Iimfazwe Nemilo Indlela Ezisichaphazela Ngayo
“Ihlabathi lijongene nemilo emininzi ukusukela oko kwabakho imfazwe yesibini yehlabathi ibe bayi-2 bhiliyoni abantu—abaye bachatshazelwa ziimfazwe—kwiindawo ebezineemfazwe nemilo.”
IUnited Nations Deputy Secretary-General UAmina J. Mohammed, Januwari 26, 2023.
Iimfazwe nemilo zingenzeka nakwiindawo ezinoxolo okwangoku. Nabantu abangahlaliyo kwiindawo ezineemfazwe bangachaphazeleka, ibe nemiphumo eye ibekhona emva kweemfazwe iye ihlale ixesha elide. Nantsi imizekelo:
Ukungabikho kokutya okwaneleyo. Umbutho onceda abantu ngokutya xa kwehle intlekele iWorld Food Programme, ithi: “indlala iye yabangelwa ziimfazwe, kuba i-70 pesenti yabantu abahlala kwiindawo ezichatshazelwe ziimfazwe nemilo baye bazibona bengena kutya.”
Ukugula ngokwasemzimbeni nangokwemvakalelo. Xa abantu balondawo bebona ngathi kuza kuqala imfazwe banokuba nexhala baze babe nestres. Ezo mfazwe azipheleli nje ngokubenzakalisa emzimbeni kodwa baye babe nazo neengxaki zokuphazamiseka ngokweemvakalelo, kuye kubenzima nokuba bafumane uncedo koogqirha.
Ukushiya amakhaya ngenxa yemfazwe. Ngokutsho kwe United Nations High Commissioner for Refugees, bangaphezu kwe 114 miliyoni abantu emhlabeni wonke ekuye kwanyanzeleka bashiye amakhaya abo ukususela ngoSeptemba 2023. Esona sizathu esibangela le ngxaki ziimfazwe nemilo.
Ingxaki zemali. Iimfazwe ziye zabangela ukuba abantu babeneengxaki zemali, ezifana nokudura kwezinto. Abantu baye basokole kakhulu kuba urhulumente uye asebenzisa imali ukuze axhase amajoni aya emfazweni. Loo nto iye ibangele ukuba abantu bangazifumani izinto ekumele ukuba urhulumente ubenzela zona, ezifana nezempilo okanye ezemfundo. Kuye kubize imali eninzi ukulungisa umonakalo oye wenziwa ziimfazwe.
Ukungcoliseka komhlaba. Abantu baye basokole xa indawo abahlala kuyo yonakalisiwe. Iibhombu ebezisetyenziswa emfazweni, ziye zenze umhlaba ubemdaka nto leyo eyenza abantu bagule. Nasemva kwemfazwe ezinye iibhombu ezinobungozi ebezifihlwe phantsi komhlaba ziye zihlale ixesha elide.
Ngokuqinisekileyo, xa kukho iimfazwe kuye kusetyenziswe imali eninzi kwaye zimosha kakhulu