IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mrt inqa. 112
  • Iza Kuphela Nini Imilo?—Ithini IBhayibhile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iza Kuphela Nini Imilo?—Ithini IBhayibhile?
  • Imixholo Engakumbi
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuyaliwa emhlabeni
  • Imfazwe eza kuphelisa zonke iimfazwe
  • Unyaka ka-2023 Wenze Abantu Banexhala—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • Kuqala Unyaka Wesibini Iqhuba Imfazwe YaseUkraine—Ithembisa Ntoni IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • Kusetyenziswe Iitriliyoni Zemali Kwimfazwe—Mkhulu Kangakanani Umonakalo?
    Imixholo Engakumbi
  • Iimfazwe Nemilo Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2025
Khangela Okunye
Imixholo Engakumbi
mrt inqa. 112
Imifanekiso: Iifoto ezibonisa iindawo eziye zanemfazwe kuMbindi Mpuma. 1. Kuyaqhushumba kwidolophu yaseGaza. 2. EYerusalem emva kokuba kudutyuliwe.

Ngasekhohlo: Yasser Qudaih/Anadolu via Getty Images; ngasekunene: RONALDO SCHEMIDT/AFP via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Iza Kuphela Nini Imilo?​—Ithini IBhayibhile?

UAntónio Guterres ongunobhala-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo ebethetha ngokuba i-Iran iye yahlasela kwaSirayeli ngoMgqibelo nge-13 ka-Aprili 2024. Uthe: “Ngoku lixesha lokuba sizame ukuyiphelisa le ngxaki. Kufuneka sizame ukuzibamba ngandlela zonke.”

Umlo owenzeka kuMbindi Mpuma ngumzekelo nje omnye wento eyenzeka emhlabeni wonke.

“Emva kweMfazwe Yehlabathi Yesibini, kuye kwakho imilo emininzi emhlabeni ibe abantu abaye basengxakini ngenxa yaloo milo bayi-2 bhiliyoni.”​—IUnited Nations Security Council, ngoJanuwari 26, 2023.

Kuye kwaliwa kwaSirayeli, eGaza, eSyria, eAzerbaijan, eUkraine, eSudan, e-Ethiopia, eNiger, eMyanmar, naseHaiti.a

Iza kuphela nini imilo? Ngaba iinkokheli zomhlaba zingazisa uxolo? Ithini iBhayibhile?

Kuyaliwa emhlabeni

Le milo ibonisa ukuba iimfazwe seziza kuphela. IBhayibhile yayiprofetile ngezi mfazwe zenzekayo kweli xesha lethu. IBhayibhile ithi eli xesha libonisa ukuba “sekuza kupheliswa ihlabathi.”​—Mateyu 24:3.

  • “Niza kuva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo. . . . Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga.”​—Mateyu 24:6, 7.

Funda inqaku elithi, “Yintoni Ebonisa Ukuba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’ Okanye ‘Kwixesha Lesiphelo’?” ukuze ubone ukuba iimfazwe ezenzekayo ngoku ziyibonisa njani into eyayichazwe kudala yiBhayibhile.

Imfazwe eza kuphelisa zonke iimfazwe

IBhayibhile ithi abantu baseza kuyeka ukulwa. Iza kwenzeka njani loo nto? Ayizukwenziwa ngabantu kodwa iza kwenzeka ngeArmagedon, “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.” (ISityhilelo 16:14, 16) Emva kwale mfazwe, uThixo uza kusenza isithembiso sakhe sokuzisa uxolo olungasoze luphele.​—INdumiso 37:10, 11, 29.

Ukuze ufunde nezinye izinto ngemfazwe kaThixo eza kuphelisa zonke iimfazwe, funda inqaku elithi “Yintoni Imfazwe YeArmagedon?”

a IACLED Conflict Index, “Ranking violent conflict levels across the world,” ngoJanuwari 2024

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share