IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w22 Juni iphe. 2-7
  • UYehova Ngoyena Mntu Uxolela Kakhulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Ngoyena Mntu Uxolela Kakhulu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UYEHOVA UYAFUNA UKUKUXOLELA
  • UYEHOVA UXOLELA NGENDLELA ENGAFANIYO NEYABANTU
  • UYEHOVA UXOLELA UMNTU ONJANI?
  • QINISEKA UKUBA UYEHOVA UZA KUKUXOLELA
  • UYehova, UThixo ‘Oxolelayo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UThixo ‘Okulungeleyo Ukuxolela’
    Sondela KuYehova
  • Ngaba Uyaxolela Njengokuba UYehova Esenza?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Qiniseka Ukuba UYehova Uyaxolela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
w22 Juni iphe. 2-7

INQAKU ELIFUNDWAYO 24

UYehova Ngoyena Mntu Uxolela Kakhulu

“Wena Yehova, ulungile futhi usoloko ufuna ukuxolela; uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.”​—INDU. 86:5.

INGOMA 42 Umthandazo Womkhonzi KaThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa

1. Yintoni esiyifundiswa nguKumkani uSolomon kwiNtshumayeli 7:20?

UKUMKANI uSolomon wathi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni ohlala esenza okulungileyo angaze one.” (INtshu. 7:20) Ayinyaniso loo mazwi. Sonke siyona. (1 Yoh. 1:8) Ngoko sonke siyafuna ukuxolelwa nguThixo nangabanye abantu.

2. Uziva njani xa uxolelwe ngumhlobo wakho?

2 Ngokuqinisekileyo uyayikhumbula la mini wawukhathaze umhlobo wakho. Wawungafuni nohlukane, ngoko wacela uxolo. Waziva njani xa esithi ukuxolele? Kwathi ngco ngaphakathi, wavuya kakhulu, andithi?

3. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

3 Sifuna uYehova abe ngoyena mhlobo simthandayo, kodwa ngamanye amaxesha siyathetha okanye senze izinto angazithandiyo. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova ufuna nyhani ukusixolela? Yahluke njani indlela axolela ngayo kwesixolela ngayo thina? Uxolela umntu onjani?

UYEHOVA UYAFUNA UKUKUXOLELA

4. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova usoloko efuna ukuxolela?

4 ILizwi LikaThixo liyasiqinisekisa ukuba uYehova usoloko efuna ukusixolela. Xa uYehova wazichaza kuMoses kwiNtaba yeSinayi, wathumela ingelosi ukuba ithi ngaye: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba novelwano, ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso, ozithanda ngokungagungqiyo izizukulwana ezingamawaka, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.” (Eks. 34:6, 7) UYehova nguThixo onobubele nenceba, osoloko efuna ukubaxolela abantu abenza izinto ezimbi xa beguquka.​—Neh. 9:17; INdu. 86:15.

Ngakudade kuvele amazwi athathwe kwiNdumiso 103:13, 14 athi “Yena uyakwazi ukubunjwa kwethu.” Ujikelezwe ziifoto ezibonisa izinto azenzileyo ukususela ebuntwaneni.

UYehova wazi zonke izinto ezenzeke kuthi nezisenze sangaba bantu singabo (Jonga isiqendu 5)

5. INdumiso 103:13, 14 ithi indlela asazi kakuhle ngayo uYehova imenza asiphathe njani?

5 UYehova nguMdali wethu, ngoko wazi yonke into ngathi. Iyamangalisa into yokuba esazi yonke into, ngomntu wonke olapha emhlabeni. (INdu. 139:15-17) Uyazibona zonke iimpazamo esizenza kuba sifuze abazali bethu. Wazi nezinto ezenzeka ebomini bethu, nezisenza sibe ngaba bantu singabo. Le ndlela asazi kakuhle ngayo imenza asiphathe njani? Imenza abe nenceba kuthi.​—INdu. 78:39; funda iNdumiso 103:13, 14.

6. UYehova ubonise njani ukuba ufuna nyhani ukusixolela?

6 UYehova usibonisile ukuba ufuna nyhani ukusixolela. Uyazi ukuba sinesono futhi siyafa, ngenxa yento eyenziwa ngumntu wokuqala, uAdam. (Roma 5:12) Sasingenakukwazi ukuzikhulula, singenakukwazi ukukhulula nabani na kweso siqalekiso. (INdu. 49:7-9) Kodwa uThixo wethu osithandayo wasivela, wenza nendlela yokuba sikhululeke. Wenza ntoni? UYohane 3:16 uthi wathumela uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo ukuba aze kusifela. (Mat. 20:28; Roma 5:19) Kunokuba kufe thina, kwafa uYesu, ukuze bonke abantu abakholwayo kuye bakhululeke. (Heb. 2:9) Inoba kwakubuhlungu nyhani kuYehova ukubona uNyana wakhe amthandayo esifa kabuhlungu, ngendlela elihlazo! Ngokuqinisekileyo uYehova wayengasoze ayivumele loo nto ukuba wayengafuni ukusixolela.

7. Ngoobani abanye abantu ethetha ngabo iBhayibhile abaxolelwa nguYehova ngokusuka entliziyweni?

7 IBhayibhile ithetha ngabantu abaninzi abaxolelwa nguYehova ngokusuka entliziyweni. (Efe. 4:32) Ukhona ocinga ngaye? Mhlawumbi nguKumkani uManase. Le ndoda yayisenza izinto ezimbi, yamona kakhulu uYehova ngeendlela ezothusayo. Yayihamba phambili ekukhonzeni izithixo. Yabulala abantwana bayo, yanikela ngabo kwezo zithixo. Zange iphelele apho, yade yabeka nomfanekiso oqingqiweyo kwitempile engcwele kaThixo. IBhayibhile ithi xa ithetha ngalo kumkani: “Wayeqatsele ekwenzeni izinto ezimbi emehlweni kaYehova, ukuze amcaphukise.” (2 Kron. 33:2-7) Kodwa wathi akubonisa ukuba uguquke nyhani, uYehova wamxolela ngokusuka entliziyweni. Wade wambuyisela ekubeni ngukumkani. (2 Kron. 33:12, 13) Mhlawumbi ucinga nangoKumkani uDavide, owamona kakhulu uYehova , ngokukrexeza nangokubulala. Kodwa naye wathi akuguquka ngokusuka entliziyweni waza wasivuma isono sakhe, uYehova wamxolela. (2 Sam. 12:9, 10, 13, 14) Ngoko simele siqiniseke ukuba uYehova ukufuna nyhani ukuxolela. Enye into, njengokuba siza kubona, indlela axolela ngayo ayifani tu neyabantu.

UYEHOVA UXOLELA NGENDLELA ENGAFANIYO NEYABANTU

8. Kutheni ukungafani kukaYehova nabanye abagwebi kumenza axolele?

8 UYehova ‘nguMgwebi womhlaba wonke.’ (Gen. 18:25) Umgwebi owenza kakuhle umsebenzi wakhe kufuneka awazi kakuhle umthetho. Unjalo ke uYehova, kuba akangoMgwebi wethu nje qha, ukwanguye noMniki-mthetho. (Isa. 33:22) Akakho umntu oyazi njengoYehova into elungileyo nengalunganga. Yeyiphi enye into efunekayo kumntu ogweba kakuhle? Kufuneka azi yonke into ngetyala ngaphambi kokuba awise isigwebo. Ngoko uYehova ngoyena Mgwebi ubodlula bonke kuba uhlala esazi yonke into.

9. Ziintoni acinga ngazo uYehova xa esenza isigqibo sokuba uza kumxolela na umntu?

9 UYehova akafani nabagwebi abangabantu kuba yena uhlala esazi yonke into ngetyala lomntu. (Gen. 18:20, 21; INdu. 90:8) Akaxhomekekanga kwinto ebonwe okanye eviwe ngabantu. Uyaqonda ukuba izinto ezenziwa ngumntu zibangelwa yimfuza, indlela akhuliswe ngayo, indawo ahlala kuyo, indlela avakalelwa ngayo naphile ngayo engqondweni. Wazi nezinto ezisezintliziyweni zethu. Wazi kakuhle ukuba kutheni sisenza izinto esizenzayo. Akukho nto angayiboniyo uYehova. (Heb. 4:13) Zonke ezi zinto zibonisa ukuba xa exolela umntu, umxolela kuba eyazi yonke into eyenzekileyo.

Ngasezintabeni kuvele amazwi athathwe kwiDuteronomi 32:4 athi “LiLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe.”

UYehova unobulungisa, akakhethi, akukho mntu unokumnika intshontsho (Jonga isiqendu 10)

10. Kutheni sisithi uYehova uhlala egweba ngobulungisa? (Duteronomi 32:4)

10 UYehova uhlala egweba ngobulungisa. Akakhethi tu. Umntu akamxoleli kuba naku emhle, esisityebi, edumile okanye eneziphiwo ezininzi. (1 Sam. 16:7; Yak. 2:1-4) Akukho mntu unokumnika intshontsho okanye amnyanzele ukuba enze nantoni na. (2 Kron. 19:7) Akaqhathwa yindlela aziva ngayo xa esenza izigqibo. (Eks. 34:7) Asiyithandabuzi into yokuba uYehova ngoyena Mgwebi ubodlula bonke abakhe bakho, kuba wazi yonke into ngathi nemeko esikuyo.​—Funda iDuteronomi 32:4.

11. Indlela uYehova axolela ngayo yahluke njani kweyabantu?

11 Ababhali beZibhalo ZesiHebhere babesazi ukuba indlela axolela ngayo uYehova ayifani neyabantu. Enye incwadi ithi: “Kwezinye iindawo, igama lesiHebhere ababelisebenzisa xa bethetha ngokuxolela kukaThixo alisetyenziswa xa kuthethwa ngokuxolelana kwabantu.” NguYehova qha okwaziyo ukumxolela ngokupheleleyo umntu owonileyo xa eguqukile. Kwenzeka ntoni xa esixolela?

12-13. (a) Uziva njani umntu oxolelweyo nguYehova? (b) UYehova uxolela ixesha elingakanani?

12 Xa siyamkela into yokuba uYehova usixolele, ‘siyahlaziyeka,’ sizole, singabi satyiwa sisazela ngenxa yento esiyenzileyo. Siziva ngale ndlela kuphela xa sixolelwe “nguYehova ngokwakhe.” (IZe. 3:19) Xa esixolela, uyasivumela ukuba siphinde sibe ngabahlobo bakhe, ibe ngathi khange simone.

13 Emva kokuba uYehova esixolele, uyayilibala loo nto siyenzileyo, angaphinde asohlwaye ngenxa yayo. (Isa. 43:25; Yer. 31:34) ‘Uzibhekelisela kude nathi izono zethu, njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.’b (INdu. 103:12) Xa sicinga ngendlela axolela ngayo uYehova, asiwuvali umlomo, siyambulela. (INdu. 130:4) Kodwa ngumntu onjani oxolelwa nguYehova?

UYEHOVA UXOLELA UMNTU ONJANI?

14. Yintoni esiyifundileyo ukuza kutsho ngoku ngesigqibo sikaYehova sokuxolela nokungaxoleli?

14 Njengokuba sesivile, ukusixolela kukaYehova akuxhomekekanga ekubeni simone kangakanani. Enye into esiyifundileyo kukuba, xa uYehova esenza isigqibo sokuba asixolele na, usebenzisa ulwazi analo njengoMdali, uMniki-mthetho noMgwebi. Ziintoni aqale acinge ngazo?

15. Ngokutsho kukaLuka 12:47, 48, yintoni uYehova acinga ngayo xa esenza isigqibo sokuba amxolele na umntu owenze into engalunganga?

15 Enye into aye acinge ngayo uYehova kukuba ngaba lo mntu wonileyo ebesazi na ukuba wenza into engalunganga. UYesu wayenza yacaca le nto kuLuka 12:47, 48. (Mfunde.) Sisono esinzulu ukwenza into engalunganga ngabom, usazi ukuba uYehova akayifuni. UYehova usenokungakuxoleli. (Marko 3:29; Yoh. 9:41) Masiyivume into yokuba ngamanye amaxesha sikhe senze into esaziyo ukuba ayilunganga. Ngaba likhona ithemba lokuba uThixo uza kusixolela xa kunjalo? Likhona! Ngoku makhe sithethe ngenye into ayijongayo uYehova xa esenza isigqibo sokuba uza kusixolela na.

Ngakumzalwana kuvele amazwi athathwe kuIsaya 55:7 athi “Uza kumxolela kakhulu.” Ngasemva usentlungwini, utyhafe nokutyhafa. Ngaphambili wonwabile, unalo nethemba.

Simele siqiniseke ukuba uYehova uza kusixolela xa siguquka (Jonga isiqendu 16-17)

16. Kuthetha ukuthini ukuguquka? Kutheni kubalulekile ukuba siguquke xa sifuna ukuxolelwa nguYehova?

16 Enye into ayijongayo uYehova kukuba umntu owonileyo uguquke ngokusuka entliziyweni na. Kuthetha ukuthini ukuguquka? Kuthetha “ukutshintsha indlela ocinga ngayo, indlela ozibona ngayo izinto nezinto ozimisele ukuzenza.” Kuthetha nokuba umntu uyazisola okanye ubuhlungu kakhulu ngezinto ezimbi aye wazenza, okanye ngokungenzi izinto ezilungileyo abemele ukuba uzenzile. Umntu oguqukileyo akakhathazwa kukuba enze izinto ezimbi nje qha, ukhathazwa nakukuba eye wabhekela kuYehova yaza loo nto yabangela ukuba enze izinto ezimbi. Khumbula kaloku ukuba uKumkani uManase noKumkani uDavide benza izono ezinzulu, kodwa uYehova wabaxolela kuba baguquka ngokusuka entliziyweni. (1 Kum. 14:8) Ukuze uYehova asixolele, umele abone ukuba siguquke nyhani. Kodwa masingapheleli nje ekuzisoleni ngento embi esiyenzileyo, masibonakale nangezinto esizenzayo ukuba siguqukile.c Ngoku makhe sithethe ngenye into uYehova ayijongayo.

17. Kuthetha ukuthini ukutshintsha? Kutheni kubalulekile ukutshintsha ukuba asifuni kuphinda senze izinto ezimbi ebesizenza? (uIsaya 55:7)

17 Enye into uYehova ayijongayo kukutshintsha. Umntu umele atshintshe ngokuyeka izinto ezimbi ebezenza aze aphile ngendlela efunwa nguYehova. (Funda uIsaya 55:7.) Makatshintshe indlela acinga ngayo, acinge njengoYehova. (Roma 12:2; Efe. 4:23) Umele azimisele ukuyeka ukucinga izinto ezimbi nokuzenza. (Kol. 3:7-10) Lukholo kwidini likaKristu olwenza uYehova asixolele aze azihlambe izono zethu. Uza kusixolela ngenxa yalo xa ebona ukuba sizama ngamandla ethu onke ukutshintsha indlela ebesiphila ngayo.​—1 Yoh. 1:7.

QINISEKA UKUBA UYEHOVA UZA KUKUXOLELA

18. Sifunde ntoni ngendlela uYehova axolela ngayo?

18 Makhe sithi gqaba-gqaba ngezinto ezibalulekileyo esizifundileyo. Akuxokwa xa kusithiwa uYehova ngoyena Mntu uxolela kakhulu kwindalo yonke. Kutheni sisitsho? Okokuqala, uhlala efuna ukuxolela. Okwesibini, akukho nto angayaziyo ngathi. Ekubeni esazi yonke into ngathi, ngoyena mntu ukwaziyo ukubona ukuba siguquke nyhani na. Okwesithathu, xa esixolela iba ngathi khange senze nto imbi. Le nto yenza singatyiwa zizazela, size simvuyise.

19. Kutheni sinokuvuya ngoxa sinesono futhi siseza kuqhubeka simona uThixo?

19 Ekubeni sinesono, siseza kuqhubeka simona uThixo. Ngoko sinokuthuthuzelwa ngamazwi akwi-Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 771, athi: “Ekubeni uYehova enenceba, uyazazi iimpazamo ezenziwa ngabakhonzi bakhe kuba benesono, ngoko mabangahlali bebuhlungu ngenxa yezo mpazamo. (INdu. 103:8-14; 130:3) Ukuba bazama ngamandla abo onke ukuphila ngendlela kaYehova, baza konwaba. (Fil. 4:4-6; 1 Yoh. 3:19-22).” Akhuthaza nyhani la mazwi!

20. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

20 Kuyasivuyisa ukwazi ukuba uYehova usoloko efuna ukusixolela xa sizisola nyhani ngezono esizenzileyo. Kodwa yintoni esinokuyenza ukuze sixolele njengoYehova? Indlela esixolela ngayo thina ifana njani nendlela axolela ngayo, yahluke xa kutheni? Kutheni ukuqonda loo nto kubalulekile? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

YINTONI OYIFUNDILEYO NGENDLELA AXOLELA NGAYO UYEHOVA . . .

  • kwiNdumiso 103:13, 14?

  • kwiDuteronomi 32:4?

  • kuIsaya 55:7?

INGOMA 45 Izinto Endizicingayo

a KwiLizwi lakhe, uYehova uyasiqinisekisa ukuba usoloko efuna ukubaxolela abantu abamonileyo xa beguqukile. Kodwa ngamanye amaxesha sisenokucinga ukuba akusifanelanga ukuxolelwa nguye. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezizathu zokuba siqiniseke ukuba uThixo usoloko efuna ukusixolela xa sizisola nyhani ngezinto ezimbi esizenzileyo.

b Jonga incwadi ethi Sondela KuYehova, isahl. 26, isiqe. 9.

c IGAMA ELICACISIWEYO: “Ukuguquka” kuthetha ukutshintsha indlela umntu acinga ngayo, azisole nyhani ngobomi abekade ebuphila, izinto ezimbi azenzileyo nangokungazenzi izinto abemele azenze. Umntu oguquke nyhani iyatshintsha indlela azenza ngayo izinto.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share