulwini aze kuthetha nathi. Usenokusixelela into emasiyenze esebenzisa intlangano yakhe okanye abadala emabandleni. Elo ayizukuba lixesha lokuyithandabuza into abasixelela yona, okanye sizibuze, ‘Ngaba nguYehova ofuna senze le nto okanye ngabo?’ Ngaba uza kumthemba uYehova nentlangano yakhe ngelo xesha libalulekileyo? Indlela ocinga ngayo ngoku ngolwalathiso olusuka kubantu abasetyenziswa nguYehova, iza kukunceda uyazi impendulo yalo mbuzo. Ukuba ngoku uyayithemba into abathi yenze uze ungalibazisi ukuyenza, usenokwenza loo nto nangentlungu engathethekiyo.—Luka 16:10.
16. Yintoni esenokufuna sibonise indlela esizithemba ngayo izigqibo zikaYehova kwixesha elizayo?
16 Enye into ekufuneka sicingisise ngayo yindlela uYehova aza kugweba ngayo xa ephelisa eli hlabathi. Okwangoku sisenethemba lokuba abantu abaninzi, kwanabo sizalana nabo, abangengomaNgqina, ngeny’ imini baza kuba ngawo. Kodwa ngeArmagedon, nguYehova esebenzisa uYesu oza kugqiba ngento eza kwenzeka kubo. (Mat. 25:31-33; 2 Tes. 1:7-9) Ayisithi abaza kugqiba ukuba ngubani omele enzelwe inceba nguYehova. (Mat. 25:34, 41, 46) Ngaba siza kuzithemba izigqibo zakhe okanye ziza kusenza siyeke ukumkhonza? Ngoko eli lixesha lokuba simthembe kakhulu uYehova, ukuze sikwazi ukumthemba ngokupheleleyo kwixesha elizayo.
17. Iza kusinceda njani indlela agweba ngayo uYehova xa ephelisa eli hlabathi?
17 Khawube nombono wendlela esiza kuziva ngayo kwihlabathi elitsha likaThixo xa sibona izinto ezenzekayo ngenxa yendlela uYehova agwebe ngayo. Ziya kube zingasekho iicawe zobuxoki, abezoshishino abanyolukileyo noorhulumente ekudala becinezela abantu, bebenza batsale nzima. Ngelo xesha sakube singazi ukuba kuthetha ukuthini ukugula, ukuguga nokuswelekelwa ngabantu esibathandayo. USathana needemon zakhe baza kube bevalelwe iminyaka eliwaka. Zonke izinto ezenziwe kukuba bengazange bamthobele uThixo, ziza kube zingekho. (ISityhi. 20:2, 3) Siza kutsho sivuye nyhani ngokuba siye sayithemba indlela uYehova azenza ngayo izinto.
18. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenziwa ngamaSirayeli ekuthethwa ngayo kwiNumeri 11:4-6 no-21:5?
18 Ngaba kukho izinto ezinokwenzeka kwihlabathi elitsha likaThixo eziza kufuna sibonise ukuba siyithembe kangakanani indlela kaYehova yokwenza izinto? Khawucinge ngento eyenzekayo xa amaSirayeli ayesand’ ukukhululwa kubukhoboka baseYiputa. Amanye aqalisa ukukhalaza kuba ayekhumbula ukutya okumnandi kwaseYiputa, edelela imana awayeyinikwa nguYehova. (Funda iNumeri 11:4-6; 21:5.) Ngaba inokwenzeka into yokuba sifane nawo xa kuphela intlungu engathethekiyo? Asazi ukuba uza kuba ngakanani umsebenzi wokuklina umonakalo oza kube wenziwe yintshabalalo nowokwenza umhlaba ube yiparadesi. Kusenokwenzeka ukuba uza kuba mninzi nobomi busenokungabi lula ekuqaleni. Ngaba siza kuzikhalazela izinto esizenzelwa nguYehova ngelo xesha? Nantsi into esiqiniseke ngayo: Ukuba sizixabisa ngoku izinto esizenzelwa nguYehova, siza kuzixabisa kakhulu ngelo xesha.
19. Ungathi ziintoni ezibalulekileyo ekuthethwe ngazo kweli nqaku?
19 UYehova usoloko ezenza kakuhle izinto. Masingayithandabuzi nakancinci loo nto. Simele sibathembe nabantu abathembayo ukuba benza izinto abaxelela zona. Ungaze uwalibale amazwi awawathetha ngomprofeti uIsaya esithi: “Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”—Isa. 30:15.
INGOMA 98 IZibhalo—Ziphefumlelwe NguThixo
a Eli nqaku liza kusinceda sibone ukuba kutheni kubalulekile ukumthemba kakhulu uYehova nabantu abasebenzisayo. Siza kubona nokuba isinceda njani loo nto ngoku futhi inokusinceda njani silungele neengxaki zexesha elizayo.
b Ngamanye amaxesha kusenokubakho iimeko ezifuna ukuba umntu okanye intsapho ingatshintshwa kwibandla ekulo. Jonga UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2002, kwinqaku elithi “Ibhokisi Yemibuzo.”