IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Meyi iphe. 14-19
  • Uthando Malukwenze Ungayeki Ukushumayela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando Malukwenze Ungayeki Ukushumayela
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • SISHUMAYELA KUBA SITHANDA IINDABA EZILUNGILEYO
  • SISHUMAYELA KUBA SITHANDA ABANTU
  • SISHUMAYELA KUBA SITHANDA UYEHOVA NEGAMA LAKHE
  • SIZA KUSHUMAYELA DE KUFIKE ISIPHELO
  • Yintoni Esiyaziyo Ngendlela UYehova Aza Kugweba Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Ungonwaba Kakhulu Entsimini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Thobeka Xa Kukho Izinto Ongazaziyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Kukhuthalele Ukushumayela NjengoYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Meyi iphe. 14-19

INQAKU ELIFUNDWAYO 20

INGOMA 67 ‘Shumayela ILizwi’

Uthando Malukwenze Ungayeki Ukushumayela

“Kumele kuqale kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga.”​—MARKO 13:10.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela uthando olusinceda ngayo siwukhuthalele umsebenzi wokushumayela, size siwenze ngentliziyo yethu yonke.

1. Yintoni esiyifundileyo kwintlanganiso yonyaka ka-2023?

KWINTLANGANISO yonyaka ka-2023,a kuye kwenziwa utshintsho kwindlela ebesiziqonda ngayo ezinye izinto esizikholelwayo, kwaza kwenziwa nezaziso ezivuyisayo ngomsebenzi wethu wokushumayela. Ngokomzekelo, siye seva ukuba abanye abantu basenokufumana ithuba lokukhonza uYehova nasemva kokuba kutshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu. Siye seva nokuba ukususela ngoNovemba 2023, akuzubakho mfuneko yokuba abavakalisi bafake ingxelo yayo yonke into abayenzileyo entsimini. Ngaba olu tshintsho lwenza umsebenzi wethu ungangxamiseki njengakuqala? Hayi!

2. Kutheni umsebenzi wethu wokushumayela usiya ungxamiseka qho kudlula usuku? (Marko 13:10)

2 Njengoko kuqengqeleka iintsuku, nomsebenzi wethu uya ungxamiseka kakhulu. Yintoni ewenza ungxamiseke? Kaloku isiphelo sesikufutshane. Cinga ngento eyathethwa nguYesu ngomsebenzi wokushumayela owawuza kwenziwa ngemihla yokugqibela. (Funda uMarko 13:10.) Kwincwadi kaMateyu, uYesu wathi iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba ngaphambi kokuba “sifike isiphelo.” (Mat. 24:14) Wayethetha ngesiphelo seli hlabathi libi lilawulwa nguSathana. UYehova uyibekile ‘imini neyure’ eziza kwenzeka ngayo izinto eziza kwenzeka kungekudala. (Mat. 24:36; 25:13; IZe. 1:7) Usuku ngalunye lusisondeza kwelo xesha. (Roma 13:11) Thina simele singayeki ukushumayela, de kufike isiphelo.

3. Yintoni esenza sishumayele?

3 Xa sicinga ngomsebenzi wethu wokushumayela, nanku umbuzo obalulekileyo esifuna ukuzibuza wona: Kutheni sishumayela iindaba ezilungileyo? Ngamazwi nje ambalwa, kungenxa yothando. Xa sishumayela, sibonisa indlela esizithanda ngayo iindaba ezilungileyo nabantu. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba sibonisa indlela esimthanda ngayo uYehova negama lakhe. Makhe sithethe ngazo ezi zinto.

SISHUMAYELA KUBA SITHANDA IINDABA EZILUNGILEYO

4. Siye sifune ukwenza ntoni xa sisiva iindaba ezimnandi?

4 Usayikhumbula indlela owavuya ngayo xa wawuve iindaba ezimnandi? Mhlawumbi kowenu kwakuzelwe umntwana okanye ufumene umsebenzi owawuwudinga. Ngokuqinisekileyo wawufuna ukubabalisela abantu bakowenu nabahlobo bakho ngezi ndaba zimnandi. Ngaba kwaye kwenzeka loo nto naxa wawusiva ezona ndaba zimnandi, iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo?

5. Waziva njani xa wawuqala ukufunda inyaniso ekwiLizwi LikaThixo? (Jonga nemifanekiso.)

5 Khawucinge indlela owaziva ngayo xa wawuqala ukufunda inyaniso ekwiLizwi LikaThixo. Wafunda ukuba uTata wakho osezulwini uyakuthanda, ufuna ube kwintsapho yabakhonzi bakhe, uthembise ukuba uza kuziphelisa iintlungu, nokuba unokuba nethemba lokuphinda ubabone kwihlabathi elitsha abantu obathandayo abaswelekileyo. Zikhona ke nezinye izinto owazifundayo. (Marko 10:​29, 30; Yoh. 5:​28, 29; Roma 8:​38, 39; ISityhi. 21:​3, 4) Wathi wakuva ezi zinto, wavuya kakhulu. (Luka 24:32) Wazithanda izinto owawuzifunda, kangangokuba zange ukwazi ukuzibamba, wafuna ukuxelela wonke umntu ngazo!​—Thelekisa uYeremiya 20:9.

Umzalwana uqhubela enye indoda isifundo esebenzisa incwadi ethi “Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!” Imifanekiso: Le ndoda incokola nabanye ngezinto ezifundileyo. 1. Nomntu ophangela nayo. 2. Nabantu bakowayo. 3. Nomhlobo wayo.

Xa sasiqala ukuva iindaba ezilungileyo safuna ukuxelela wonke umntu ngazo (Jonga isiqendu 5)


6. Ufunda ntoni kuErnest noRose?

6 Cinga ngento eyenzeka komnye umzalwana onguErnest,b owaswelekelwa ngutata wakhe xa wayeneminyaka emalunga neyi-10. Uthi: “Ndandizibuza: ‘Uye ezulwini, okanye kuphelile ngaye, soze aphinde aphile?’ Ndandirhala xa ndibona abanye abantwana abasenootata.” Qho uErnest wayesiya emangcwabeni, aguqe kwingcwaba likatata wakhe aze athandaze athi: “Thixo, ndicela ukwazi ukuba uphi utata.” Kwiminyaka emalunga neyi-17 eswelekile utata wakhe, elinye iNgqina lacela ukumfundisa iBhayibhile, wavuma. Kwamvuyisa nyhani ukuva ukuba umntu oswelekileyo akazi nto, ufana nomntu olele yoyi, nokuba iBhayibhile ithembisa ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. (INtshu. 9:​5, 10; IZe. 24:15) Wade wazifumana iimpendulo zemibuzo awayenayo kangangeminyaka! Zazimvuyisa kakhulu iinyaniso eziseBhayibhileni awayezifunda. Emva koko bafundelwa bobabini nenkosikazi yakhe, uRose, yaza nayo yazithanda izinto eyayizifunda. Ngo-1978 babhaptizwa. Babekukhuthalele ukushumayela kubantu abazalana nabo, abahlobo nabanye abantu ababemamela. Bebobabini bancede abantu abangaphezu kwabayi-70 babhaptizwa.

7. Kwenzeka ntoni xa siyithanda into esiyifunde eBhayibhileni? (Luka 6:45)

7 Xa siyithanda into esiyifunde eBhayibhileni, siziva sinyanzelekile ukuba sithethe ngayo. (Funda uLuka 6:45.) Siziva njengabafundi bakaYesu abathi: “Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” (IZe. 4:20) Siyithanda kakhulu inyaniso kangangokuba sifuna ukuxelela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngayo.

SISHUMAYELA KUBA SITHANDA ABANTU

8. Yintoni esenza sifune ukuxelela wonke umntu ngeendaba ezilungileyo? (Jonga ibhokisi ethi “Bathande Abantu​—Yenza Abafundi.”) (Jonga nomfanekiso.)

8 NjengoYehova noNyana wakhe, siyabathanda abantu. (IMize. 8:31; Yoh. 3:16) Sibavela kakhulu abo ‘bangenaThixo nabangenathemba.’ (Efe. 2:12) Iingxaki abanazo zinokubenza bazive ngathi bakumngxuma onzulu. Kodwa thina sinayo intambo esinokubatsala ngayo baphume, iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo. Lo myalezo uxabisekileyo unokubenza babe nethemba, ubancede baphile ubomi obubhetele ngoku, uze ubenze bakhangele phambili ‘kubomi benene,’ ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.​—1 Tim. 6:19.

Udade ushumayela ngephecana kwibhinqa elikwivenkile yokutyela.

Indlela esibathanda nesibavela ngayo abantu isenza senze yonke into esinokuyenza ukuze sibaxelele iindaba ezilungileyo (Jonga isiqendu 8)


Bathande Abantu​—Yenza abafundi

Le ncwadana intsha ithetha ngeempawu eziyi-12 esifanele sibe nazo ukuze sikwazi ukubathanda abantu esishumayela kubo size senze abafundi. Zonke izifundo ezikuyo zisinceda singacingi nje ngezinto esifuna ukuzithetha, kodwa sicinge ngezinto abanomdla kuzo abantu nezinto ezibenza babe nexhala. Zibuze: ‘Yintoni abayicingayo? Ziintoni abazidingayo?’ Njengokuba isitsho kwintshayelelo yayo, “kubo bonke ubuchule obukhoyo, [uthando] yeyona nto iza kukwenza ukwazi ukwenza abafundi.”

9. (a) Ziintoni esibalumkisa ngazo abantu neziza kwenzeka kwixesha elizayo? (b) Kutheni sibalumkisa? (Hezekile 33:​7, 8)

9 Ukubathanda abantu kusenza sibaxelele nokuba eli hlabathi libi seliza kutshatyalaliswa. (Funda uHezekile 33:​7, 8.) Sisizela bonke abantu abangamkhonziyo uYehova, nesizalana nabo. Abaninzi kubo baziphilela njee, bengazi nokuba liyeza ixesha “lentlungu engathethekiyo engazange ibonwe ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nengasoze iphinde ibekho.” (Mat. 24:21) Sifuna bayazi into eza kwenzeka ngelo xesha lomgwebo. Kuza kuqala kupheliswe iinkonzo zobuxoki, emva koko kutshatyalaliswe eli hlabathi libi kwimfazwe ebizwa ngokuba yiArmagedon. (ISityhi. 16:​14, 16; 17:​16, 17; 19:​11, 19, 20) Sithandazela ukuba babe baninzi kangangoko kunokwenzeka abantu abasimamelayo, baze bakhonze uYehova kunye nathi. Kuza kwenzeka ntoni kubantu abangasimameliyo ngoku, nekukho kubo abantu esizalana nabo?

10. Kutheni kungxamisekile ukuba sihlale sibalumkisa abantu ngento eza kwenzeka?

10 Njengokuba sifundile kwinqaku elingaphambi kweli, uYehova usenokubasindisa abantu abaza kuqalisa ukuguquka xa bebona kutshatyalaliswa iBhabhiloni Enkulu. Ngoko kubaluleke kakhulu ukuba singayeki ukubalumkisa ngokutshatyalaliswa kwayo. Cinga ngale nto: Into esibaxelela yona ngoku basenokuyikhumbula ngelo xesha. (Thelekisa uHezekile 33:33.) Kusenokwenzeka bayikhumbule into esibalumkise ngayo baze bafune ukukhonza uYehova kunye nathi ngaphambi kokuba bashiywe lixesha. Mhlawumbi abanye abantu abangasimameliyo ngoku baza kufana nonogada waseFilipi, owaguquka emva kokuba ‘kubekho inyikima enkulu,’ baguquke xa besothuswa kukubona iBhabhiloni Enkulu itshatyalaliswa.​—IZe. 16:​25-34.

SISHUMAYELA KUBA SITHANDA UYEHOVA NEGAMA LAKHE

11. Kuthetha ukuthini ukunika uYehova uzuko nembeko? (ISityhilelo 4:11) (Jonga nemifanekiso.)

11 Esona sizathu sibalulekileyo sokuba sishumayele iindaba ezilungileyo kukuba sithanda uYehova uThixo negama lakhe elingcwele. Xa sishumayela sidumisa uThixo wethu esimthandayo. (Funda iSityhilelo 4:11.) Sivumelana namazwi athi: “Ufanele Yehova Thixo wethu onamandla, ukwamkela uzuko nembeko.” Simnika uzuko nembeko ngokubonisa abantu ubungqina bokuba nguye ‘owadala zonke izinto,’ futhi siyaphila ngenxa yokuba wasinika ubomi. Sisebenzisa ixesha, amandla nezinto esinazo ukuze sishumayele kangangoko sinako. (Mat. 6:33; Luka 13:24; Kol. 3:23) Ngamany’ amazwi, siyakuthanda ukuthetha ngoThixo wethu esimthandayo. Siziva sinyanzelekile ukuxelela abanye ngegama lakhe nangokuba unguThixo onjani. Kutheni?

Imifanekiso: Iindlela esinokushumayela ngazo. 1. EAfrika, udade ohamba nomyeni wakhe bashumayeza ibhinqa elikunye nabantwana balo phambi kwendlu yabo. 2. Udade ushumayela kwibhinqa alinde nalo ibhasi. 3. Umzalwana ozipholele elwandle ushumayeza indoda ehleli ecaleni kwakhe.

Sisebenzisa ixesha, amandla nezinto esinazo ukuze sishumayele kangangoko sinako (Jonga isiqendu 11)


12. Silingcwalisa njani igama likaYehova xa sishumayela?

12 Indlela esimthanda ngayo uYehova isenza sifune ukungcwalisa igama lakhe. (Mat. 6:9) Sifuna ukuxelela abantu ukuba izinto ezimbi uSathana azithethileyo ngoYehova zibubuxoki. (Gen. 3:​1-5; Yobhi 2:4; Yoh. 8:44) Xa sishumayela sifuna ukummela uThixo wethu, sibaxelele inyaniso ngaye bonke abantu abasimamelayo. Sifuna bonke bazi ukuba olona phawu abalasele ngalo luthando, ulawula ngobulungisa, nokuba uBukumkani bakhe sebuza kuziphelisa zonke iintlungu, buze benze bonke abantu bahlalisane ngoxolo futhi bonwabe. (INdu. 37:​10, 11, 29; 1 Yoh. 4:8) Xa sixelela abantu ezi zinto ngoYehova, singcwalisa igama lakhe. Sivuyiswa nakukwazi ukuba senza into emele yenziwe ngamaNgqina KaYehova. Kutheni sisitsho?

13. Kutheni kuyinyhweba ukubizwa ngokuba singamaNgqina KaYehova? (Isaya 43:​10-12)

13 UYehova uye wasikhetha ukuze sibe ‘ngamangqina’ akhe. (Funda uIsaya 43:​10-12.) Kwiminyaka edlulileyo, ileta evela kwiQumrhu Elilawulayo yathi: “Sinandipha elona lungelo libalulekileyo lokubizwa ngokuba singamaNgqina kaYehova.”c Kwakutheni ukuze itsho? Khawucinge ngalo mzekelo: Ukuba bekunokufuneka ukhethe umntu oza kukuthethelela enkundleni, ubunokukhetha umntu omaziyo nomthembayo, umntu odume kakuhle neza kuthenjwa into ayithethayo. Into yokuba uYehova akhethe thina ukuba sibe ngamaNgqina akhe ibonisa ukuba usazi kakuhle, futhi uyasithemba ukuba siza kubaxelela abantu ukuba nguye kuphela uThixo wokwenene. Indlela esikuxabisa ngayo ukuba ngamaNgqina akhe isenza sisebenzise naliphi na ithuba elivelayo ukuze sifundise abantu ngegama lakhe, sibancede babone nokuba izinto ezimbi ezithethwayo ngaye aziyonyani. Xa sisenza loo nto, senza into ethethwa ligama lethu, singqinela uYehova!​—INdu. 83:18; Roma 10:​13-15.

SIZA KUSHUMAYELA DE KUFIKE ISIPHELO

14. Zeziphi izinto ezivuyisayo eziza kwenzeka kwixesha elizayo?

14 Sizijonge ngamehlo abomvu izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Sinethemba lokubona abantu abaninzi besamkela inyaniso ngaphambi kokuba kuqalise intlungu engathethekiyo, ukuba uYehova uyafuna. Sivuyiswa nakukwazi ukuba nangelona xesha linzima lentlungu engathethekiyo, basenokubakho abantu abalishiyayo eli hlabathi likaSathana, baze badumise uYehova kunye nathi.​—IZe. 13:48.

15-16. (a)  Yintoni esiza kuqhubeka siyenza? (b) Siza kuyenza de kube nini?

15 Okwangoku sinomsebenzi obalulekileyo ekufuneka siwenze, nongazukuphinda wenziwe. Sinenyhweba yokushumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo emhlabeni wonke. Kwangaxeshanye, kufuneka sihlale sibalumkisa abantu ngento esele iza kwenzeka. Kufuneka bazi ukuba usuku ngalunye lusisondeza kwisiphelo seli hlabathi libi. Liza kuthi lakufika elo xesha lomgwebo, bazi ukuba umyalezo esasishumayela ngawo wawusuka kuYehova uThixo.​—Hez. 38:23.

16 Ngoko yintoni esizimisele ukuyenza? Siza kuhlala siwukhuthalele umsebenzi wokushumayela de uYehova athi: “Ugqityiwe!” Kaloku sithanda iindaba ezilungileyo nabantu, kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba sithanda uYehova uThixo negama lakhe.

EZI ZINTO ZISINCEDA NJANI SIFUNE UKUSHUMAYELA?

  • Ukuthanda iindaba ezilungileyo

  • Ukuthanda abantu

  • Ukuthanda uYehova negama lakhe

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

a Intlanganiso yonyaka eyayinge-7 kaOktobha 2023, yayiqhutyelwa kwiHolo YeNdibano YamaNgqina KaYehova eseNewburgh, eNew York, eUnited States. Emva koko yakhutshwa kwiJW Broadcasting​—Inxalenye 1 ngoNovemba 2023, Inxalenye 2 ngoJanuwari 2024.

b Jonga inqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu​—Ndamangaliswa Ziimpendulo ZeBhayibhile Ezicacileyo Nezivakalayo,” kwiMboniselo kaFebruwari 1, 2015.

c Jonga Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2007, iphe. 3. 

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share