INQAKU ELIFUNDWAYO 30
INGOMA 97 Siphiliswa LiLizwi LikaThixo
Zisekhona Izinto Onokuzifunda Kwiimfundiso Ezilula ZeBhayibhile
“Ndizimisele ukuhlala ndinikhumbuza ngezi zinto, nangona nizazi yaye niqinisekile ngenyaniso eniyifundileyo.”—2 PET. 1:12.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela ezinokusinceda ngayo ngoku izinto ezilula esazazi xa sasiqala ukufunda iBhayibhile.
1. Iimfundiso zeBhayibhile zakunceda njani xa wawuqala ukufunda inyaniso?
UBOMI bethu buye batshintshwa ziimfundiso ezilula esizifunde eBhayibhileni. Ngokomzekelo, xa safunda ukuba igama likaThixo nguYehova, saqalisa ukwenza izinto eziza kusenza sibe ngabahlobo bakhe. (Isa. 42:8) Xa safunda ngemeko yabantu abaswelekileyo, zange siphinde sizibuze ukuba abantu abaswelekileyo esibathandayo beva iintlungu na. (INtshu. 9:10) Naxa safunda ngesithembiso sikaThixo seParadesi eza kuba semhlabeni, zange siphinde sibe nexhala lokuba isiphelo sethu siza kuba yintoni. Satsho saqiniseka ukuba sinokuphila ngonaphakade, singaphili nje ixesha elifutshane leminyaka eyi-70 okanye eyi-80.—INdu. 37:29; 90:10.
2. U-2 Petros 1:12, 13 ubonisa njani ukuba namaKristu anokholo olomeleleyo ayancedwa ziimfundiso ezilula zeBhayibhile?
2 Singaze sizidelele iimfundiso ezilula zeBhayibhile. Kwileta yakhe yesibini umpostile uPetros wabhalela amaKristu ‘awayeqinisekile ngenyaniso ayifundileyo.’ (Funda u-2 Petros 1:12, 13.) Kodwa ngoku ebandleni kwakukho izinto ezazinokuluphelisa ukholo lwawo, ezifana nabantu ababefundisa ubuxoki kunye nabo babengazenzi izinto ezifunwa nguThixo. (2 Pet. 2:1-3) UPetros wayefuna ukomeleza abazalwana noodade ukuze bakwazi ukuziphepha ezi zinto. Ukuze abancede, wabakhumbuza ngezinye iimfundiso ababesele bezazi. Ezi mfundiso zaziza kubanceda bahlale bethembekile de kube sekupheleni.
3. Yenza umzekelo obonisa isizathu sokuba onke amaKristu efanele ahlale ecingisisa ngezinto ezilula azifunde eBhayibhileni.
3 Nokuba sesinexesha elide kangakanani sisenyanisweni, sinokufunda izinto ezintsha kwiimfundiso ezilula zeBhayibhile. Ngokomzekelo, umntu okwazi kakuhle ukupheka nalowo usafundayo basenokusebenzisa izinto ezifanayo xa besenza ukutya. Kodwa ngokuya ixesha lihamba, lo ukwazi kakuhle ukupheka uye wafunda nezinye iindlela ezahlukeneyo zokusebenzisa kwaezi zinto ukuze enze ukutya angaqhelanga ukukupheka nokumnandi kakhulu. Ngendlela efanayo ke, umntu ekudala ekhonza uYehova nalowo usand’ ukuqala ukufundelwa iBhayibhile, basenokufunda izinto ezahlukeneyo kwiinyaniso ezilula zeBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba izinto esimenzela zona uYehova neemeko zethu zatshintsha ukususela oko sabhaptizwa. Xa sicinga ngezinto esazifunda eBhayibhileni, sifunda indlela entsha esinokuzisebenzisa ngayo kwimeko esikuyo ngoku. Makhe sibone ukuba umKristu ekudala ekhonza uYehova unokufunda ntoni kwezi mfundiso zintathu zilula zeBhayibhile.
UYEHOVA NGUMDALI
4. Ukwazi ukuba uYehova nguMdali kusincede njani?
4 “Lowo wakha zonke izinto nguThixo.” (Heb. 3:4) Siyazi ukuba umhlaba nezinto eziphila kuwo zadalwa nguMdali olumkileyo nonamandla kakhulu. Ekubeni sidalwe nguye, akukho kwanto angayaziyo ngathi. Ngaphezu koko, usikhathalele. Uyayazi eyona nto isilungeleyo. Ukwazi le nyaniso yokuba uYehova nguMdali, kubutshintshe kakhulu ubomi bethu, kwasenza sayazi eyona nto siyiphilelayo.
5. Yeyiphi inyaniso enokusinceda sifunde ukuthobeka? (Isaya 45:9-12)
5 Inyaniso yokuba uYehova nguMdali inokusifundisa ukuthobeka. Emva kokuba uYobhi ecinge kakhulu ngesiqu sakhe nangabanye abantu, uYehova wamkhumbuza ukuba Yena unguMdali onamandla onke. (Yobhi 38:1-4) Le nto yamnceda wabona ukuba iindlela zikaThixo ziphakame kakhulu kunezabantu. Ekuhambeni kwexesha nomprofeti uIsaya wathi: “Lungatsho na udongwe kuMbumbi walo ukuba: ‘Wenza ntoni?’”—Funda uIsaya 45:9-12.
6. Kunini apho kubaluleke kakhulu ukucingisisa ngendlela alumke nanamandla ngayo uMdali wethu? (Jonga nemifanekiso.)
6 Njengoko iminyaka ihamba, umKristu usenokuqalisa ukuthembela kwindlela acinga ngayo kunokuthembela ngoYehova neLizwi Lakhe. (Yobhi 37:23, 24) Kodwa kuza kwenzeka ntoni ukuba umntu ucingisisa ngobulumko obungenakuthelekiswa nanto boMdali wakhe uYehova, nangendlela anamandla ngayo? (Isa. 40:22; 55:8, 9) Le nyaniso ibalulekileyo iza kumnceda ahlale ethobekile, aqonde nokuba indlela acinga ngayo uYehova ibalulekile kuneyakhe.
Yintoni enokusinceda sikhumbule ukuba indlela esicinga ngayo ayikho bhetele kunekaYehova? (Jonga isiqendu 6)d
7. Wenza ntoni uRahela ukuze akwazi ukulwamkela utshintsho olwenziwe yintlangano?
7 URahela ohlala eSlovenia ubonile ukuba ukucinga ngoMdali wakhe kuye kwamnceda wahambisana notshintsho olwenziwa yintlangano. Uthi: “Ngamanye amaxesha bekuye kube nzima kum ukwamkela izigqibo ezenziwe ngabazalwana obakhokelayo. Ngokomzekelo, nasemva kokuba ndibukele Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2023 #8, ndothuka xa ndandiqala ukubona umzalwana onentshebe enikela intetho. Ndathandaza kuYehova ndimcela andincede ndilwamkele olu tshintsho.” URahela waqonda ukuba ekubeni uYehova enguMdali wezulu nomhlaba, ngoyena unokuyikhokela kakuhle intlangano yakhe. Ukuba kunzima ukwamkela indlela entsha esiziqonda nesizenza ngayo izinto, kutheni ungathobeki, ucingisise ngendlela alumke nanamandla ngayo uMdali wethu?—Roma 11:33-36.
ISIZATHU SOKUBA UTHIXO EVUMELA IZINTO EZIBUHLUNGU ZENZEKE
8. Kukuncede njani ukwazi ukuba kutheni uThixo evumela izinto ezibuhlungu zenzeke?
8 Kutheni uThixo evumela izinto ezibuhlungu zenzeke? Abanye abantu abaye abakwazi ukuwuphendula lo mbuzo baye bamqumbela uThixo okanye bagqiba ekubeni akakho! (IMize. 19:3) Kodwa wena ufundile ukuba izinto ezibuhlungu azenziwa nguYehova, zenzeka ngenxa yesono esasifumana kuAdam noEva. Ufundile nokuba ngenxa yomonde kaYehova abantu abaninzi baye bafumana ithuba lokumazi, nelokuzibonela indlela aza kuziphelisa ngayo ngonaphakade izinto ezibuhlungu. (2 Pet. 3:9, 15) Ezi nyaniso ziye zakuthuthuzela zaza zakunceda wasondela kuYehova.
9. Kuxa kutheni apho kunokufuneka sicinge ngezizathu zokuba uYehova avumele izinto ezibuhlungu zenzeke?
9 Siyaqonda ukuba ngoxa silinde uYehova aphelise izinto ezibuhlungu, kufuneka sibe nomonde. Kodwa xa thina okanye abantu esibathandayo beneengxaki, bephethwe kakubi okanye beswelekelwe, sisenokuzibuza ukuba kutheni uYehova engakhawulezi aziphelise ezi zinto. (Hab. 1:2, 3) Ngamaxesha anjalo, sakube silumkile xa sicingisisa ngezizathu zokuba uYehova avumele abantu abangamalungisa behlelwe zizinto ezibuhlungu.a (INdu. 34:19) Sinokucingisisa nangokuba into afuna ukuyenza kukuziphelisa ngonaphakade ezi zinto zibuhlungu.
10. Yintoni eyenza uAnne wakwazi ukunyamezela xa wayeswelekelwe ngumama wakhe?
10 Ukwazi ukuba kutheni uYehova evumela izinto ezibuhlungu zenzeke kunokusinceda sinyamezele. UAnne, ohlala kwisiqithi esikwi-Indian Ocean, iMayotte, uthi: “Ndaba buhlungu kakhulu xa ndaswelekelwa ngumama kwiminyaka embalwa eyadlulayo. Kodwa ndisoloko ndizikhumbuza ukuba ayingoYehova owenza sehlelwe zizinto ezibuhlungu. Yena ukufuna nyhani ukuziphelisa, avuse nabantu abaswelekileyo esibathandayo. Ukucingisisa ngezo nyaniso kundenza ndixole ngendlela edla ngokundimangalisa nam.”
11. Sesiphi esinye isizathu sokuba uYehova avumele izinto ezibuhlungu zenzeke? Le nto inokusinceda njani siqhubeke sishumayela?
11 Ukwazi inyaniso yokuba kutheni uThixo evumele izinto ezibuhlungu zenzeke, kunokusenza singayeki ukushumayela. Emva kokuba echaze ukuba uYehova unomonde kuba efuna abantu baguquke ukuze basinde, uPetros wathi: “Kufuneka nicinge ke nina ukuba nimele nibe ngabantu abanjani. Nimele nibe ngabantu abaziphethe ngendlela engcwele nabenza izinto ezibonisa ukuba nizinikele kuThixo.” (2 Pet. 3:11) Enye yezo zinto zibonisa ukuba ‘sizinikele kuThixo’ ngumsebenzi wokushumayela. Sifana noTata wethu, siyabathanda abantu. Sifuna baphile kwihlabathi elitsha likaThixo elinobulungisa. UYehova onomonde unika abantu bendawo ohlala kuyo ithuba lokuba bamkhonze. Sinenyhweba yokusebenza noThixo, nokunceda abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka bafunde ngaye ngaphambi kokuba kufike isiphelo.—1 Kor. 3:9.
SIPHILA ‘KWIMIHLA YOKUGQIBELA’
12. Kusincede njani ukwazi ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’?
12 IBhayibhile iyichaza kakuhle indlela ababeza kuba yiyo abantu “ngemihla yokugqibela.” (2 Tim. 3:1-5) Xa sijonga abantu esiphila nabo, siyayibona indlela esenzeka ngayo esi siprofeto. Njengoko sibona ukuba indlela abaziphethe nabacinga ngayo abantu iya isiba mbi, siqiniseka kakhulu kunangaphambili ukuba sinokulithemba iLizwi LikaThixo.—2 Tim. 3:13-15.
13. Xa sicinga ngomzekelo kaYesu okuLuka 12:15-21, yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?
13 Ukwazi ukuba siphila kwimihla yokugqibela kusinceda silisebenzise kakuhle ixesha lethu. Khawuve indlela ebaluleke ngayo le nto kumzekelo kaYesu okuLuka 12:15-21. (Mfunde.) Kwakutheni ukuze kuthiwe le ndoda isisityebi ‘ayisebenzisi ngqondo’? Kwakungatshiwo kuba isisityebi, kodwa yayingazazi ezona zinto zimele zibaluleke kuyo. ‘Yaziqwebela ubutyebi, kodwa ingesosityebi kuThixo.’ Kutheni kwakubalulekile nje ukuba ikhawuleze iyilungise loo nto? UThixo wathi kuyo: “Uza kubulawa ngobu busuku banamhlanje.” Njengoko eli hlabathi lisondela ekupheleni, sisenokuzibuza: ‘Ngaba izinto endizimisele ukuzenza zibonisa ukuba ndilisebenzisa kakuhle ixesha? Zinjani ezo ndinceda abantwana bam bazimisele ukuzenza? Ngaba ndisebenzisa amandla, ixesha nemali endinayo ukuze ndibe sisityebi ngoku, okanye ndizisebenzisela ukufumana ubutyebi ezulwini?’
14. Into eyenzeka kuMiki ibonisa njani ukuba kububulumko ukucingisisa ngeZibhalo ezibonisa ukuba nyhani siphila kwimihla yokugqibela?
14 Ukucinga ngezinto ezibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela, kunokusinceda siyitshintshe indlela esibujonga ngayo ubomi. Kwenzeka loo nto kanye kudade onguMiki. Uthi: “Ukugqiba kwam esikolweni ndafuna umsebenzi owawuza kundinceda ndifunde ngezilwanyana. Ndandikufuna nokuba nguvulindlela othe ngxi, ndiye kukhonza kwindawo edinga abavakalisi. Abahlobo bam abanokholo oluqinileyo bandicebisa ukuba ndicingisise kakuhle ngokuba ndiza kukwazi nyhani na ukuzenza kakuhle zombini ezi zinto. Bandikhumbuza ukuba eli hlabathi seliza kutshatyalaliswa. Kanti kwihlabathi elitsha ndiza kufunda ngezilwanyana ezininzi kangangoko ndifuna, ngonaphakade. Ngoko ndakhetha ukufundela into engazukuthatha xesha lide. Le nto yandenza ndafumana umsebenzi owandinceda ndakwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi, ndaza ekuhambeni kwexesha ndaya kukhonza kwindawo edinga abavakalisi, e-Ecuador.” Sithetha nje uMiki nomyeni wakhe bakumsebenzi wesiphaluka kwelo lizwe.
15. Into eyenzeka kuYakobi isinceda njani sisiqonde isizathu sokuba sifanele singabancami abantu abangekabi namdla kwiindaba ezilungileyo? (Jonga nemifanekiso.)
15 Asifanele sityhafe xa ekuqaleni abantu bengafuni ukuzimamela iindaba ezilungileyo, kuba banokutshintsha. Khawucinge ngomninawa kaYesu, uYakobi. UYesu wakhula phambi kwakhe, waba nguMesiya, waza wafundisa ngendlela ekungazange kwafundiswa ngayo ngaphambili. Sekunjalo, kwaqengqeleka iminyaka uYakobi engade abe ngumlandeli kaYesu. Waba ngumlandeli wakhe emva kokuba evusiwe, futhi wayekhuthele kakhulu.b (Yoh. 7:5; Gal. 2:9) Ungaze uyijongele phantsi indlela ekubaluleke ngayo ukushumayela kubantu ozalana nabo abangekabi namdla, nokuphinda ushumayele kubantu abebekade bengafuni ukumamela umyalezo woBukumkani. Khumbula ukuba siphila kwimihla yokugqibela, ngoko umsebenzi wethu wokushumayela ungxamisekile. Into oyixelela abantu ngoku basenokuyikhumbula kwixesha elizayo, mhlawumbi nasemva kokuba kuqale intlungu engathethekiyo.c
Yintoni enokusenza singabancami abantu esizalana nabo abangengomaNgqina? (Jonga isiqendu 15)e
HLALA UMBULELA UYEHOVA NGEZIKHUMBUZO ZAKHE
16. Zikuncede njani izikhumbuzo zikaYehova? (Jonga nebhokisi ethi “Zisebenzisele Ukunceda Abanye.”)
16 Ezinye izinto ezisinceda siyazi iBhayibhile nezilungiselelwe yintlangano yethu zenzelwe abantu abangayazi kangako iBhayibhile. Ngokomzekelo, intetho yesidlangalala esiyifumana qho ngeveki, amanye amanqaku neevidiyo eziku-jw.org/xh neemagazini esizihambisa entsimini, zilungiselelwe abantu abangengomaNgqina. Sekunjalo, nathi ziyasinceda izikhumbuzo ezikwezi mpapasho. Zisenza simthande kakhulu uYehova, ziqinisa ukholo lwethu kwiLizwi lakhe, zize zisincede sikwazi ukubafundisa kakuhle abantu iinyaniso ezilula zeBhayibhile.—INdu. 19:7.
17. Zeziphi izinto ezinokukwenza ucinge ngeemfundiso ezilula zeBhayibhile?
17 Thina maNgqina KaYehova siyavuya xa kulungiswa indlela ebesikade siziqonda ngayo iinyaniso eziseBhayibhileni. Sekunjalo, simbulela kakhulu uYehova ngeemfundiso ezibalulekileyo zeBhayibhile ezasenza sayithanda inyaniso. Ukuba kunokwenzeka sicinge ukuba indlela esizenza ngayo izinto nesicinga ngayo ibhetele kakhulu kunokuthobela imiyalelo yentlangano, simele sithobeke, sikhumbule ukuba le ntlangano ikhokelwa nguMdali onamandla nolumke kakhulu. Xa thina okanye umntu esimthandayo enyamezele ingxaki, sinokuba nomonde, sicinge ngesizathu sokuba uYehova evumele izinto ezibuhlungu zenzeke. Naxa sisenza isigqibo sokuba silisebenzise njani ixesha nezinto esinazo, simele sikhumbule ukuba selilincinci kakhulu ixesha elishiyekileyo lokuba kupheliswe eli hlabathi. Masiqhubeke sisomelezwa zizikhumbuzo zikaYehova, zisikhuthaze, zize zisenze silumke.
INGOMA 95 Kuya Kukhanya Ngokukhanya
a Jonga inqaku elithi “Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela” kwiMboniselo kaMeyi 15, 2007, iphepha 21-25.
c Jonga inqaku elithi “Yintoni Esiyaziyo Ngendlela UYehova Aza Kugweba Ngayo?” kwiMboniselo kaMeyi 2024, iphepha 8-13.
d INGCACISO YEMIFANEKISO: Icebiso lomdala alamkelwa liqumrhu labadala. Ebusuku, ejonge iinkwenkwezi, uyabona ukuba indlela acinga ngayo ayikho bhetele kunekaYehova.
e INGCACISO YOMFANEKISO: Kufundisiso lwakhe, udade ufunda izinto ezibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Le nto imenza afowunele udadewabo aze amshumayeze.