ICEBISO LEZINTO ONOKUZENZA XA UFUNDA
Zimisele Ukufumana Into Entsha Xa Ufunda
Xa siza kufunda, sinokuzibuza, ‘Yintoni endilindele ukuyifumana?’ Kodwa masilumke, singavumeli loo nto siyilindeleyo isenze singayiboni eyona nto asifundisa yona uYehova. Sinokwenza njani ukuze sifumane into entsha xa sifunda?
Thandazela ubulumko. Cela uYehova akuncede ubone ukuba yintoni afuna ukukufundisa yona ngoku. (Yak. 1:5) Kulumkele ukuthembela kwindlela obuziqonda ngayo izinto.—IMize. 3:5, 6.
Yihloniphe indlela enamandla ngayo iBhayibhile. “Ilizwi likaThixo liphilile.” (Heb. 4:12) Ngoko qho xa silifunda sinokufumana into entsha lize lisincede ngeendlela ezahlukeneyo. Kodwa loo nto yenzeka kuphela xa siqonda ukuba ikhona into uThixo afuna siyifunde.
Yixabise yonke into esetafileni kaYehova. Izinto asifundisa zona zifana ‘nezidlo ezinamafutha.’ (Isa. 25:6) Kulumkele ukuziyeka “izidlo” ocinga ukuba azizukuba mnandi. Ziza kukunceda futhi uza kuzivuyela nyhani izidlo uThixo akulungiselele zona.