INQAKU ELIFUNDWAYO 29
INGOMA 87 Yiza! Uhlaziyeke
Unokumcebisa Njani Omnye Umntu?
“Ndiza kukucebisa, ilihlo lam likuwe.”—INDU. 32:8.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela esinokumcebisa ngayo umntu ukuze ancedakale.
1. Ngubani omele acebise abanye abantu? Cacisa.
UZIVA njani xa kufuneka ucebise umntu? Ayiyongxaki loo nto kwabanye, kanti kwabanye kunzima futhi bayoyika ukululeka okanye ukucebisa umntu. Nokuba loo nto isenza sizive njani, sonke kuye kunyanzeleke sicebise ngamanye amaxesha. Kutheni sisitsho? Kaloku uYesu wathi abalandeli bakhe bokwenene babonakala ngokuthandana. (Yoh. 13:35) Enye indlela esilubonisa ngayo olo thando kukubaluleka abazalwana noodade xa kufuneka njalo. ILizwi LikaThixo lithi ‘ubuhlobo’ buqala okanye bukhula ngenxa ‘yesiluleko esisuka entliziyweni.’—IMize. 27:9.
2. Yintoni ekufuneka bakwazi ukuyenza abadala? Kutheni? (Jonga nebhokisi ethi “Indlela Yokululeka KwiNtlanganiso Yaphakathi Evekini.”)
2 Abadala ngabona bafanele bayazi indlela yokubacebisa kakuhle abanye abantu. UYehova usebenzise uYesu ukuze anike la madoda umsebenzi wokwalusa ibandla. (1 Pet. 5:2, 3) Enye indlela ayenza ngayo le nto la madoda, kukunikela iintetho ezinamacebiso asuka eBhayibhileni. Aphinda aluleke imvu nganye edinga ukululekwa, nkqu nezo ziwushiyileyo umhlambi. Yintoni efunekayo ukuze abadala, nathi sonke, sikwazi ukubacebisa kakuhle abanye abantu?
3. (a) Siza kufunda njani ukucebisa abantu kakuhle? (Isaya 9:6; jonga nebhokisi ethi “Linganisa UYesu Xa Ucebisa.”) (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Ukufunda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ngokukodwa uYesu, kunokusinceda sikwazi ukubacebisa kakuhle abantu. Enye yeendlela abizwa ngazo kukuba “nguMcebisi Omangalisayo.” (Funda uIsaya 9:6.) Kweli nqaku siza kubona ukuba yintoni esinokuyenza xa sicelwa ukuba sicebise, nesinokuyenza xa siluleka umntu engasicelanga. Siza kubona nokubaluleka kokululeka umntu ngexesha elifanelekileyo, nangendlela efanelekileyo.
XA UMNTU ESICELA UKUBA SIMCEBISE
4-5. Xa umntu ecela simcebise, ngowuphi umbuzo esimele siqale sizibuze wona? Yenza umzekelo.
4 Xa umntu ecela ukuba simcebise, simele sithini? Sinokuziva sixabisekile size sifune ukukhawuleza simncede. Kodwa kuza kufuneka siqale sizibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndim onokumcebisa kakuhle kule nto?’ Ngamanye amaxesha, eyona ndlela esinokumnceda ngayo kukungamcebisi, kodwa simxelele ukuba ngubani onokumcebisa bhetele kule meko akuyo.
5 Cinga ngalo mzekelo. Masithi umhlobo wakho ugula kakhulu. Uyakuxelela ukuba uqalise ukufunda ngeendlela ezahlukeneyo esinokunyangwa ngazo isigulo sakhe, aze akubuze ukuba yeyiphi wena ocinga ukuba ibhetele. Isenokubakho obunokuyikhetha, kodwa awungogqirha futhi awuqeqeshelwanga ukusinyanga eso sigulo. Xa kunjalo, eyona ndlela onokumnceda ngayo umhlobo wakho kukumkhangelisa umntu oqeqeshelwe ukumnceda.
6. Kutheni kukuhle ukulinda ngaphambi kokuba sicebise?
6 Nokuba sicinga ukuba singakwazi ukumcebisa kakuhle umntu, kusenokufuneka silinde kancinci ngaphambi kokuba simcebise. Kutheni? IMizekeliso 15:28 ithi ‘ilungisa liyacingisisa ngaphambi kokuba liphendule.’ Siza kuthini xa sicinga ukuba siyayazi impendulo? Nalapho kusenokufuneka siziphe ixesha siphande, sithandaze size sicingisise. Loo nto inokusenza siqiniseke ukuba impendulo yethu ivumelana nendlela acinga ngayo uYehova. Makhe sive into eyenziwa ngumprofeti uNatan.
7. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenziwa ngumprofeti uNatan?
7 Xa uKumkani uDavide wayethetha nomprofeti uNatan, wathi ufuna ukwakhela uYehova itempile. UNatan wakhawuleza wamcebisa ukuba ayakhe. Kodwa ngewayeqale wabuza kuYehova. Kutheni sisitsho? Kaloku uYehova wayengafuni yakhiwe nguDavide itempile. (1 Kron. 17:1-4) Le nto isibonisa ukuba, xa umntu ecela simcebise, siza kube silumkile ukuba ‘siyacotha ukuthetha.’—Yak. 1:19.
8. Yeyiphi enye into emele isenze silumke xa sicebisa umntu?
8 Nantsi enye into emele isenze silumke xa sicebisa omnye umntu: Ukuba into esimcebise yona imfaka engxakini, nathi sinokuba netyala. Nyhani kubaluleke kakhulu ukucinga kakuhle ngaphambi kokuba sicebise umntu.
XA SILULEKA UMNTU ENGASICELANGA
9. Yintoni abamele baqiniseke ngayo abadala ngaphambi kokuba baluleke umntu? (Galati 6:1)
9 Ngamanye amaxesha abadala kuye kufuneke baluleke umzalwana okanye udade oye “wenza into engalunganga.” (Funda amaGalati 6:1.) Loo mntu usenokuba wenza izigqibo ezingafanelekanga ezinokuphumela kwisono esinzulu. Eyona nto bayifunayo abadala kukumnceda ahlale ekwindlela eya kubomi obungunaphakade. (Yak. 5:19, 20) Ukuze bakwazi ukumluleka kakuhle, kufuneka baqale baqiniseke ukuba lo mntu uye wenza into engalunganga nyhani. UYehova uvumela wonke umntu ukuba enze izigqibo esebenzisa isazela sakhe. (Roma 14:1-4) Masithi ke nyhani umzalwana wenze into engalunganga. Yintoni abanokuyenza abadala xa begqibe ukuba bamluleke?
10-12. Yintoni abamele bayenze abadala xa beluleka umntu engabacelanga? Yenza umzekelo. (Jonga nemifanekiso.)
10 Akukho lula kubadala ukululeka umntu engabacelanga. Yenziwa yintoni loo nto? Umpostile uPawulos wathi umntu usenokungaziboni ukuba wenza into engalunganga. Into yokuqala abafanele bayenze abadala kukunceda loo mntu akulungele ukwamkela isiluleko.
11 Ukululeka umntu engakucelanga kufana nokukhulisa isityalo kumhlaba olukhuni. Ngaphambi kokuba umntu aqalise ukutyala kuwo, kuye kufuneke awulime. Loo nto iwenza uthambe, uze ulungele ukufakwa imbewu. Emva koko uyayityala aze ayinkcenkceshele ukuze ikhule. Ngaphambi kokuba aluleke umntu ongamcelanga, nomdala kufuneka enze umsebenzi ofanayo nowomlimi olungisa umhlaba. Ngokomzekelo, ngexesha elifanelekileyo, unokumqinisekisa ukuba umkhathalele lo mzalwana. Ukuba umdala olulekayo waziwa ngokuba nobubele nokubathanda abantu, kuza kuba lula ukuwamkela amacebiso akhe.
12 Xa ethetha naye, umdala unokuqhubeka ewenza uthambe umhlaba ngokuvuma ukuba wonke umntu uyazenza iimpazamo ngamanye amaxesha kuze kufuneke alulekwe. (Roma 3:23) Ezolile, ebonisa nokuba umhlonipha kakhulu, lo mdala usebenzisa iZibhalo ukuze ambonise ukuba kutheni ingalunganga le nto ayenzileyo. Emva kokuba lo mzalwana ebonile ukuba wenze impazamo, umdala “unokutyala imbewu” ngokumcacisela ngendlela elula izinto amele azenze ukuze ayilungise. Ekugqibeleni, lo mdala uyayinkcenkceshela le mbewu ngokumncoma ngokusuka entliziyweni aze athandaze naye.—Yak. 5:15.
Ukululeka umntu engakucelanga kufuna uthando nobuchule (Jonga isiqendu 10-12)
13. Yintoni abanokuyenza abadala ukuze baqiniseke ukuba uyasiqonda isiluleko umntu abamlulekayo?
13 Ngamanye amaxesha into ethethwa ngumntu olulekayo isenokuvakala ngenye indlela kulowo ululekwayo. Abadala banokwenza ntoni ukuze ingenzeki loo nto? Ngobubele banokumbuza imibuzo ukuze babone ukuba uyasiqonda na eso siluleko nendlela anokusisebenzisa ngayo.—INtshu. 12:11.
UKULULEKA UMNTU NGEXESHA NANGENDLELA EFANELEKILEYO
14. Kutheni singamele simluleke umntu sicaphukile?
14 Sonke sinesono, ngoko sisenokwenza okanye sithethe izinto ezibacaphukisayo abanye. (Kol. 3:13) IBhayibhile iyavuma ukuba ngamanye amaxesha sisenokucaphukisana. (Efe. 4:26) Kodwa masingabaluleki abanye sicaphukile. Ngoba? Kaloku “ukucaphuka akumenzi umntu abe lilungisa emehlweni kaThixo.” (Yak. 1:20) Ukuba simluleka sicaphukile umntu sinokwenza izinto zibe mbi nakakhulu. Le nto ayithethi kuthi masingabaxeleli izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo abantu abasicaphukisileyo. Sekunjalo, sinokuthetha kakuhle nomntu xa silinda de sizole. Khawuve ukuba wayenza kakuhle njani le nto umcebisi kaYobhi owayethembekile, uElihu.
15. Sifunda ntoni kuElihu? (Jonga nomfanekiso.)
15 Kwaqengqeleka iintsuku uElihu emamele njengoko uYobhi wayezithethelela kumadoda awayemtyhola nawayesenza ngathi ayamthuthuzela. UElihu wayemsizela uYobhi. Kodwa wavutha ngumsindo kuba uYobhi wathetha kakubi ngoYehova, neyona nto yayibalulekile kuye ikukuzithethelela. Sekunjalo, uElihu walinda de yalixesha lakhe lokuthetha waza wamluleka ezolile uYobhi, ebonisa nokuba umhlonipha kakhulu. (Yobhi 32:2; 33:1-7) Into eyenziwa nguElihu isifundisa le nto ibalulekileyo: Umntu unokusiva bhetele isiluleko xa simluleka ngexesha nangendlela efanelekileyo, sibonisa nokuba siyamhlonipha futhi siyamthanda.—INtshu. 3:1, 7.
Nangona wayevutha ngumsindo ekuqaleni, uElihu waluleka uYobhi ezolile futhi ebonisa nokuba umhlonipha kakhulu (Jonga isiqendu 15)
UNGAYEKI UKUCEBISA ABANYE NOKWAMKELA AMACEBISO
16. INdumiso 32:8 ikufundisa ntoni?
16 Umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku uthi ‘uYehova usicebisa ilihlo lakhe likuthi.’ (Funda iNdumiso 32:8.) Le nto ithetha ukuba uYehova uhlala esinceda. Akasicebisi njee, kodwa usinceda sikwazi ukuwasebenzisa amacebiso akhe. Ngoyena Mntu simele simlinganise. Xa abantu becela sibacebise, simele silinganise uYehova, ilihlo lethu libe kubo ngokuthi sibancede ngayo nayiphi na indlela ukuze benze izigqibo ezifanelekileyo.
17. Bafana nantoni abadala abasinika amacebiso acacileyo besebenzisa iBhayibhile? (Isaya 32:1, 2)
17 Sikudinga kakhulu ngoku ukucetyiswa nokucebisa abanye abantu. (2 Tim. 3:1) Abadala abasicebisa ngendlela ecacileyo besebenzisa iBhayibhile, ‘banjengemisinga yamanzi kwilizwe elomileyo.’ (Funda uIsaya 32:1, 2.) Abahlobo abayaziyo into esifuna ukuyiva kodwa basixelele le nto sidinga ukuyiva, basipha isipho esixabiseke ‘njengama-apile egolide kwisitya sesilivere.’ (IMize. 25:11) Masingayeki ukusebenzela ukuba nobulumko esibudingayo ukuze sibacebise kakuhle abanye abantu, siwamkele namacebiso esiwanikwayo.
INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni