Izenzo ZamaNgqina KaYehova Kumaxesha Ethu
EAngola
Ngaba imfazwe yamakhaya yamashumi eminyaka iyakuphelisa ukukholelwa kuThixo? Ngaba iinzima neentshutshiso ziyakuphelisa konke ukuzimisela ukwabelana nabanye ngenyaniso yeLizwi likaThixo? Ingxelo yembali yamaNgqina kaYehova aseAngola ikuphikisa ngokuphandle oko! Ibali labantu abakhonza kwelo liya kulomeleza nolwakho ukholo kumandla akhuthazayo kaYehova.
EArgentina
Khawuthelekelele indlela ekulucelomngeni ngayo ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kulo lonke ilizwe eligubungela umhlaba ongaphezu kwezikweri zeekhilomitha ezizizigidi ezi-2,7, eliquka iindawo ezahlukahlukeneyo ezisemagqagaleni, nelinabemi bemilibo eyahlukahlukeneyo. Yandula ke ucinge ngendlela owawusenziwa ngayo loo msebenzi xa amaNgqina kaYehova ayevalw’ umlomo kangangeminyaka engama-30 kwelo lizwe. Bona indlela amaNgqina elo lizwe likuMzantsi Merika aye oyisa ngayo loo miqobo.
EFrench Guiana
Yintoni ebiya kubangela ukuba abantu bazibhokoxe ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo phakathi kweengozi zamahlathi ashinyeneyo? Yintoni ebiya kushukumisela abantu ukuba behlise imilambo enemisinga enamandla ngamaphenyane ukuze baye kufika kubantu abahlala kwanti? Ngumnqweno wokufikelela abo bantliziyo zinyanisekileyo ngenyaniso yeBhayibhile. Abaninzi baye benza kanye oko eFrench Guiana, eMzantsi Merika. Funda ngebali labo elichukumisayo lokholo nenkalipho.