INQAKU ELIFUNDWAYO 28
INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho
Kutheni Sifanele Sicele Amacebiso?
“Ubulumko bobabantu abafuna amacebiso.”—IMIZE. 13:10.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto esimele sizenze ukuze asincede kakhulu amacebiso esiwafumanayo.
1. Yintoni enokusinceda senze izigqibo ezibonisa ukuba silumkile, nezinto esicinga ukuzenza ziphumelele? (IMizekeliso 13:10; 15:22)
SONKE sifuna ukwenza izigqibo ezibonisa ukuba silumkile. Siyafuna nokuba izinto esicinga ukuzenza ziphumelele. ILizwi LikaThixo lisixelela indlela esinokukwazi ngayo ukuzenza zombini ezi zinto.—Funda iMizekeliso 13:10; 15:22.
2. Yintoni asithembisa yona uYehova?
2 Inyaniso kukuba oyena Mntu sinokucela kuye ubulumko namacebiso nguTata wethu, uYehova. Uthembisa ukuba uza kusinceda esithi: “Ndiza kukucebisa, ilihlo lam likuwe.” (INdu. 32:8) La mazwi abonisa ukuba uYehova akaneli nje ukusicebisa, kodwa unomdla kuye ngamnye wethu, futhi usinceda siyenze into asicebisa yona.a
3. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?
3 Kweli nqaku siza kusebenzisa iLizwi LikaThixo ukuze siphendule le mibuzo iyi-4: (1) Luluphi uphawu endimele ndibe nalo ukuze zindincede izinto endizicetyiswayo? (2) Ngubani onokundicebisa kakuhle? (3) Ndinokubonisa njani ukuba ndifuna nyhani ukucetyiswa? (4) Kutheni ndingamele ndicele abanye abantu bandenzele izigqibo?
LOLUPHI UPHAWU ENDIMELE NDIBE NALO?
4. Ukuze amacebiso esiwanikwayo asincede, luluphi uphawu esimele sibe nalo?
4 Ukuze amacebiso esiwanikwayo asincede, simele sithobeke. Simele siyiqonde into yokuba sisenokungabi nalwazi lungako olunokusinceda sikwazi ukwenza izigqibo ezibonisa ukuba silumkile ngaphandle kokuncedwa ngomnye umntu. Ukuba asithobekanga, uYehova akazukwazi ukusinceda. Naliphi na icebiso esilifumana xa sifunda iLizwi LikaThixo lisenokungasebenzi kuthi, sifane namadada angene emanzini aphuma omile. (Mika 6:8; 1 Pet. 5:5) Kodwa ukuba sithobekile, siza kukhawuleza siyive size siyenze into esiyicetyiswa eBhayibhileni, ize isincede.
5. Ziintoni ezazinokwenza uKumkani uDavide azibone ebhetele kunabanye abantu?
5 Khawucinge ngento esinokuyifunda kuKumkani uDavide. Izinto awazenzayo zazinokumenza azibone ebhetele kunabanye abantu. Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba abe nguKumkani, wayedume ngokuwazi kakuhle umculo. Wade wacelwa nokuba adlalele uKumkani uhadi. (1 Sam. 16:18, 19) Emva kokuba uYehova emkhethile ukuba abe nguKumkani, wamnika amandla omoya Wakhe oyingcwele. (1 Sam. 16:11-13) Kuhlanga lwakhe wayedume ngokuzibulala iintshaba zalo, nangokubulala isigantsontso somFilisti esinguGoliyati. (1 Sam. 17:37, 50; 18:7) Indoda engathobekanga eyayenze izinto ezinkulu kangaka, yayinokucinga ukuba akukho mfuneko yokuba imamele amacebiso abanye abantu. Kodwa zange abe njalo uDavide.
6. Sazi njani ukuba uDavide wayewamamela amacebiso? (Jonga ongaphandle.)
6 Emva kokuba enziwe ukumkani, uDavide wakhetha ukuba ngumhlobo wabantu ababenokumcebisa. (1 Kron. 27:32-34) Ayimangalisi ke loo nto kuba wayesaziwa ngokubamamela abantu ababemcebisa kakuhle. Wayengamameli amacebiso amadoda nje kuphela, kodwa wamamela nelebhinqa elinguAbhigali. UAbhigali lo wayeyinkosikazi kaNabhali, indoda eyayingenambeko, ingenambulelo, inalo nekratshi. UDavide wathobeka, wayenza into awayeyicetyiswa nguAbhigali. Loo nto yamsindisa ekwenzeni impazamo enkulu.—1 Sam. 25:2, 3, 21-25, 32-34.
UKumkani uDavide wathobeka, walamkela waza walisebenzisa icebiso lika-Abhigali (Jonga isiqendu 6)
7. Ziintoni esinokuzifunda kuDavide? (INtshumayeli 4:13) (Jonga nemifanekiso.)
7 Zikhona izinto esinokuzifunda kuDavide. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba kukho into esikwazi ukuyenza kakuhle, okanye sinegunya. Sekunjalo, masingaze sicinge ukuba sazi yonke into, nokuba asidingi kucetyiswa. Simele sifane noDavide, sibamamele abantu abasicebisa kakuhle, nokuba ngoobani. (Funda iNtshumayeli 4:13.) Ukuba siyayenza loo nto, sisenokusinda ekwenzeni iimpazamo ezinkulu ezinokufaka thina nabanye engxakini.
Sifanele sibamamele abantu abasicebisa kakuhle nokuba ngoobani (Jonga isiqendu 7)d
NGUBANI ONOKUNDICEBISA KAKUHLE?
8. Kwakutheni ukuze uYonatan akwazi ukumcebisa kakuhle uDavide?
8 Yeyiphi enye into esinokuyifunda kuDavide? Wayemamela icebiso labantu abathanda uYehova, nabayiqonda kakuhle ingxaki anayo. Ngokomzekelo, xa wayefuna ukuxolelana noKumkani uSawule, wayimamela into awayeyicetyiswa nguYonatan, unyana kaSawule. Kwakutheni ukuze uYonatan akwazi ukumcebisa kakuhle? Kaloku uYonatan wayengaphelelanga nje ekubeni ngumntu othanda uYehova, kodwa wayemazi kakuhle noSawule ukuba ngumntu onjani. (1 Sam. 20:9-13) Sinokumlinganisa njani thina uDavide?
9. Ngubani esinokuya kuye xa sifuna icebiso? Cacisa. (IMizekeliso 13:20)
9 Xa sifuna icebiso, senza kakuhle xa silicela emntwini othanda uYehova, nokhe wadibana nengxaki esifuna ukuncedwa kuyo.b (Funda iMizekeliso 13:20.) Masithi kukho umzalwana osemtsha ofuna umntu ofanelekileyo anokutshata naye. Ngubani onokumcebisa kakuhle? Umhlobo wakhe ongekatshati unokumnceda ukuba amacebiso akhe aphuma kwimigaqo yeBhayibhile. Kodwa lo mzalwana usemtsha unokufumana amacebiso amahle xa ewacela kubantu abatshatileyo nabanokholo oluqinileyo, abamazi kakuhle nasele benexesha bonwabile emtshatweni wabo.
10. Yintoni esiza kuthetha ngayo ngoku?
10 Sithethile ngophawu ekufuneka sibe nalo, nokuba ngubani onokusicebisa kakuhle. Ngoku makhe sithethe ngokuba sinokubonisa njani ukuba sikufuna nyhani ukucetyiswa, nokuba kutheni singamele sicele abanye basenzele izigqibo.
NDINOKUBONISA NJANI UKUBA NDIKUFUNA NYHANI UKUCETYISWA?
11-12. (a) Ngamanye amaxesha yintoni esinokuyenza? (b) Xa wayeza kwenza isigqibo esibalulekileyo, wenza ntoni uKumkani uRehobhoham?
11 Ngamanye amaxesha umntu usenokubonakala ngathi ucela ukucetyiswa, kanti ukhangela abantu abaza kuvumelana naye kwisigqibo asele esenzile. Lowo ayingomntu okufuna nyhani ukucetyiswa. Umele afunde kwinto eyenzeka kuKumkani uRehobhoham.
12 Emva koKumkani uSolomon, uRehobhoham waba ngukumkani wakwaSirayeli. Izinto zazibahambela kakuhle abantu awayebalawula, kodwa bevakalelwa kukuba uSolomon wayebasebenzise nzima kakhulu. Ngoko baya kuRehobhoham, bamcela ukuba awenze lula umsebenzi wabo. Wabacela ukuba bamnike ixesha lokuba akhe acingisise ngesigqibo awayeza kusenza. Wayiqala kakuhle le nto ngokuya kucela amacebiso kumadoda amakhulu awayekhe anceda uSolomon. (1 Kum. 12:2-7) Kodwa zange alihoye icebiso lawo. Kwakutheni? Ngaba wayesele esenzile isigqibo, ekhangela nje umntu owayeza kuvumelana naye? Ukuba kwakunjalo, wayifumana into awayeyifuna, kuba walithanda icebiso awalinikwa ngabafana ababengabahlobo bakhe. (1 Kum. 12:8-14) URehobhoham wasebenzisa elo cebiso xa wayephendula abantu. Ngenxa yaloo nto, uhlanga lwaqhekeka. Ukususela ngoko uRehobhoham waba neengxaki ezingapheliyo.—1 Kum. 2:16-19.
13. Siza kuzazi njani xa sikulungele ukulamkela icebiso?
13 Yintoni esinokuyifunda kuRehobhoham? Xa sicela icebiso, simele sibe sikulungele ukulamkela. Siza kuzazi njani ukuba sikulungele? Sisenokuzibuza, ‘Ngaba ndiye ndifune ukucetyiswa kodwa ndingalihoyi elo cebiso kuba lingeyiyo le nto ndifuna ukuyiva?’ Cinga ngalo mzekelo ulandelayo.
14. Xa sicetyiswa, yintoni esimele siyikhumbule? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)
14 Masithi nanku umzalwana ufumana umsebenzi obhatalayo. Ngaphambi kokuba awuthathe, ucela icebiso kumdala. Uxelela lo mdala ukuba lo msebenzi uza kufuna akhe angabikho ekhaya kangangexesha elide. Lo mdala umkhumbuza ngomgaqo weBhayibhile obonisa ukuba owona msebenzi wakhe ubalulekileyo kukuqinisa ukholo lwentsapho yakhe ngeLizwi LikaThixo. (Efe. 6:4; 1 Tim. 5:8) Masithi lo mzalwana akavumelani nento ayixelelwa ngumdala, aze aye kubuza abanye abazalwana, de afumane umzalwana oza kumxelela le nto afuna ukuyiva. Ngaba lo mzalwana ukufuna nyhani ukucetyiswa okanye sele esenzile isigqibo, ukhangela nje umntu oza kuvumelana naye? Masingalibali ukuba iintliziyo zethu zinamaqhinga. (Yer. 17:9) Ngamanye amaxesha elona cebiso silidingayo leli singafuniyo ukuliva.
Ngaba sikufuna nyhani ukucetyiswa okanye sikhangela nje umntu oza kuvumelana nathi? (Jonga isiqendu 14)
NGABA NDIMELE NDICELE ABANYE BANDENZELE IZIGQIBO?
15. Yintoni esimele silumkele ukuyenza? Kutheni simele siyilumkele nje loo nto?
15 Ngamnye wethu kufuneka azenzele izigqibo. (Gal. 6:4, 5) Njengokuba kubonisiwe kweli nqaku, umntu olumkileyo uza kufuna icebiso kwiLizwi LikaThixo nakumaKristu anokholo oluqinileyo ngaphambi kokuba enze isigqibo. Kodwa masilumkele ukucela abantu basenzele izigqibo. Abanye banokuyenza ngendlela ecacileyo loo nto ngokubuza umntu abamhloniphayo lo mbuzo, “Ubuza kuthini wena ukuba ubundim?” Kanti abanye banokuyenza ngendlela echuliweyo ngokwenza into eyenziwe ngomnye umntu bengakhange bacingisise ngaloo nto.
16. Sesiphi isigqibo ekwakufuneka amaKristu aseKorinte esenzile? Ngubani owayefanele asenze eso sigqibo? (1 Korinte 8:7; 10:25, 26)
16 Khawucinge ngesigqibo ekwakufuneka amaKristu ebandla laseKorinte asenze ngenyama ekusenokwenzeka ukuba yayibingelelwe kwizithixo. UPawulos wabhalela loo maKristu esithi: “Siyazi ukuba isithixo asiyonto, yaye mnye kuphela uThixo.” (1 Kor. 8:4) Ngenxa yaloo nto, amanye amaKristu elo bandla agqiba ekubeni angayitya inyama ayithenge kwindawo ethengiswa kuyo ngoxa kusenokwenzeka ukuba ibibingelelwe kwizithixo. Amanye agqiba kwelokuba ukutya loo nyama kwakuza kuziphazamisa izazela zawo. (Funda ama-1 Korinte 8:7; 10:25, 26.) Mntu ngamnye kwakumele azenzele isigqibo. UPawulos zange akhuthaze amaKorinte ukuba enzele abanye izigqibo okanye enze izinto abazenzayo. Ngamnye wayeza “kuziphendulela kuThixo.”—Roma 14:10-12.
17. Yintoni enokwenzeka ukuba silinganisa abanye abantu xa sisenza izigqibo? Yenza umzekelo. (Jonga nemifanekiso.)
17 Namhlanje inokwenzeka njani into efana nale ikwisiqendu esidlulileyo? Khawucinge ngezinto ezincinci kakhulu ezithathwe kwiinxalenye zegazi. UmKristu ngamnye umele azenzele isigqibo sokuba uyavuma na okanye akavumi ukunyangwa ngezi zinto zincinci zithathwe kwiinxalenye zegazi.c Kusenokuba nzima ukuwuqonda ngokupheleleyo umbandela wokusetyenziswa kwazo. Kodwa ukwenza izigqibo ezinjengezi ngumthwalo umKristu ngamnye amele azithwalele wona. (Roma 14:4) Ukuba silinganisa abanye abantu xa sisenza izigqibo, sinokusenza singomeleli isazela sethu. Izazela zethu zinokuqeqesheka zize ziye zisebenza kakuhle kuphela xa sizisebenzisa. (Heb. 5:14) Ngoko sinokulicela xa kutheni icebiso kumKristu onobulumko? Emva kokuba sizenzele uphando, kodwa sibe sisadinga ukuncedwa siqonde indlela esebenza ngayo imigaqo yeBhayibhile kwimeko yethu.
Simele sicele amacebiso emva kokuba siye sazenzela uphando (Jonga isiqendu 17)
UNGAYEKI UKUCELA AMACEBISO
18. Ziintoni asenzele zona uYehova?
18 UYehova ubonise ukuba usithemba kakhulu ngokusivumela sizenzele izigqibo. Usinike iLizwi lakhe iBhayibhile. Usinike nabahlobo abalumkileyo abanokusinceda siqonde indlela esinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile. Ekubeni enguTata wethu, uwenzile umsebenzi wakhe. (IMize. 3:21-23) Sinokumbulela njani?
19. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale simvuyisa uYehova?
19 Cinga ngale nto: Abazali bayavuya xa bebona abantwana babo bekhula, besiba ngabakhonzi bakaYehova abazizilumko nabanceda abanye abantu. NoYehova uyafana naba bazali. Uyavuya xa esibona sisiya sisiba nokholo oluqinileyo, sicela amacebiso, sisenza nezigqibo ezibonisa ukuba siyamthanda.
INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo
a EZibhalweni igama elithi “icebiso” linokuthetha into efanayo nelithi “isiluleko.” Kweli nqaku nakwelilandelayo la magama aza kusetyenziswa omabini.
b Ngamanye amaxesha amaKristu asenokucela amacebiso ezinto ezidibene nemali, unyango nezinye izinto kubantu abangamkhonziyo uYehova.
c Ukuze ufunde nezinye izinto ngale nto, jonga incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! kwisifundo 39 ingongoma 5, nendawo ethi “Jonga Nezi Zinto.”
d INGCACISO YEMIFANEKISO: Umdala ululeka omnye umdala ngendlela athethe ngayo kwintlanganiso abebenayo.