IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w25 Septemba iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Ukunyuka Ngamaphiko Njengeenkozi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Iliso Lokhozi
    Vukani!—2003
  • Izinto Ekuthethwa Ngazo Kwincwadi YeNgoma Yazo Iingoma
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
w25 Septemba iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Umbhali weMizekeliso 30:​18, 19 wathi ‘indlela yendoda nentombi yayimbhida.’ Wayethetha ukuthini?

Abantu abaninzi bayazibuza ukuba athetha ukuthini la mazwi, nkqu nabo bayazi kakhulu iBhayibhile. KwiZibhalo Ezingcwele​—INguqulelo Yehlabathi Elitsha xa ziphelele ezi vesi zithi: “Kukho izinto ezintathu ezindibhidayo [okanye, “ezindimangalisa ngeyona ndlela,” umbhalo osemazantsi], ezine endingaziqondiyo. Indlela yokhozi emazulwini, indlela yenyoka eliweni, indlela yenqanawa embindini wolwandle, nendlela yendoda nentombi.”​—IMize. 30:​18, 19.

Besikade sicinga ukuba, amazwi athi ‘indlela yendoda nentombi’ achaza into engalunganga. Bekutheni? Ezinye iivesi ezikwesi sahluko zithetha ngezinto ezimbi ezingaze zithi “kwanele.” (IMize. 30:​15, 16) Kuvesi 20 kuthethwa ‘ngomfazi oziphethe kakubi,’ othi akenzanga kwanto imbi yena. Ngenxa yaloo nto besikade sicinga ukuba njengokhozi olubhabhayo, inyoka eliweni, nenqanawa embindini wolwandle, indoda inokwenza izinto ezingasoze zaziwe ngabanye abantu. Ngoko amazwi athi ‘indlela yendoda nentombi’ besikade sisithi athetha ngento embi​—ngomfana oqhatha intombi izibone sele ilele naye ingaqondanga.

Kodwa kukho isizathu esisenza sikholelwe ukuba kwezi vesi kuthethwa ngento entle. Umbhali wayethetha nje ngezinto ezazimmangalisa.

Imibhalo yakudala yesiHebhere iyayixhasa into yokuba kule vesi kuthethwa ngento entle. Ngokutsho kweTheological Lexicon of the Old Testament, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ezindibhidayo” kwiMizekeliso 30:18 “libonisa into umntu ayibona imangalisa, okanye angayikholelwayo ukuba ingenzeka.”

NoProfesa Crawford H. Toy waseHarvard University eseUnited States, wathi kule vesi akuthethwa ngento engalunganga. Wathi: “Eyona nto ichazwayo yindlela ezimangalisa ngayo izinto ekuthethwa ngazo.”

Kubonakala kufanelekile ke ukukholelwa ukuba kwiMizekeliso 30:​18, 19 kuchazwa izinto ezimangalisa nyhani nezisibhidayo. Nathi njengombhali weBhayibhile, iyasimangalisa indlela ukhozi olubhabha ngayo, inyoka engenamilenze enyuka ngayo eliweni, inqanawa esindayo ehamba ngayo embindini wolwandle, nendlela umfana nentombi abathandana ngayo baze baphile kamnandi kunye.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share