INQAKU ELIFUNDWAYO 34
INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu
Qiniseka Ukuba UYehova Uyaxolela
“Wazixolela izono zam.”—INDU. 32:5.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezizathu zokuba simele siqiniseke ukuba uYehova uyaxolela, nangokuba iBhayibhile isiqinisekisa njani ukuba uyabaxolela aboni abaguqukayo.
1-2. Yintoni enokuvuyisa umntu oye wona, waza waguquka? (Jonga ongaphandle.)
UKUMKANI UDAVIDE wayesazi ukuba kunjani ukuziva unetyala ngenxa yezono owazenzayo. (INdu. 40:12; 51:3; umbhalo osemantla) Wenza iimpazamo ezinkulu ebomini bakhe. Sekunjalo, waguquka ngokunyanisekileyo, waza noYehova wamxolela. (2 Sam. 12:13) Ngenxa yaloo nto, wayeyiqonda nendlela umntu aye onwabe ngayo xa exolelwe nguYehova.—INdu. 32:1.
2 Nathi sinokonwaba njengoDavide xa siye senzelwa inceba nguYehova. Kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba uYehova uyafuna ukusixolela izono zethu, nokuba zinzulu, ukuba siguquka nyhani, sizixele, size senze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze singaziphindi. (IMize. 28:13; IZe. 26:20; 1 Yoh. 1:9) Enye into esenza sonwabe kukwazi ukuba uxolela ngokupheleleyo de ibe ngathi khange simone.—Hez. 33:16.
UKumkani uDavide wabhala iindumiso ezichaza indlela axolela ngayo uYehova (Jonga isiqendu 1-2)
3-4. Waziva njani omnye udade emva kokuba ebhaptiziwe? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Kodwa ngamanye amaxesha abanye basenokungaqiniseki ukuba uYehova ubaxolele. Khawuve into eyenzeka kuJennifer, owakhulela enyanisweni. Ekukhuleni kwakhe wayeziphethe kakubi, kodwa eyifihla loo nto kubazali bakhe. Emva kweminyaka, wabuyela kuYehova waza babhaptizwa. Uthi: “Ngaphambi kokuba ndibuyele kuYehova, ndandiyithanda kakhulu imali, ndiziphethe kakubi ngesondo, ndinxila futhi ndicaphuka kakhulu. Ndandisazi kona ukuba, emva kokuba ndicenge uYehova ukuba andixolele ndaza ndaguquka, idini likaKristu lindenze ndaklini. Sekunjalo, ndandingakholelwa nyhani ukuba uYehova undixolele.”
4 Ngaba ngamanye amaxesha ukhe ungakholelwa nyhani ukuba uYehova ukuxolele ngeempazamo owazenza kwixesha elidlulileyo? UYehova ufuna sifane noDavide, siqiniseke ukuba uyaxolela kuba unenceba. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezizathu zokuba simele siqiniseke ukuba uYehova uyaxolela, nangezinto ezinokusinceda siqiniseke.
KUTHENI KUFUNEKA SIQINISEKE UKUBA UYEHOVA UYAXOLELA?
5. USathana ufuna sikholelwe ntoni? Yenza umzekelo.
5 Xa siqinisekile ukuba uYehova uyaxolela, sinokuyiphepha enye yeendlela uSathana afuna ukusibambisa ngazo. Khumbula ukuba uSathana angenza nantoni na, ukuze asiyekise ukukhonza uYehova. Ukuze yenzeke le nto ayifunayo, unokuzama ukusenza sikholelwe ukuba izono zethu soze zixolelwe. Cinga ngento eyenzeka kwindoda yaseKorinte, eyayisusiwe ebandleni ngenxa yokuziphatha kakubi ngesondo. (1 Kor. 5:1, 5, 13) Yathi yakuguquka, uSathana wafuna abantu abasebandleni bangayixoleli, bangayamkeli nokuyamkela. Kwangaxeshanye, wayefuna le ndoda iguqukileyo icinge ukuba ayisoze ixolelwe, ‘ikhathazeke kakhulu’ de iyeke ukukhonza uYehova. USathana akakayitshintshi nangoku into azimisele ukuyenza okanye amaqhinga akhe. Kodwa thina “siyawazi amacebo akhe.”—2 Kor. 2:5-11.
6. Yintoni enokusenza siwothule emagxeni ethu umthwalo wokuziva sinetyala?
6 Xa siqinisekile ukuba uYehova uyaxolela, sinokuwothula emagxeni ethu umthwalo wokuziva sinetyala. Iqhelekile into yokuba xa sonile sizive sinetyala. (INdu. 51:17) Yinto entle leyo. Izazela zethu zinokusenza sitshintshe size senze izinto ezilungileyo. (2 Kor. 7:10, 11) Kodwa ukuba sisaziva sinetyala nokuba sekukudala siguqukile, sisenokufuna ukunikezela. Kodwa xa siqinisekile ukuba uYehova usixolele, siza kuyeka ukuziva sinetyala. Siza kutsho sikhonze uYehova ngendlela ayifunayo, sinezazela eziklini futhi sonwabe nyhani. (Kol. 1:10, 11; 2 Tim. 1:3) Kodwa yintoni esinokuyenza ukuze sikholelwe nyhani ukuba uThixo usixolele?
YINTONI ENOKUSINCEDA SIQINISEKE UKUBA UYEHOVA UYAXOLELA?
7-8. UYehova wazichaza njani kuMoses? Le nto isenza siqiniseke ngantoni? (Eksodus 34:6, 7)
7 Cinga ngendlela uYehova aye wazichaza ngayo. Ngokomzekelo, cinga ngento uYehova awayixelela uMoses kwiNtaba YaseSinayi.a (Funda iEksodus 34:6, 7.) Nangona ininzi into uYehova awayenokuyithetha ngeempawu nangeendlela zakhe, wabona kufanelekile ukuba axelele uMoses ukuba yena ‘unguThixo onenceba novelwano.’ Ngaba uThixo onjalo angangamxoleli umkhonzi wakhe oguquke nyhani? Soze! Loo nto ibiya kuthetha ukuba uYehova akananceba futhi akanantliziyo, zinto ezo ezingafaniyo tu naye.
8 Sinokuqiniseka ukuba uYehova soze azenze into angeyiyo, kuba nguThixo onenyaniso. (INdu. 31:5) Ngoko masiyithembe into ayithethayo. Ukuba awuyeki ukuziva unetyala ngenxa yezono owazenzayo, zibuze: ‘Ngaba ndikholelwa nyhani ukuba uYehova unenceba novelwano, futhi soze angamxoleli nabani na oguqukayo? Ukuba ndiyayikholelwa loo nto, andimelanga ndiqiniseke ukuba undixolele nam?’
9. Kuthethwa ukuthiwani xa kusithiwa uYehova uzixolele izono zethu? (INdumiso 32:5)
9 Cingisisa ngezinto uYehova awaphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba bazithethe ngokuxolela kwakhe. Ngokomzekelo, cinga ngento umbhali weBhayibhile, uDavide, awayithethayo ngokuxolela kukaYehova. (Funda iNdumiso 32:5.) Wathi: “Wazixolela izono zam.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukuxolela” lisenokuthetha “ukuphakamisa,” “ukuthatha,” okanye “ukuthwala.” Xa uYehova wayexolela uDavide yayingathi uyaziphakamisa izono zakhe, azithwale aze emke nazo. Ngoko uDavide wakhululeka kumthwalo onzima wokuziva enetyala. (INdu. 32:2-4) Kunokuba njalo nakuthi. Xa siguquke nyhani kwizono ebesizenza, akukho mfuneko yokuba sihlale sinomthwalo wokuziva sinetyala lezono uYehova aye waziphakamisa, wazithwala waza wemka nazo.
10-11. Amazwi athi uYehova ‘usoloko efuna ukuxolela’ asixelela ntoni ngaye? (INdumiso 86:5)
10 Funda iNdumiso 86:5. Kule vesi, uDavide uthi uYehova ‘usoloko efuna ukuxolela.’ Icacisa la mazwi, enye incwadi ethetha ngeBhayibhile ithi ngoYehova: “[NguMntu] ‘oxolelayo’—le nto ‘iyazenzekela’ kuye.” Kutheni ukuxolela kuyinto ezenzekelayo kuYehova? Le vesi iphinda ithi: “Uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.” Kwinqaku elidlulileyo, sifundile ukuba uthando lukaYehova olungagungqiyo lumenza abathande kakhulu abakhonzi bakhe, angaze abashiye. Ngenxa yalo, uza ‘kubaxolela nje lula’ bonke abantu abamonileyo baza baguquka. (Isa. 55:7, umbhalo osemazantsi) Ukuba awuqinisekanga ukuba uThixo ukuxolele, zibuze: ‘Ndiyakholelwa ukuba uYehova nguMntu oxolelayo, osoloko efuna ukubaxolela bonke abantu abaguqukileyo abakhalela kuye, becela abenzele inceba? Andimelanga ndikholelwe ukuba undixolele ke mna xa bendikhalela kuye, ndicela andenzele inceba?’
11 Kunokusithuthuzela ukwazi ukuba uYehova uyiqonda ngokupheleleyo into yokuba sinesono. (INdu. 139:1, 2) Le nto icaca kwenye yeendumiso zikaDavide, nayo enokusinceda siqiniseke ukuba uYehova uyaxolela.
UNGAYILIBALI INTO UYEHOVA AYIKHUMBULAYO
12-13. Ngokutsho kweNdumiso 103:14, yintoni uYehova ayikhumbulayo ngathi? Loo nto imenza asiphathe njani?
12 Funda iNdumiso 103:14. UDavide uthi uYehova ‘uyakhumbula ukuba siluthuli.’ Ngaloo mazwi, ucacisa esinye sezizathu zokuba uYehova esoloko efuna ukubaxolela abakhonzi bakhe abaguqukileyo: Ihlala isengqondweni yakhe into yokuba sinesono. Ukuze siyiqonde kakuhle le nto, makhe sibone ukuba wayethetha ukuthini uDavide.
13 UDavide uthi uYehova “uyakwazi ukubunjwa kwethu.” Wadala uAdam “ngothuli lomhlaba” futhi wazi kakuhle ukuba abantu abangenasono banezinto abazidingayo, njengokulala, ukutya nokuphefumla. (Gen. 2:7) Kodwa bathi bakona uAdam noEva, ukwenziwa ngothuli kwathetha nenye into. Ekubeni siphuma kubo, safumana isono esenza kube lula kuthi ukwenza izinto ezirongo. UYehova akaneli nje ukwazi ukuba sinesono. UDavide uthi ‘uyakhumbula’ ukuba sinaso. Igama lesiHebhere elisetyenziswe apha linokuthetha ukuthi uhlala enovelwano kuthi. Sinokuyichaza kanje eyona nto yayithethwa nguDavide: UYehova uyayiqonda into yokuba ngamanye amaxesha siza kuphazama. Xa isenzeka loo nto size siguquke ngokusuka entliziyweni, uza kusenzela inceba aze asixolele.—INdu. 78:38, 39.
14. (a) UDavide uyicacisa njani indlela uYehova axolela ngayo? (INdumiso 103:12) (b) Sinokufunda ntoni kwindlela uYehova awamxolela ngayo uDavide? (Jonga ibhokisi ethi “Indlela UYehova Axolela Aze Alibale Ngayo.”)
14 Usixolela kangakanani uYehova? (Funda iNdumiso 103:12.) UDavide uthi xa uYehova exolela, uzibhekelisela kude izono zethu, “njengokuba kude kwempumalanga [kwempuma] entshonalanga [entshona].” Kaloku impuma yeyona ndawo ikude kwintshona, futhi ezo ndawo soze zidibane. Le nto isixelela ntoni ngezono azixolelayo uYehova? Enye incwadi ecacisa iBhayibhile iyizekelisa ngolu hlobo le nto: “Ukuba isono sibhekeliselwa kude kangako, sinokuqiniseka ukuba akusekho vumba nanto ibonisa ukuba besikhe sakho, silibaleka tu.” Yicinge kanje le nto: Ivumba linokumkhumbuza into ethile umntu. Kodwa xa uYehova esixolela, iba ngathi akusekho nentwana yevumba lesono esisenzileyo, enokumenza asikhumbule aze asohlwaye.—Hez. 18:21, 22; IZe. 3:19.
15. Yintoni esinokuyenza xa sisoloko siziva sinetyala ngenxa yezono esazenzayo?
15 Into eyathethwa nguDavide kwiNdumiso 103 isinceda njani siqiniseke ukuba uYehova uyaxolela? Ukuba sisoloko siziva sinetyala ngenxa yezono esazenzayo, sinokuzibuza: ‘Ngaba ndilibala into uYehova ayikhumbulayo; ndiyalibala ukuba ihlala isengqondweni yakhe into yokuba ndinesono, ngoko uza kumxolela umoni ofana nam xa eguqukile? Ngaba ndikhumbula nento uYehova akhetha ukuyilibala, ndikhumbula izono aye wazixolela nangasoze andohlwaye ngenxa yazo?’ UYehova akahlali ecinga ngezono esazenzayo. Ngoko nathi masingayenzi loo nto. (INdu. 130:3) Xa siqinisekile ukuba uYehova uyaxolela, nathi siza kuzixolela ngezono esazenzayo, size siqhubeke sikhonza uYehova sivuya.
16. Khawenze umzekelo obonisa indlela okuyingozi ngayo ukuhlala uziva unetyala ngezono owazenzayo. (Jonga nomfanekiso.)
16 Cinga ngalo mzekelo. Ukuhlala uziva unetyala ngezono owazenzayo kufana nokuzama ukuqhuba imoto, ujonge kwisipili esibonisa ngasemva. Kuhle kona ukumana usithi krwaqu eso sipili, ukuze ukwazi ukuzibona izinto ezisemva kwakho ezisenokuba yingozi. Kodwa ukuze ukhuseleke, kufuneka uhlale ujonge indlela ephambi kwakho. Ngendlela efanayo, kuhle ukumana sicinga ngeempazamo esazenzayo, ukuze sifunde kuzo size sizimisele nyhani ukungaziphindi. Kodwa ukuba sihlala sicinga ngazo, ukuziva sinetyala kunokusenza singamkhonzi kakuhle uThixo. Endaweni yaloo nto, masihlale sijonge kwindlela ephambi kwethu. Sisendleleni eya kubomi esibuthenjiswe nguThixo kwihlabathi elitsha, apho ‘singazukuzikhumbula’ izinto ezimbi.—Isa. 65:17; IMize. 4:25.
Njengokuba umntu oqhubayo kufuneka ajonge kakhulu indlela ephambi kwakhe kunesipili esimbonisa ngasemva, nathi kufuneka sicinge kakhulu ngeentsikelelo ezizayo kuneempazamo esazenzayo (Jonga isiqendu 16)
HLALA UQINISEKILE UKUBA UYEHOVA UYAXOLELA
17. Kutheni kufuneka sihlale siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda futhi usoloko efuna ukusixolela?
17 Kufuneka sihlale siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda futhi usoloko efuna ukusixolela. (1 Yoh. 3:19) Kutheni? Kaloku uSathana akazukuyeka ukuzama ukusenza sicinge ukuba uYehova akanakusithanda okanye asixolele. Inye into ayifunayo, kukusenza siyeke ukukhonza uYehova. Sinokulindela ukuba uSathana aye eqinisa ukuyenza le nto kuba uyazi ukuba ixesha analo lifutshane. (ISityhi. 12:12) Singaze simvumele asenze siyeke ukukhonza uYehova!
18. Yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba uYehova uyakuthanda futhi uyaxolela?
18 Ukuze uye uqiniseka ukuba uYehova uyakuthanda, sebenzisa amacebiso ekuthethwe ngawo kwinqaku elidlulileyo. Ukuze uqiniseke ukuba uYehova uyaxolela, cingisisa ngendlela aye wazichaza ngayo. Cingisisa ngezinto awaphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba bazithethe ngokuxolela kwakhe. Sukulibala ukuba uyakwazi ukuba uyazenza iimpazamo, ngoko uza kuba nenceba kuwe. Khumbula nokuba xa ekuxolele, ukuxolele ngokupheleleyo. Xa usenza ezo zinto, uza kutsho uqiniseke njengoDavide ukuba uYehova unenceba, uze uthi, “Enkosi Yehova, ‘ngokuzixolela izono zam’!”—INdu. 32:5.
INGOMA 1 Iimpawu ZikaYehova
a Jonga inqaku elithi “Sondela KuThixo—Xa UYehova Wayezichaza KuMoses” kwiMboniselo kaMeyi 1, 2009.