INQAKU ELIFUNDWAYO 13
INGOMA 4 “UYehova Ngumalusi Wam”
Ngaba Kukho Into Enokuxaka UYehova?
“Ngaba kukho into enokuxaka uYehova?”—NUM. 11:23.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto eziza kusenza siye simthemba uYehova ukuba uza kusinika izinto esizidingayo.
1. Xa uMoses wayekhupha amaSirayeli eYiputa, wabonisa njani ukuba uyamthemba uYehova?
INCWADI yamaHebhere ithetha ngabantu abaninzi ababenokholo kuYehova, omnye wabo, uMoses wayenokholo olubalaseleyo. (Heb. 3:2-5; 11:23-25) Olo kholo walubonisa xa wakhupha amaSirayeli eYiputa. Zange avume ukoyikiswa nguFaro nomkhosi wakhe. Ethembele ngoYehova, wakhokela abantu baluwela uLwandle Olubomvu de baya kufika entlango. (Heb. 11:27-29) AmaSirayeli amaninzi aphelelwa lukholo lokuba uYehova uyakwazi ukuwakhathalela, kodwa yena uMoses wahlala enokholo kuThixo wakhe. Ukholo lwakhe aluzange lumphoxe, kuba ngendlela engummangaliso uThixo wabanika ukutya namanzi ukuze baqhubeke bephila kuloo ntlango yomileyo.a—Eks. 15:22-25; INdu. 78:23-25.
2. Kwakutheni ukuze uThixo abuze uMoses lo mbuzo: “Ngaba kukho into enokuxaka uYehova”? (Numeri 11:21-23)
2 Malunga nonyaka uYehova ekhulule amaSirayeli ngendlela engummangaliso, uMoses owayenokholo oluqinileyo wayithandabuza into yokuba uYehova uza kukwazi ukubanika inyama abantu Bakhe. Wayengenambono wendlela uYehova awayeza kuzinika ngayo iimiliyon zabantu ababesentlango inyama eyaneleyo. UYehova wamphendula ngokumbuza esithi: “Ngaba kukho into enokuxaka uYehova?” (Funda iNumeri 11:21-23.) NgesiHebhere ngokoqobo la mazwi athi enokuxaka isandla sikaYehova. Esi sandla sikaYehova ngumoya wakhe oyingcwele ongamandla awasebenzisayo ukuze kwenzeke into ayithandayo. Eyona nto uYehova awayeyibuza uMoses yile, ‘Ucinga ukuba nyhani andinakuyenza into endithe ndiza kuyenza?’
3. Kutheni sifanele sibe nomdla kwinto eyenzeka kuMoses namaSirayeli?
3 Ngaba wakha wazibuza ukuba uYehova uza kukwazi na ukunika wena okanye intsapho yakho izinto enizidingayo? Nokuba uthi ewe okanye hayi, makhe sithethe ngento eyenzeka kuMoses namaSirayeli awayengazange amthembe uThixo ukuba uza kuwanika izinto azidingayo. Imigaqo yeZibhalo esiza kuthetha ngayo iza kusinceda siye simthemba uYehova ukuba akukho nto inokumxaka.
FUNDA KUMOSES NAKUMASIRAYELI
4. Yintoni esenokuba yenza abantu bayithandabuza into yokuba uYehova angabanika izinto abazidingayo?
4 Khawucinge ngale nto yenzekayo. Xa amaSirayeli ayesuka eYiputa ehamba “neqela elikhulu elixubeneyo labantu” abangengomaSirayeli, ahamba ixesha elide entlango esiya kwiLizwe Lesithembiso. (Eks. 12:38; Dut. 8:15) Aba bantu badikwa kukutya imana, bakhalaza. NamaSirayeli angenwa nguloo moya. (Num. 11:4-6) Abantu baqalisa ukurhalela ukutya ababekutya eYiputa. Ngenxa yendlela ababekhalaza ngayo, uMoses wacinga ukuba kwakuza kufuneka abafunele inyama ngokwakhe.—Num. 11:13, 14.
5-6. Singafunda ntoni kwindlela abantu abangengomaSirayeli abawosulela ngayo amaSirayeli?
5 Kuyabonakala ukuba amaSirayeli osulelwa kukungabi nambulelo kwabantu abangengomaSirayeli. Nathi sisenokosulelwa kukungabi nambulelo kwabantu size siqalise ukunganeliseki zizinto uYehova asinika zona. Loo nto inokwenzeka xa sicinga ngezinto esasikhe sanazo size sizibawele, okanye xa simonela abanye abantu ngezinto abanazo. Kodwa siza konwaba xa sifunda ukwaneliseka zizinto esinazo nokuba iimeko zethu zinjani.
6 AmaSirayeli ayefanele akhumbule ukuba uThixo wawaqinisekisa ukuba ayeza konwabela ukuba nezinto ezininzi xa efika kwikhaya lawo elitsha. Loo nto yayingazukwenzeka ngoxa ayesahamba entlango, yayiza kwenzeka kwiLizwe Lesithembiso. Ngokufanayo, kunokuba sicinge ngezinto esisenokungabi nazo kweli hlabathi, senza kakuhle xa sicinga ngezinto uYehova asithembise ukuba uza kusinika zona kwihlabathi elitsha. Sinokucinga nangeZibhalo ezisinceda siye simthemba uYehova.
7. Kutheni sinokuqiniseka ukuba akukho nto inokumxaka uYehova?
7 Sekunjalo, usenokuzibuza ukuba kwakutheni ukuze uThixo abuze uMoses lo mbuzo: “Ngaba kukho into enokuxaka uYehova?” Xa uYehova wayebuza uMoses lo mbuzo ukwiNumeri 11:23, kusenokwenzeka ukuba wayefuna acinge ngezi zinto zimbini: (1) Amandla anawo akasoze aphele. (2) Unokuwasebenzisa naphi na apho afuna khona, nkqu nakwiindawo ezikude. UThixo wayenokuwanika inyama eninzi amaSirayeli ngoxa ayesentlango. UYehova uwabonisa “ngesandla esomeleleyo nengalo eyoluliweyo” amandla akhe. (INdu. 136:11, 12) Ngoko xa umzalwana okanye udade esengxakini, akamele athandabuze ukuba uYehova unokumnceda nokuba uphi.—INdu. 138:6, 7.
8. Yintoni esimele siyenze ukuze singenzi impazamo efana naleyo yenziwa ngamaSirayeli entlango? (Jonga nomfanekiso.)
8 UYehova wakhawuleza wayenza into awayewathembise yona amaSirayeli yokuba uza kuwanika inyama. Wawanika iintaka ezininzi kakhulu ekuthiwa zizagwityi. Kodwa amaSirayeli zange ambulele ngalo mmangaliso wawenzayo. Endaweni yokumbulela, amaninzi kuwo afuna izagwityi ezininzi kunawayezidinga. Ayesebenza imini nobusuku eqokelela izagwityi ezininzi kangangoko anako. Yamcaphukisa uYehova into eyenziwa ngabo bantu “babenyolukile,” waza wabohlwaya. (Num. 11:31-34) Yintoni esinokuyifunda kule nto? Simele silumke singaziboni sesifuna izinto ezingaphezu kwezo sizidingayo. Nokuba sizizityebi okanye siyasokola, eyona nto ifanele ibaluleke kuthi kukubuqokelela “ezulwini ubutyebi” ngokusebenzela ukuba ngabahlobo abasondeleyo kuYehova nakuYesu. (Mat. 6:19, 20; Luka 16:9) Xa sisenza loo nto, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinika izinto esizidingayo.
AmaSirayeli enza ntoni xa uYehova wayewanika izagwityi entlango? Sifunda ntoni thina kule nto? (Jonga isiqendu 8)
9. Yintoni esimele siqiniseke ngayo xa kunzima?
9 Nakule mihla uYehova ukulungele ukunceda abantu bakhe. Kodwa loo nto ayithethi ukuba soze siyidinge imali okanye ukutya.b Sekunjalo, uYehova akasoze asishiye. Uza kusinceda xa sineengxaki, nokuba zinjani. Sinokuyizekelisa le nto ngokucinga ngeemeko ezimbini esinokubonisa kuzo ukuba siyamthemba uYehova ukuba uza kusinceda, asinike izinto esizidingayo: (1) xa sineengxaki zemali naxa (2) sicinga ngendlela esiza kuzifumana ngayo izinto esizidingayo xa sesibadala.
XA SINEENGXAKI ZEMALI
10. Zeziphi iingxaki zemali esinokuba nazo?
10 Njengoko isiphelo seli hlabathi sisiya sisondela, imeko yezimali isenokuba nzima ngenxa yoorhulumente abatshintshayo, iimfazwe, iintlekele, nezifo ezibulalayo ezisand’ uvela. Sisenokuzibona siphelelwa yimisebenzi, izinto esinazo, okanye kufuneke simke kwiindawo esihlala kuzo. Kusenokuya kusiba nzima nokufumana izinto esizidingayo. Kusenokufuneka sikhangele omnye umsebenzi kwindawo esihlala kuyo, okanye sicinge ngokuya kuhlala kwenye indawo neentsapho zethu ukuze zikwazi ukufumana izinto ezizidingayo. Yintoni enokusinceda senze izigqibo ezibonisa ukuba siyamthemba uYehova?
11. Yintoni enokukunceda ukwazi ukumelana neengxaki zemali? (Luka 12:29-31)
11 Eyona nto ibalulekileyo neza kukunceda kukuxelela uYehova ngezinto onexhala lazo. (IMize. 16:3) Mcele akuphe ubulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo, aze akuncede uzole ukuze ‘ungazikhathazi’ kakhulu ngemeko okuyo. (Funda uLuka 12:29-31.) Qhubeka umcela akuncede ufunde ukwaneliswa kukuba nezinto ozidingayo ukuze uphile. (1 Tim. 6:7, 8) Khangela amanqaku anamacebiso eendlela onokumelana ngazo neengxaki zemali kwiimpapasho zethu. Abantu abaninzi bancedwe ziividiyo namanqaku athetha ngeengxaki zemali akujw.org/xh.
12. Yeyiphi imibuzo enokunceda umKristu enze isigqibo esifanele intsapho yakhe?
12 Abanye abantu baye bafumana imisebenzi kwiindawo ezibenza bahlale kude neentsapho zabo. Kodwa loo nto ibisoloko ibonisa ukuba ayisosigqibo sifanelekileyo. Ngaphambi kokuba uwuthathe lo msebenzi, sukucinga ngemali oza kuyifumana nje kuphela, cinga nangokuba loo nto iza kukunceda na wena nentsapho yakho nihlale ningabahlobo bakaYehova. (Luka 14:28) Zibuze: ‘Kuza kwenzeka ntoni emtshatweni wethu xa ndingahlali nomntu enditshate naye? Ngaba lo msebenzi uza kundenza ndikwazi ukuya kuzo zonke iintlanganiso nasentsimini, ndikwazi nokuchitha ixesha nabazalwana noodade?’ Ukuba unabantwana zibuze lo mbuzo ubalulekileyo: ‘Ndiza “kubaqeqesha ndize ndibafundise njani ngendlela kaYehova” xa ndingahlali nabo?’ (Efe. 6:4) Xa usenza isigqibo yenza into ecingwa nguThixo, ungenzi into oyixelelwa ngabantu bakowenu okanye abahlobo abangenaxesha lemigaqo yeZibhalo.c UTony ohlala kwintshona yeAsia wafumana imisebenzi emininzi kwamanye amazwe, neyayiza kumbhatala imali eninzi. Kodwa emva kokuba eyithandazele le nto waza wayincokola nenkosikazi yakhe, wenza isigqibo sokuba angayithathi loo misebenzi, kodwa azame ukucutha izinto intsapho yakhe eyayiyisebenzisa kuzo imali. Xa ecinga ngesigqibo awasenzayo uTony uthi: “Ndaye ndakwazi ukunceda abantu abaninzi bamazi uYehova, nabantwana bethu bayithanda kakhulu inyaniso. Intsapho yam iye yafunda ukuba xa sisenza into ekuMateyu 6:33, uYehova uza kusikhathalela.”
XA SIBADALA SIZA KUZIFUMANA NJANI IZINTO ESIZIDINGAYO?
13. Ziintoni esinokuzenza ngoku ukuze sibe nemali eyaneleyo yokufumana izinto esizidingayo xa sesibadala?
13 Sinokubonisa indlela esimthemba ngayo uYehova xa sicinga ukuba siza kuphila njani xa sesibadala. IBhayibhile isikhuthaza ukuba sisebenze nzima ukuze sikwazi ukuba nemali yokufumana izinto esizidingayo kwixesha elizayo. (IMize. 6:6-11) Ukuba iimeko ziyasivumela, kuhle ukuzibekela imali eza kusinceda xa sesibadala. Yinyaniso kona ukuba imali iyakhusela. (INtshu. 7:12) Kodwa simele silumke, ukuqokelela imali kungabi yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.
14. AmaHebhere 13:5 anokusinceda njani singazikhathazi kakhulu ngezinto esiza kuzidinga xa sesibadala?
14 UYesu wenza umzekelo obonisa ukuba bubudenge ukugcina imali, ube ‘ungesosityebi kuThixo.’ (Luka 12:16-21) Akakho umntu owaziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye ngomso. (IMize. 23:4, 5; Yak. 4:13-15) Enye into, uYesu wathi bonke abantu abafuna ukuba ngabalandeli bakhe bamele bakulungele ukuncama izinto abanazo. (Luka 14:33) Ngexesha lamaKristu okuqala, ayenza le nto amaKristu akwaYuda. Akulungela ukuncama izinto awayenazo. (Heb. 10:34) Kweli xesha lethu abazalwana abaninzi baye baxolela ukulahlekelwa zizinto abanazo kuba bengafuni ukuxhasa iipolitiki. (ISityhi. 13:16, 17) Yintoni ebancede bakwazi ukuyenza loo nto? Baye baqiniseka nyhani ngale nto bayithenjiswa nguYehova: “Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.” (Funda amaHebhere 13:5.) Senza konke esinokukwazi ukukwenza ukuze sikwazi ukuba nemali esiza kuyidinga xa sesibadala. Ukuba kuye kwenzeka into esingayilindelanga, siyamthemba uYehova ukuba uza kusinceda.
15. Yintoni abazali abangamaKristu abamele bayiqonde ngabantwana babo? (Jonga nomfanekiso.)
15 Kwezinye iindawo esona sizathu senza ukuba abantu babe nabantwana kukuba bafuna ukuba xa sebebadala bancedwe ngabo bantwana ngemali. Ngamanye amazwi, aba bazali babenza “umhlala-phantsi” abantwana babo. IBhayibhile ithi ngabazali abamele baqiniseke ukuba abantwana bayazifumana izinto abazidingayo. (2 Kor. 12:14) Ewe kona, xa sebebadala abazali bayakudinga ukuncedwa ngemali nangezinye izinto. Abantwana abaninzi bayakuvuyela ukuyenza loo nto. (1 Tim. 5:4) Kodwa abazali abangamaKristu bayaqonda ukuba eyona nto ivuyisa kakhulu kukunceda abantwana bakhonze uYehova, kunokubakhulisela ukuba babancede ngemali.—3 Yoh. 4.
Indoda nenkosikazi yayo abathembele ngoYehova basebenzisa imigaqo yeBhayibhile xa besenza izigqibo (Jonga isiqendu 15)d
16. Abazali bangabanceda njani abantwana ukuze xa sebebadala bakwazi ukufumana imali eyaneleyo yezinto abazidingayo? (Efese 4:28)
16 Ukuze ukwazi ukunceda abantwana bakho bakwazi ukufumana izinto abazidingayo xa bebadala, mabayifunde kwizinto ozenzayo indlela ekubaluleke ngayo ukuthemba uYehova. Ngoku besebancinci, bafundise indlela ekubaluleke ngayo ukusebenza nzima. (IMize. 29:21; funda amaEfese 4:28.) Njengoko besiya bekhula, bancede bazimisele nyhani kumsebenzi wasesikolweni. Abazali abangamaKristu benza kakuhle xa bephanda baze basebenzise imigaqo yeBhayibhile. Loo nto ibenza bakwazi ukunceda abantwana babo bakhethe indlela efanelekileyo abaza kuyisebenzisa ngayo imfundo ukuze bakwazi ukuzixhasa, babe nalo nexesha elininzi lokushumayela.
17. Yintoni esinokuqiniseka ngayo?
17 Abakhonzi bakaYehova abathembekileyo bangaqiniseka ukuba uyafuna futhi uza kukwazi ukubanika izinto abazidingayo. Njengoko sisiya sisondela isiphelo seli hlabathi, sinokulindela ukuba kuza kwenzeka izinto eziza kufuna sibonise ukuba sithembele nyhani kuYehova. Kodwa ke nokuba kwenzeka ntoni, simele sizimisele ukumthemba ukuba uza kusebenzisa amandla akhe ukuze asinike izinto esizidingayo. Sinokuqiniseka ukuba ngesandla sakhe esomeleleyo nengalo yakhe eyoluliweyo uza kukwazi ukusinceda.
INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde
a Jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaOktobha 2023.
b Jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaSeptemba 15, 2014.
c Jonga inqaku elithi “Akukho Bani Unokukhonza Iinkosi Ezimbini” kwiMboniselo ka-Aprili 15, 2014.
d INGCACISO YOMFANEKISO: Indoda nenkosikazi yayo bafowunela umntwana wabo oncedisa ekwakheni iHolo YoBukumkani kunye nomyeni wakhe.